IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/08 iphe. 8-9
  • Ikamva Lomhlaba—Lixhomekeke Kubani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ikamva Lomhlaba—Lixhomekeke Kubani?
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkokeli Efanelekileyo Yehlabathi!
  • “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
    “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha”
  • Zuza Iintsikelelo NgoKumkani Okhokelwa Ngumoya KaThixo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ukholo Nekamva Lakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Indlela Esinge EParadesi
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 8/08 iphe. 8-9

Ikamva Lomhlaba—Lixhomekeke Kubani?

INATIONAL GEOGRAPHIC kaOktobha 2007 yathi, “ubushushu bomhlaba obugqithiseleyo bubeka abantu kweyona ngxaki yakha yankulu.” Eli phephancwadi lathi, ukuze sikwazi ukuyicombulula le ngxaki, kufuneka “sibhinqe omfutshane size siphangalale engqondweni, nto leyo eye yasoyisa njengabantu ngokubanzi.”

Ngaba abantu baya kuze bakwazi ukuphangalala ngolo hlobo engqondweni? Zininzi izinto eziya kubangela bangakwazi ukwenza oku: ukungakhathali, ukubawa, ukungabi nalwazi, ukunikela ingqalelo kwingxaki enye ngoxa zonke ezinye zityeshelwe, ukufuna ubutyebi, nesimo sengqondo sabaninzi sokufuna ukuphila ubomi obukumgangatho ophezulu, nto leyo ekhokelela ekusebenziseni amandla amaninzi.

Amazwi omprofeti kaThixo wamandulo abonisa ukuba abantu abanakukwazi ukucombulula iingxaki eziphathelele abantu noorhulumente. Wathi: “Ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Xa sikhangela imbali yoluntu siphawula ukuba loo mazwi aye angqineka eyinyaniso. Nangona namhlanje sihambele phambili kwezobugcisa, sineengxaki ezininzi esingazange sicinge ukuba ziya kuze zibekho. Ngoko ke siqiniseka njani ukuba izinto ziya kuba bhetele kwixa elizayo?

Liyinyaniso elokuba kudala kuthethwa ngeendlela zokucombulula iingxaki zemozulu nezinye izinto eziyingozi, kodwa akukho nto ingako eye yenziwa. Ngokomzekelo, basabela njani abantu xa kwavuleka iNorthwest Passage okokuqala ngqa ngowama-2007? Inqaku elikwiphephancwadi iNew Scientist liyaphendula: “Babona ithuba lokuya kuzifumanela ioli namafutha eenqwelo.”

Malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba abantu babeya ‘kuwonakalisa umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Ngokucacileyo, kufuneka abantu babe nenkokeli elumkileyo nenamandla okuphumeza izinto eziyimfuneko nabalawulwa abaza kuyithobela. Ngaba inkokeli yezopolitiko okanye isazinzulu esinyanisekileyo nesikrelekrele sinokukwazi ukwenza oko? IBhayibhile iyaphendula: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.”—INdumiso 146:3.

Inkokeli Efanelekileyo Yehlabathi!

Inye kuphela iNkokeli enokukwazi ukucombulula iingxaki zehlabathi. IBhayibhile yathi ngayo: ‘Umoya kaYehova [uThixo] umele uhlale phezu kwayo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Iya kuzigweba izisweli ngobulungisa, imbulale ongendawo ngomoya wemilebe yayo.’—Isaya 11:2-5.

Ngubani le Nkokeli? NguYesu Kristu, owancama ubomi bakhe ngenxa yethu. (Yohane 3:16) UYesu, ngoku osisidalwa somoya, unikwe nguThixo igunya namandla okulawula ihlabathi.—Daniyeli 7:13, 14; ISityhilelo 11:15.

Enye into eyenza uYesu afaneleke lulwazi analo ngendalo kaThixo, awalufumana ngaphambi kokuba eze emhlabeni. Kaloku, kwakude kudala xa uThixo wayedala, uYesu ‘wayengumsebénzi onobuchule’. (IMizekeliso 8:22-31) Khawucinge nje ngoku: uYesu, owancedisayo ekudaleni zonke izinto eziphilayo, uya kukhokela ekulungiseni umonakalo owenziwe ngabantu.

Ngoobani abaza kulawulwa nguKristu? Ngabantu abalulamileyo, abangamalungisa nabanolwazi ngoThixo wenyaniso, uYehova, nabathobela uYesu Kristu njengoMlawuli. (INdumiso 37:11, 29; 2 Tesalonika 1:7, 8) UYesu wathi “baya kuwudla ilifa umhlaba” oyiparadesi.—Mateyu 5:5; Isaya 11:6-9; Luka 23:43.

Yintoni onokuyenza ukuze ungenelwe kwizithembiso eziseBhayibhileni? UYesu uyaphendula: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

Umhlaba usenokubonakala ngathi usengozini, kodwa abantu baya kuhlala kuwo ngonaphakade. Abantu abasengozini ngabo baqhubeka bengayihloneli indalo kaThixo nabangafuni kuthobela uYesu Kristu. Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova ayakukhuthaza ukuba ungenise ulwazi oluya kukukhokelela kubomi obungunaphakade.

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

LE NGXAKI AYINAKUCONJULULWA ZIZAZINZULU

Nangona bezazi iingozi ezibangelwa kukusebenzisa kakubi iziyobisi, utywala, nokutshaya, abantu abaninzi bonakalisa iingqondo nemizimba yabo ngezi zinto. Ubomi ababujongi njengesipho esivela kuThixo. (INdumiso 36:9; 2 Korinte 7:1) Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi abawugqali umhlaba njengesipho esivela kuThixo, ngenxa yoko benza izinto ezibeka ubomi babantu engozini.

Ngoko ke, siyintoni isicombululo? Ngaba sinokufumaneka kwinzululwazi okanye kwimfundo? Akunjalo. Ekubeni le ngxaki ibangelwa kukutyeshela izinto zokomoya, imele ilungiswe ngokunikela ingqalelo kuzo. Itsho njalo neBhayibhile. Ithembisa ukuba kuza ixesha apho abantu bengayi ‘kwenzakalisa okanye bonakalise’ umhlaba, kuba uya ‘kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.’—Isaya 11:9.

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Xa kulawula uKristu abantu abangamalungisa baya kuguqula umhlaba ube yiparadesi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share