IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/07 iphe. 4
  • Makubekho Uthando Ekhaya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Makubekho Uthando Ekhaya
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Indlela Yokuhlakulela Uthando Lokwenene
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bathande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 8/07 iphe. 4

Inyathelo 2

Makubekho Uthando Ekhaya

Kutheni eli ilinyathelo elibalulekileyo? Abantwana bafuna uthando yaye abakhuli kakuhle xa uthando lungekho ekhaya. Ngeminyaka yee-1950, isazinzulu ngemvelaphi yabantu uM. F. Ashley Montagu wathi: “Eyona nto ifunwa ngabantu ukuze baqhubeke bephila baze babe sempilweni kukuthandwa, ingakumbi kwiminyaka yabo yokuqala emithandathu.” Iingcali zale mihla kulo mbandela zivumelana ngokupheleleyo namazwi akhe zisithi “abantwana bagula gqitha xa bengathandwa ngokwaneleyo.”

Ingxaki: Ukuphila kwihlabathi elinabantu abangenaluthando nabazingcayo kuwenze abuthathaka amaqhina entsapho. (2 Timoti 3:1-5) Abantu abatshatileyo basenokufumanisa ukuba iingxaki zemali nengcinezelo yokukhulisa abantwana iyazandisa iingxaki ezikhoyo zomtshato. Ngokomzekelo, ukubethana kwezimvo kwabantu abatshatileyo ngendlela yokuqeqesha nokuvuza abantwana xa beziphethe kakuhle isenokubangela ingcinezelo engakumbi kubantu abakufumanisa kunzima kakade ukuncokolisana.

Isicombululo: Cebani ixesha elithe rhoqo enilichitha kunye njengentsapho. Abantu abatshatileyo bafanele bacebe ukuchitha ixesha elithile kunye. (Amosi 3:3) Lisebenziseni kakuhle ixesha emva kokuba abantwana belele. Musani ukuvumela umabonwakude anihluthe la mathuba abalulekileyo. Lugcineni uthando lwenu luvutha ngokuyivakalisa indlela enithandana ngayo. (IMizekeliso 25:11; INgoma yazo iiNgoma 4:7-10) Kunokusoloko “uhlab’ amadlala,” suku ngalunye khangela into onokulincoma ngayo iqabane lakho.—INdumiso 103:9, 10; IMizekeliso 31:28.

Baxelele abantwana bakho ukuba uyabathanda. UYehova uThixo wababekela umzekelo omhle abazali ngokumxelela ngokuphandle uNyana wakhe uYesu ukuba uyamthanda. (Mateyu 3:17; 17:5) UFleck, indoda enabantwana yaseOstriya, uthi: “Ndifumanise ukuba abantwana bafana neentyatyambo. Kanye njengokuba ezi ntyatyambo zijika zize zikhangele elangeni ukuze zifumane ukukhanya nobushushu, abantwana balindele ukuba abazali babo babathande baze babaqinisekise ukuba bangamalungu entsapho axabisekileyo.”

Enoba utshatile okanye ungumzali ongenaqabane lomtshato, ukuba uyayinceda intsapho yakho ukuze ithandane ize imthande noThixo, uya kuba nentsapho eyonwabileyo.

Noko ke, ithini iBhayibhile ngokusebenzisa igunya lobuzali?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

“Uthando . . . lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.”—Kolose 3:14

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share