IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/07 iphe. 8
  • Yamkele Indlela Avakalelwa Ngayo Umntwana Wakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yamkele Indlela Avakalelwa Ngayo Umntwana Wakho
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungakoyisa Njani Ukudimazeka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Nceda Abantwana Bakho Baphumelele
    Vukani!—1997
  • Bazali, Nani Bantwana—Nxibelelanani Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 8/07 iphe. 8

Inyathelo 6

Yamkele Indlela Avakalelwa Ngayo Umntwana Wakho

Kutheni eli ilinyathelo elibalulekileyo? Abantwana bafuna ukuba abona bantu babalulekileyo ebomini babo—abazali babo—bazi indlela abavakalelwa ngayo. Ukuba abazali basoloko bengavumelani nendlela abantwana abavakalelwa ngayo, oku kunokwenza abantwana bangancokoli ngokukhululekileyo. Kwakhona basenokuthandabuza enoba bayabacingela kusini na.

Ingxaki: Abantwana batyekele ekuzibaxeni izinto xa bechaza iingcinga neemvakalelo zabo. Liyinyaniso elokuba, maxa wambi abantwana bathetha izinto ezimasikizi abangafuni kuziva abazali. Ngokomzekelo, umntwana ocaphukileyo usenokuthi, “Kubhetele ndife.”a Engakhange acinge, umzali usenokuphendula athi, “Uyabhuda nje wena!” Abazali basenokucinga ukuba xa bevuma ukuba abantwana babo banxunguphele bayavumelana nokuvakalelwa kwabo ngaloo ndlela.

Isicombululo: Sebenzisa icebiso leBhayibhile uze ‘ukhawuleze ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe ukuqumba.’ (Yakobi 1:19) Phawula ukuba uYehova uThixo wavuma xa abakhonzi bakhe abaninzi babevakalisa intlungu yabo kangangokuba oko kwabhalwa eBhayibhileni. (Genesis 27:46; INdumiso 73:12, 13) Ngokomzekelo, xa uYobhi wayejamelene nezilingo ezinzima, wathi ukheth’ ukufa.—Yobhi 14:13.

Ngokucacileyo, kwafuneka ilungiswe indlela uYobhi awayecinga nawayevakalelwa ngayo. Kodwa kunokuba acinge ukuba uYobhi uyabhuda okanye amval’ umlomo, uYehova wamzimasa ngokumvumela ukuba aphalaze imbilini yakhe. Wandula ke uYehova ngobubele wamlungisa. Enye indoda engumKristu enabantwana iwubeka lo mbandela ngale ndlela: “Ekubeni uYehova endivumela ukuba ndizityand’ igila kuye ngomthandazo, ndicinga ukuba kusengqiqweni ukuba nam ndibavumele abantwana bam ukuba nabo bandixelele izinto ezibavuyisayo kunye nezibakhathazayo.”

Nanini na uphinda uziva ufuna ukuthi kumntwana wakho, “Uyabhuda nje wena” okanye “Akuyazi le nto uyithethayo,” khumbula umthetho odumileyo owamiselwa nguYesu: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” (Luka 6:31) Ngokomzekelo, masithi uye waphathwa gadalala emsebenzini okanye wadaniswa ngumntu othile, mhlawumbi ngenxa yeentsilelo zakho. Uchazela umhlobo wakho intlungu onayo emsebenzini kuba ungasakwazi ukuyinyamezela. Yintoni olindele ukuba umhlobo wakho ayenze? Ufuna akuxelele ukuba uyabhuda aze akuchazele ukuba nguwe obangele loo ngxaki? Okanye ngaba ulindele ukuba umhlobo wakho athi: “Kumele ukuba bekunzima. Ngokwenene belunzima olu suku”?

Kusenokwenzeka ukuba abantwana kuquka abantu abadala baya kusamkela isiluleko xa becinga ukuba loo mntu ubalulekayo uvelana nabo yaye uziqonda ngokwenene iingxaki abajamelene nazo. ILizwi likaThixo lithi: “Intliziyo yesilumko ibangela umlomo ubonakalise ingqiqo, yaye kwimilebe yakhe yongeza ubuciko.”—IMizekeliso 16:23.

Unokuqinisekisa njani ukuba nanini na unikela isiluleko siyaphulaphulwa?

[Umbhalo osemazantsi]

a Musa ukuyithabatha kancinane nantoni na ethethwa ngumntwana wakho ngokuzibulala.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

“Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye.”—IMizekeliso 18:13.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share