Okwenzeka Ehlabathini
◼ “Kwindlu nganye yaseMerika kukho oomabonwakude abaninzi ngaphezu kwabantu abahlala kuloo ndlu. Isiqingatha semizi yaseMerika sinoomabonwakude abathathu okanye ngaphezulu.”—ASSOCIATED PRESS, UNITED STATES.
◼ Suku ngalunye kwiinkundla zaseMzantsi Afrika, abantwana abangama-82 batyatyekwa izityholo “zokudlwengula okanye zokuxhaphaza abanye abantwana.” Uninzi lwabo ludiza ukuba ukuxhaphaza “kuye kwaphenjelelwa zizenzo abazibona kumabonwakude.”—THE STAR, EMZANTSI AFRIKA.
Ukuphuthelwa Kwenza Umntu Angasebenzi Kakuhle
Kubemi baseSpeyin, ukungalali kuqhwalelisa indlela abantu abasebenza ngayo. UGqr. Eduard Estevill, ongumlawuli wekliniki yobuthongo eseBarcelona, uthi, xa kuthelekiswa nabanye abemi baseYurophu, abaseSpeyin bavuka ngenj’ ixukuxa, basebenza iiyure ezininzi, batya izidlo zangokuhlwa sele kuhlwe kakhulu yaye balala umlinganiselo wemizuzu engama-40. Noko ke, ukungalali ngokwaneleyo kunokudala iingxaki ezifana nokuphakanyelwa ziziciko, ukulibala, ukuphakuzela nokuxinezeleka. Ngoko ke, uGqr. Estevill ulumkisa ngelithi “nabani na owenza umsebenzi wengqondo okanye owenza umsebenzi ofun’ ingqalelo, kufuneka alale iiyure ezisixhenxe ukusa kwezisibhozo ngosuku.”
Ngaba Ungaphemb’ umlilo Ngengqolowa?
Ngaba kusengqiqweni ukuphemb’ umlilo ngengqolowa? Iphephandaba laseJamani iFrankfurter Allgemeine Sonntagszeitung lithi, ngenxa yokuba ixabiso lengqolowa lisihla kodwa eleoyile linyuka, kukubal’ iindleko ngomfama ukuba atshise ingqolowa yakhe ukuze afudumale, kunokuthenga ioyile. Ukuyikhulisa iikhilogram ezisisi-2,5 zengqolowa kuxabisa malunga ne-R1,40, kodwa ukuba itshisiwe loo ngqolowa iyafudumeza ngokulingana nelitha yeoyile, ebiza ii-R4,20. Phofu ke, eli phephancwadi lishiya lo mbuzo: Ngaba “ungatshisa ukutya kukho abantu ababulawa yindlala”?
Utyelelo LukaPopu Lushishino
Xa uPopu watyelela iJamani ngowama-2006, imizi-mveliso, abarhwebi nabezoshishino lokukhenketha babeyilinde ngamehlo abomvu ingeniso eyayiza kuziswa lutyelelo lwakhe. Icawa ngokwayo, kwafuneka ikhethe iqabane lezoshishino ukuze ibe lilo lodwa elivelisa iimpahla. Kwakukho iimbasa, iirosari, amakhandlela, iibhotile ezinamanzi angcwele, iikomityi zekofu, izikipa, izihombiso zokugcina izitshixo nendwe yeVatican. Iphephancwadi leendaba iDer Spiegel lathi: “ICawa yamaKatolika ayilali buhlayo ifun’ imali aph’ ikhoyo, ngokungathi uYesu Kristu . . . akazange abagxothe abarhwebi etempileni.”
Ukuqhela Ubundlobongela Ngenxa Yemidlalo Yeevidiyo
Umphengululi waseIowa State University, eUnited States, uthi: “Ukudlala imidlalo yeevidiyo zobundlobongela kunokwenza umntu angothuswa bubundlobongela obenziwa kubomi bokwenene.” Uhlolisiso lwangaphambili luye lwabonisa ukuba, imidlalo enjalo “ivuselela iingcinga ezindlongondlongo, intiyo nokubetha kwentliziyo nokuphefumla ngendlela engaqhelekanga nezenzo ezindlongondlongo.” Kolu hlolisiso kuye kwaqwalaselwa intliziyo kangangexesha elithile neemvakalelo zomntu emva kokuba eye wadlala le midlalo waza wabukela ifilimu enobundlobongela. Iziphumo zoku zibonise ukuba “abantu abadlala imidlalo enobundlobongela abavakalelwa nakancinane ngemifanekiso yobundlobongela.”