UVukani! Wamnceda Ngendlela Awayengayilindelanga
NGUMBHALI KAVUKANI! EBENIN
◼ Xa uNoël oneminyaka engama-23 ubudala wagqiba ekubeni ayeke esikolweni ukuze abe ngumlungiseleli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova, izalamane zakhe azizange zikuqonde oku, zisithi akazi kuba namali yaneleyo yokuzixhasa. Ngokwenene kwaba nzima ukuba afumane umsebenzi wesingxungxo. Ngoko xa uNoël wabona inqaku elikwiphephancwadi uVukani! elinomxholo othi, “Izinto Ezintlanu Ezinokukunceda Ufumane Umsebenzi,” walifundisisa izihlandlo ezininzi.a Ngaba lamnceda? Ewe, kodwa lamnceda ngenye indlela.
Umphathi wesinye isikolo wabona uNoël eshumayela kwindlu ngendlu waza wambuza ukuba uliNgqina likaYehova na. Lo mphathi wayefuna ukuqesha enye ititshala yaye kuba wayekhe waphawula ukuba amaNgqina kaYehova anobuchule bokufundisa, wabuza uNoël ukuba akukho mntu amaziyo na ofuna umsebenzi wokufundisa. UNoël wamxelela ukuba akukho mntu amaziyo, emva koko umphathi wabuza, “Wena, akuwufuni?”
UNoël wayengazange akhe afundise, yaye maxa wambi wayethintitha. KwelaseBenin le yingxaki kuba ikomiti yezemfundo igunyazisa ukuba ootitshala bahlolwe kuqala ukuze kuqinisekiswe ukuba abathintithi. Umphathi wathi kuye: “Ukuba unokuza nesatifiketi uza kuqeshwa.”
UNoël wayeqhuba kakuhle kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esenzelwe ukunceda abantu babe zizithethi zasesidlangalaleni nesiqhutywa veki nganye kumabandla amaNgqina kaYehova. Wayenikela neentetho zesidlangalala kwibandla lakhe. Sekunjalo, wafikelwa lidyudyu xa kufuneka evavanyiwe.
Umhloli wamnika iphephancwadi waza wathi makafunde ngokuvakalayo isiqendu esiphawulwe ngosiba olubomvu. UNoël wothuka xa ebona inqaku elithi “Izinto Ezintlanu Ezinokukunceda Ufumane Umsebenzi.” Wasifunda ngokutyibilikayo esi siqendu waza wafumana isatifiketi.
Lo mhloli wathi uwafunda rhoqo amaphephancwadi amaNgqina kaYehova. Wathi: “La maphephancwadi ayafundisa yaye abhalwe ngendlela ecacileyo kangangokuba ndidla ngokuwasebenzisa xa ndivavanya abantu.”
UNoël waqalisa ukufundisa, yaye umphathi wayefuna ukumqesha nakunyaka olandelayo, kodwa uNoël wayesele enezinye iinjongo. Wayebizwe kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, apho akhoyo ngoku.
[Umbhalo osemazantsi]