Uqeqesho Lobuthixo Luvelisa Isiqhamo Esihle
Abazali abafundisa abantwana babo beselula badla ngokufumana iziqhamo ezihle ngemigudu yabo. UDorian, inkwenkwana yasePeru, eMzantsi Merika, wanikela intetho yakhe yokuqala kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova xa wayeneminyaka emine ubudala. Xa waqalisa ukuya esikolweni, esebenzisa iBhayibhile, wakwazi ukuchazela utitshala wakhe nabantwana awayefunda nabo isizathu sokuba engayibhiyozeli iKrismesi.
Mvanje, xa ebeneminyaka emihlanu ubudala, uDorian uye wacelwa ukuba athethe phambi kwabo bonke abantwana besikolo—abafundi abanokuba ngama-500—ngoko akukholelwayo ngeFather’s Day. Walungiselela intetho yemizuzu elishumi enomxholo othi: “Iimbopheleleko ZikaTata,” esekelwe kwindinyana yeBhayibhile yabase-Efese 6:4. Ekuqukumbeleni intetho yakhe, uDorian wathi: “Kunokubhiyozela iFather’s Day kube kanye ngonyaka, abantwana bafanele babahlonele baze babathobele abazali babo suku ngalunye.”
Ngowe-1943, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esilungiselelwe abantu abaselula nabakhulileyo ukuze baphucule ubuchule bokuthetha esidlangalaleni, saba yenye yeentlanganiso eziqhutywa ngamaNgqina kaYehova veki nganye. Ukususela ngoko esi sikolo siye sanikela uqeqesho olusekelwe eBhayibhileni ukongezelela kwisibongozo sabazali sokuqeqesha abantwana babo.—IMizekeliso 22:6.
NgoNovemba 2005, eneminyaka emithandathu ubudala, uSimon, inkwenkwana yaseSwitzerland, wanikela intetho yakhe yokuqala yokufunda iBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kwixesha elinokuba ngunyaka kamva, waba nodliwano-ndlebe kwindibano enkulu yamaNgqina kaYehova. Wayezijonga njani izinto zokomoya?
USimon uyakuthanda ukuya kwiintlanganiso zebandla, njengokuba kuboniswa yimizamo ayenzayo ukuze angaphoswa yiyo nenye, kwanaxa ediniwe. Ngaphezu koko, uhamba namalungu entsapho yakokwabo xa esiya entsimini. Uhambisa iiMboniselo nooVukani! abangama-30 ukusa kwabangama-50 ngenyanga kubantu abakhulu nabancinane. Ukongezelela, udla ngokuthetha noyise ngeBhayibhile aze amkhuthaze ukuba ahambe namanye amalungu entsapho xa esiya ezintlanganisweni.
Alithandabuzeki elokuba, abazali abakhulisa abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova” bafumana uvuyo olukhulu xa abantwana babo bebaphulaphula baze bavelise isiqhamo sokulunga.—Efese 6:4; Yakobi 3:17, 18.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UDorian, esikolweni
[Umfanekiso okwiphepha 28]
USimon, kwiHolo YoBukumkani