Inyathelo 5
Yenza Ucwangciso Lwezinto Ezenziwa Rhoqo Kuze Kubanjelelwe Kulo
Kutheni eli ilinyathelo elibalulekileyo? Abantu abadala banezinto abazenza rhoqo. Umsebenzi, unqulo nokuzonwabisa ngokuqhelekileyo ezo zinto zilandela ucwangciso oluthile. Abazali babafak’ engxakini abantwana babo ukuba ababafundisi ukucwangcisa ixesha lokwenza izinto ezithile baze babambelele kolo cwangciso. Kwelinye icala, uGqr. Laurence Steinberg, unjingalwazi ngokusebenza kwengqondo uthi, “uphando lubonisa ukuba xa kukho imithetho nocwangciso oluthile oko kwenza umntwana azive ekhuselekile yaye kumfundisa ukuzeyisa nokuzenzela izinto.”
Ingxaki: Ubomi bumaxhaphetshu. Abazali abaninzi bachitha ixesha elide emsebenzini, ngoko ke, ababi naxesha lingako abalichitha nabantwana babo ngokuthe rhoqo. Ukucwangcisa ixesha lokwenza izinto nokubambelela kolo cwangciso kufuna ukuzeyisa nokuthintela utyekelo lomntwana lokufuna ukungalulandeli olo cwangciso.
Isicombululo: Sebenzisa umgaqo weBhayibhile othi “zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Korinte 14:40) Ngokomzekelo, ngoxa abantwana babo besebancinane kakhulu, ngobulumko abazali abaninzi bamisela ixesha lokulala. Noko ke, ixesha lokulala lifanele libe lixesha elimnandi ekhaya. UTatiana, ohlala eGrisi nonamantombazana amabini aselula, uthi: “Xa abantwana belala, ndiyabaphulula ndize ndibabalisele ngezinto ebendizenza ngoxa bona bebesesikolweni. Ndandula ke ndibabuze enoba bangathanda ukundibalisela ngezinye zezinto abazenzileyo ngolo suku. Bayakhululeka. Badla ngokundithululela isifuba.”
UKostas, umyeni kaTatiana ufundela la mantombazana amabali. Uthi: “Bathetha ngebali elithile yaye loo ncoko idla ngokukhokelela kwizinto ezibakhathazayo. Akulula ukuba bathethe xa ndibacela ukuba bandixelele izinto ezibakhathazayo.” Phofu ke, njengokuba abantwana bekhula, unokwenza uhlengahlengiso kwizinto enizenzayo xa niza kulala. Kodwa ukuba uyabambelela kolo cwangciso, abantwana bakho basenokuqhubeka bechitha ixesha bekuncokolela.
Ukongezelela, kuhle ukuba iintsapho zikwenze umkhwa ukutya ndawonye ubuncinane kanye ngosuku. Ukuze oku kube ngumkhwa, amaxesha okutya afanele alungelelaniswe neemeko. UCharles, onamantombazana amabini uthi: “Maxa wambi ndifika kade ekhaya xa ndivela emsebenzini. Umfazi wam uwanika nje iintwana-ntwana la mantombazana ukuze angalambi kangako kodwa wonke umntu uyalinda de sibe sikho sonke ngaphambi kokuba sitye. Sincokola ngezinto ezenzeke ebudeni bemini, senze impinda ngeSibhalo setekisi yosuku, sithethe ngeengxaki, size sonwabe ndawonye. Oku kubaluleke gqitha kulonwabo lwentsapho yethu.”
Ukuze oku kuphumelele, musa ukuvumela usukelo lwezinto eziphathekayo luphazamisane nocwangciso lwasekhaya. Sebenzisa icebiso leBhayibhile elithi “niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—Filipi 1:10.
Yintoni enye abazali abanokuyenza ukuphucula ukuncokolisana nabantwana babo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
“Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.”—1 Korinte 14:40