Ndithanda Umculo, Ubomi NeBhayibhile
Kubalisa UBoris N. Gulashevsky
Yiba nomfanekiso-ngqondweni wendoda esele igabule iminyaka engama-60 ubudala, iyimfama kwaye ikhe yahlaselwa sisifo sentliziyo izihlandlo ezibini. Ithe gwantyi iinyembezi, ibulela uThixo ngokuzibonakalisa Kwakhe kuyo. Leyo, yimeko ebendikuyo kwiminyaka nje eli-11 edluleyo.
NDAZALWA ngowe-1930, kwidolophana yaseUkraine, eTsibulev, kwisithili saseCherkassy. Ngowe-1937, ngoxa uStalin wayelawula ngegqudu, utata wabanjwa waza watyatyekwa ngezityholo zokuba “lutshaba lweLizwe.” Igumbi esasiliqeshile lahluthwa yaye sashiywa kwesinomhlwa ngabahlobo bethu. Kamva uninzi lwabo lwabanjwa. Elo yayilixesha lokungathembani, ukungcatsha nokoyika.
Kwiinyanga ezimbini emva kokuba utata ebanjiwe kwazalwa udadewethu, uLena. Mna umama, uLena nomkhuluwa wam uNikolai, sasihlala kwigumbi elincinane elingenazifestile lingenaso nesitovu. Emva koko, saya kuhlala notat’ omkhulu. Mna noNikolai sasicoca indlu, sithez’ iinkuni silungisa nezinto ezonakeleyo. Ndandikuthanda umsebenzi wezandla. Ndandisenza izihlangu ndikwanguye nomchweli. Kuba ndandiwuthanda umculo, ndazenzela ibalalika ngeplanga ndaza ndafunda ukuyidlala. Emva koko ndafunda ukudlala ikatala nemandolin.
Kwiminyaka nje embalwa ngaphambi koko, ndabhaptizwa kwiCawa yamaKatolika. Kodwa kuba ndandingaziqondi iimfundiso okanye izithethe zale cawa, iimbono zabantu abangakholelwayo kuThixo zavakala zisengqiqweni kum. Emva kweMfazwe Yehlabathi II, ndazimanya nombutho obizwa ngokuba yiKomsomol (umbutho wolutsha olungamaKomanisi) yaye xa kwakuvela ithuba, mna namalungu alo mbutho sasivusa ingxoxo namakholwa, siwabonisa ubungqina bokuba uThixo akakho.
Xa Ndaba Yimfama
Emva kokuhlaselwa kweSoviet Union ngamaJamani ngowe-1941, amadoda awayesilwa adlula izihlandlo ezininzi kwidolophana yethu ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini. NgoMatshi 16, 1944, ndenzakaliswa sisiqhushumbisi ndaza ndaba yimfama. Ndandiphelelwe ngamandla nalithemba phofu neentlungu zizenzela.
Xa umlo wehlela ngasentshona amaJamani anyanzeleka ukuba axhom’ izandla, ndandidla ngokuchitha isithukuthezi egadini ndize ndiphulaphule iintaka zicula. Umama evelana nam, wandithengela igrangqa ukuze ndisele yaye nabantu nje basekuhlaleni babendimemela kumatheko abo ukuze ndibadlalele umculo. Ndanditshaya yaye ndandisela ukuze ndilibale ngeengxaki zam. Ndabona ukuba le ndlela yokuphila ayindincedi nganto.
Umakazi owayeyititshalakazi, wacebisa umama ukuba andise kwisikolo seemfama. Ngowe-1946, ndabhalisa kwisikolo esaziwa ngoku ngokuba yiKam’yanets’-Podil’s’kyy, kulapho ke ndafunda khona ngokuzimisela. Ndafunda ukulesa ngokuchwetheza ngeBraille. Ndaqhubeka ngezifundo zomculo, ndichitha iiyure ndiqhelisela ikostina. Emva kokubona indlela endandizimisele ngayo, inqununu yesikolo yacela ukuba ndidlale ikhodiyane yayo. Ndandula ke ndafunda nokudlala ipiyano.
Ukuba Nendlu Ethi Mna
Ngowe-1948, ndatshata netitshalakazi eyayindincedisa kwizifundo zam. Umyeni wayo wafa ngexesha lemfazwe, imshiya neentombi ezimbini. Emva kokuba ndigqibe esikolweni ndahlala endlwini yayo. Ndenza konk’ okusemandleni am ukuba ngumyeni nobawo olungileyo, ndifumana imali ngokudlala umculo. Sandula ke ngowe-1952, saba nonyana.
Ndenza amalungiselelo okuba sibe nendlu, ndaqesha abantu bokwakha isiseko neendonga zangaphandle, kodwa izinto ezininzi ndazenzela ngokwam. Ukubamba izinto nokuqikelela ezinye kwathabath’ indawo yamehlo. Ndandibamba iplanga ngesandleni ndize ndicinge ukuba linokuba njani na ngokuzenzela umfanekiso-ngqondweni. Emva koko ndandisakha into yeplanga okanye isixhobo sokusebenza esenziwe ngeplanga. Izixhobo zentsimbi ndaziodola kumzi-mveliso. Ndenza isitovu sezitena, ndenza ifanitshala nezinye izinto.
IOkhestra Yefluti
Ndafumana olunye uqeqesho ndaza ndaba ngumdlali womculo ovunyiweyo. Emva kokufunda ezinye izixhobo zomculo ndafunda ukudlala ifluti. Ndakha ndalungisa nefluti eyayonakele eyenziwe ngoqalo. Emva koko, ndafunda ukuzenzela ezam iifluti. Ngeloo xesha iingcali zomculo zazicinga ukuba akunakwenziwa ifluti idlale ngesandi esikhulu, njengokuba ubukhulu befluti buthetha ukuba isandi sayo siza kuba sincinane. Yile nto eyenza ukuba ingabikho iokhestra yefluti.
Ndakwazi phofu ukwenza ifluti enesandisi-lizwi. Oku kuthetha ukuba iifluti zazinokwenziwa zibe nesandi esikhulu yaye sivakale kakuhle. Ekuhambeni kwexesha, ndenza iiseti ezahlukeneyo zazo ezazinokudlalwa zonke ngaxeshanye.
Ngaphambilana ndandiququzelele iokhestra edlalwa ngezixhobo zasekuhlaleni. Enye yeeokhestra zam yayinabantu abaziimfama kuphela. Ndandula ke ngowe-1960, ndaququzelela iokhestra eyayidlalwa ngeefluti kuphela—yayikuphela kwayo kwiSoviet Union, mhlawumbi ehlabathini lonke.
Ukufumanisa Izinto Ezintsha Namathandabuzo
Ngowe-1960, ndandilungiselelwa izixhobo zomculo yingcali ethile yaye yaqalisa ukuncokola ngonqulo. Njengokuba ndandidla ngokwenza, ndayiphikisa, ndisithi akakho uThixo. Yacebisa ukuba ndiphulaphule oko iBhayibhile ikutshoyo. Njengokuba ndingazange ndiyifunde iBhayibhile, ndagqiba kwelokuba ndiphulaphule.
Yandichukumisa into yokuba uYakobi wayisebenzela nzima intsapho yakhe. Ndaphulaphula nebali labazalwana bakaYosefu, abamthengisa ebukhobokeni ndeva nangeembandezelo zakhe nendlela awabaxolela ngayo. Le ngxelo yandenza ndacela kule nto yabantwana. (Genesis, isahluko 37, 39-45) Ndawuthanda kakhulu uMthetho Omkhulu, othetha ngokuphatha abanye ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo. (Mateyu 7:12) Ngoko ke, ndaqhelana neBhayibhile ndaza ndayithanda.
Ndaya ecaweni yaseBhaptizi nomhlobo wam yaye kulapho ke ndafumana khona “iTestamente Entsha” ngeBraille ndaza ndayifunda ngocoselelo. Kodwa ndabona umahluko omkhulu phakathi kwezinto ezazifundiswa kwicawa yaseBhaptizi nezinto eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, njengokuba iBhayibhile ibonisa, uThixo noYesu ngabantu ababini abahlukeneyo yaye uThixo mkhulu kunoYesu. (Mateyu 3:16, 17; Yohane 14:28; IZenzo 2:32) Kodwa wona amaBhaptizi akholelwa kwelokuba uThixo noYesu ngumntu omnye, inxalenye kaBathathu Emnye. Ndayifunda ngokuphindaphindiweyo yonke “iTestamente Entsha,” yaye ndandiqinisekile ukuba le mfundiso yayingekho eBhayibhileni.
KwiBhayibhile esasinayo kwakukho igama elithi “isihogo.” Ndazama ukuba nomfanekiso-ngqondweni wesihogo ngendlela amaBhaptizi ayefundisa ngayo—indawo yokuthuthumbisa evutha umlilo. Kwakuhlasimlis’ umzimba ukucinga ngendawo enjalo. IBhayibhile ithi uThixo uluthando yaye yayingekho ngqiqweni into yokuba unokudala indawo enjalo. (1 Yohane 4:8) Kwaqengqeleka iintsuku ndithandabuza isihogo nezinye iimfundiso zamaBhaptizi.
Utshintsho Olukhulu
Ngowe-1968 iintombi zomfazi wam zazisele zitshatile yaye zinabantwana bazo. Malunga neli xesha mna nomfazi wam saqala ukungaboni ngasonye kwizinto ezininzi. Xa ndicinga ngezinto ezenzeka ngelo xesha, ndisuka ndibe nesingqala kuba singazange sibonise uthando nomonde omnye komnye. Saqhawula umtshato, phofu neminye imitshato yam emibini eyalandelayo yaphelela kuqhawulo-mtshato.
Ngowe-1981, ndafuduka eKam’yanets’-Podil’s’kyy, emva kweminyaka engama-35 ndihlala apho, ndafudukela eYoshkar-Ola, malunga neekhilomitha ezingama-600 kwintshona yeMoscow. Ndaqhubeka nomsebenzi wam wezandla. Enye yeeokhestra zam yayinamalungu angama-45 yaye bonke bedlala iifluti. Ezinye iifluti zaziphakathi kweesentimitha ezingama-20 ubude inenowuthi ephezulu yaye inesangqa esingaphantsi kwesentimitha kodwa ezinye ziziimitha ezimbini ubude zinesandi sebhasi yaye zinesangqa esiziisentimitha ezingama-20. Iikonsathi zethu zazidlalwa kunomathotholo nakumabonwakude ibe sasidlala kuyo yonke iSoviet Union.
Ngowe-1986, kukhuphiswano olwalubandakanya onke amaqela aseSoviet Union, ndafumana isatifiketi nembasa ngenxa yokuphuhlisa ubugcisa befluti. Kwiminyaka kamva kwenziwa inkqubo eyifilimu enomxholo othi Solo for Pipe, or the Fairy Tale of a Musician. Iphephandaba iMariiskaya Pravda yanikela le ngxelo: “UBoris Nikolaievich Gulashevsky, okule filimu, ufumene isatifiketi esikhethekileyo sokuyila iokhestra yefluti nekuphela kwayo eRashiya.”
Ukufuna Inyaniso
Xa ndafudukela eYoshkar-Ola, ndabhalisela ukusebenzisa ithala leencwadi elalinezinto ezininzi zabantu abangaboniyo. Ndaqhelana neemfundiso zamaKatolika, amaPentekoste nezamaWesile. Ndakha ndaman’ ukuya nakwiCawa yobuOthodoki. Kwandothusa ukubona indlela ezazifana ngayo ezi mfundiso neemfundiso zecawa yaseBhaptizi.
Umfundisi wamaOthodoki, uAlexander Men, wabhala ukuba uThixo unegama elithi—Yahweh. Wakwathi, amaYuda akha anqula ngendlela echanileyo, kodwa kamva unqulo lwawo lwachatshazelwa ziimfundiso zobuhedeni nonqulo-zithixo. Iincwadi zakhe zaba nefuthe kumnqweno endandinawo wokufuna inyaniso.
Ukuzimisela Nangakumbi
Kwenye yeeokhestra zam, kwakukho enye imvumi, uLiza, ndlela le wayengaboni ngayo wavunywa ngokusemthethweni ukuba uyimfama. Satshata ngowe-1990, waza naye wanomdla kwizinto zonqulo. Kwangaloo nyaka mnye, ndatyelela umama, owayehlala nodadewethu uLena, eBaranovichi, eBelarus. Umama wandicela ukuba ndiye kwiCawa yamaKatolika, nam ndaya ndaza ndafumana umthendeleko. Eli yayilixesha leperestroika [ixesha leenguqu eSoviet Union] yaye umfundisi wayechitha ixesha elininzi kwiintshumayelo zakhe ethetha ngeenguqu zobupolitika. Kwakhona, ndabona ukuba le asiyiyo lento ndiyifunayo.
Ngowe-1994, ndahlaselwa sisifo sentliziyo kwade kwakabini yaye ndagula ngendlela exhomis’ amehlo. Kwangaloo nyaka mnye umama wasweleka. Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto ndaqhubeka ndifunda iBhayibhile. Ndiyifunde iTestamente Entsha kangangezihlandlo ezingama-25, emva koko ndayeka ukubala. Kodwa ndaqhubeka ndifunda yaye ndisiba nemibuzo omnye emva komnye. Yacaca mhlophe eyokuba andinako ukuziqonda izinto eziseBhayibhileni ndindodwa.
Ukufumana Ulwazi
Ngowe-1996, kwankqonkqoza amaNgqina kaYehova endlwini yethu eYoshkar-Ola. Ndandingawaginyi ncam, kaloku amaphephandaba awatyabeka ngokuba alihlelo eliyingozi. Kodwa ndazibuza oku ‘Yintoni le iyingozi anokundenza yona?’ Into yokuqala endayibuzayo yaba malunga noBathathu Emnye. Athi elo gama alikho eBhayibhileni ngokunjalo, naloo ngcamango. Oku kwandivuyisa ngokwenene, kuba nam ndandivumelana nawo.
Xa ndafunda incwadi ye-Eksodus 6:3 kwiBhayibhile yaseRashiya, ndaza ndafumana igama likaThixo, uYehova, ndaphants’ ukufa kukothuka. Ndandingayikholelwa inkohliso nendlela iicawa eziye zakufihla ngayo oku ebantwini. Ndawothulel’ umnqwazi amaNgqina ngokuthwala igama loMdali nokuze alityhile kwabanye!—Isaya 43:10.
Ndawapheka ndiwophula ngemibuzo la maNgqina. Ngokomzekelo: “Kutheni iBhayibhile ithetha ngesihogo?” “Kutheni kwiBhayibhile yesiRashiya kusithiwa umhlaba uza kutsha?” Ndabuza umbuzo, omnye emva komnye, kodwa ndakufumana iimpendulo eBhayibhileni, ndabona ukuba ndilufumene unqulo ekudala ndilufuna kangangeminyaka. Zesuka zeyenge iinyembezi, ndaguqa ngamadolo ndambulela uThixo.
Ngokukhawuleza amaNgqina andimemela kwiintlanganiso zawo yaye yandichukumisa indlela abantu ababephulaphule ngeyameko ngayo nokuva indlela ababeyityhila ngayo iBhayibhile behambisana nesithethi. Xa isithethi sibiza indinyana yeBhayibhile, abantu babezijongela kwezabo iiBhayibhile. Ndandiyizibula ke ley’ into. Xa ndandikwezi ntlanganiso ndeva amaNgqina ecula ingoma esekelwe kuIsaya 35:5, eyayiqala ngamazwi athi: “Xa ziphinda zibona iimfama.”
Kwakumnandi ukufunda namaNgqina kangangezihlandlo ezine ngeveki. Ngokukhawuleza ndabona ukuba uThixo uvumele iingxaki neemfazwe yaye useza kwenza okuthile ngemiphumo yezi ntlekele. Kwandichukumisa kakhulu ukufunda ngethemba likaThixo loBukumkani bakhe, ngenxa yabo, injongo yakhe kukuba uluntu oluthobelayo lunandiphe ubomi kwiparadesi esemhlabeni. (Genesis 1:28; Isaya 65:17-25; ISityhilelo 21:1-5) Kwaya kusisa ngoku ngeenyaniso zeBhayibhile yaye ngoNovemba 16, 1997, ndabhaptizwa ndifuzisela uzahlulelo lwam kuThixo.
Ukumanyana Kwinkonzo KaThixo
Kungekudala emva kokubhaptizwa kwam, uLiza naye waba nesifundo seBhayibhile. Nakuba wayengumlwelwe, wenza inkqubela ekhawulezileyo waza wabhaptizwa ngowe-1998. Kwafuneka athwalwe ukuya kwiqula lokubhaptizwa kodwa wayezimisele ukukhonza uThixo ngomphefumlo uphela. Saqesha umntu ophulula umzimba yaye uLiza wenza umthambo. Ekuhambeni kwexesha, ubulwelwe baphel’ esithubeni. Ngoku akayi nje kwiintlanganiso kodwa ushumayela kwindlu nendlu aze aye nakwiindawo ezikude.
Rhoqo ndisiya kushumayela ndithandazela inkalipho. Emva kokuba ndithandazile, ndithabatha intonga yam, ndiye kwindawo ekukhwelelwa kuzo iibhasi. Xa ndisiva umntu esiza ndithetha naye ngeBhayibhile. Xa ndisiya kule ndawo yokulinda iibhasi, ndihlala kumbindi wesitulo ukuze ndithethe nabantu ngeBhayibhile ndize ndibahambisele iincwadi. Xa umntu enomdla, ndicela inombolo yakhe yomnxeba nam ndimnike eyam.
Kwixeshana elingephi elidluleyo ndiye ndathetha notitshala ofundisa umculo. Wamangaliswa bubulumko obusuka eBhayibhileni. Xa le titshala yabuyela ekhaya yafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kwesi sikolo sinye somculo, ndadibana nomlawuli womzi-mveliso naye ononyana oyimfama. Ndamxelela ngethemba endinalo yaye waba nomdla waza wabulela ngeenyaniso zeBhayibhile azifumeneyo.
Ukususela ekubhaptizweni kwam, ndiye ndanceda abantu abasibhozo ukuba babe ngabashumayeli boBukumkani yaye ndiye ndafunda nabanye abaninzi. UYehova uyasixhasa mna nomfazi wam ngabazalwana noodade abangamaKristu. Bayasifundela iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni size sincokole ngazo. Basirekhodela iiNdibano neentetho zebandla. Zonke ezi zinto zibethelela iinyaniso zeBhayibhile ezintliziyweni zethu size thina sabelane nabanye ngazo. Ngoko ibandla ‘liyasomeleza.’—Kolose 4:11.
Ndiye ndachitha ixesha elininzi emculweni yaye ngoku ndicula iingoma zoBukumkani. Ndiye ndazifunda ndaze ndazazi ngentloko zonke iingoma ezikwiculo lesiRashiya elithi Mvumeleni Indumiso UYehova. Ndikholelwa ukuba uYehova uye wandinyula kweli hlabathi lingendawo ukuze andincede ndifumane indlela yokuphuma kubumnyama bokomoya. Ngenxa yoko ndiqinisekile ukuba useza kundenza ndikwazi ukuphuma kubumnyama bokungaboni.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ndidlala ifluti yebhasi enguC-major
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukudlala ikhodiyane
[Umfanekiso okwiphepha 20, 21]
Iokhestra yefluti
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ndikunye noLiza namhlanje