UThixo Wandinceda Ndazoyisa Izilingo
Kubalisa uVazir Asanov
Ndathi khwaphululu ezingubeni, ndabophelela iBhayibhile esinqeni ndaza ndanxiba ngokukhawuleza. Ngaphambi kokuba nditsibe ngefestile, ndasonga iimpahla ndazifaka ngaphantsi kweengubo ukuze ibe ngathi ndisalele. Emva koko ndabaleka ndaya kwiHolo yoBukumkani, apho ndafika ndacela uThixo ukuba andixhase. Konke oku kwenzeka ngowe-1991 xa ndandineminyaka eli-14 ubudala.
NDIZALWA yintsapho yamaKurd kwisixeko esikumzantsi wommandla ngoku obizwa ngokuba yiKazakhstan, lowo ngelo xesha wawuphakathi kweeriphabliki ezili-15 zaseSoviet Union. Ekukhuleni kwam abazali bam nezalamane babendiphembelela ukuba xa sele ndikhulile ndibe yinkokeli nomkhululi wohlanga lwakowethu. Ndandizithiy’ egazini iintshaba zamaKurd kangangokuba akukho nto ndandiyicinga ngaphandle kokuzibulala ukuze ndikhulule abantu bakowethu kwingcinezelo.
Ngasekupheleni kweminyaka yee-1980, mna nomama nomninawa wam saqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Noko ke, utata wayiphelisa yonke loo nto. Sekunjalo, zange ndiyeke ukufunda. Into yokungathobeli intloko-ntsapho, ayenziwa kwintsapho yamaKurd. Ndandimthanda utata, kodwa ndandiyithanda nenyaniso endandiyifunda eBhayibhileni.
Inkcaso Ekhaya Nasesikolweni
Ngenye imini omnye utitshala wabona iMboniselo kubhaka wam wesikolo waza waxelela abazali bam. Utata waba ligqabi ngumsindo kangangokuba wandibetha ndamongoza. Wathi: “Usahamba laa cawa nangoku?”
Emva koko utata waxelela intsapho yonke ukuba andisengonyana wakhe. Yaba buhlungu gqitha intliziyo yam ndakumva esitsho! Kwangaxeshanye, abanye abantwana esikolweni baqalisa ukuhambela kude kum, abanye bendigculela. Ootitshala babendinika amanqaku aphantsi yaye babehlekisa ngonqulo lwam eklasini, bezama ukundiguqula ukuze ndingakholelwa kubukho bukaThixo njengabo.
Nakubeni ndandichaswa ngolo hlobo, zange ndiyeke ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokushumayela kwabanye. Kamva, utata weva ukuba ndisekunye namaNgqina yaye andikayeki ukufunda iBhayibhile. Ngeny’ intsasa yangeCawa ndazama icebo lokuba ndikwazi ukuphuma ekhaya ndiye kwiintlanganiso. Ngoko nangoko wathi mandiye kulala. Wathi: “Ukususela namhlanje yonke imihla ngeli xesha ngeCawa kufuneka ube sebhedini.” Wandixelela ukuba uya kundohlwaya ngokuqatha ukuba ndiye andathobela, yaye ndayiqonda kakuhle into yokuba akaqhuli xa esitsho.
Ndingakwazi ukuzibamba iinyembezi, ndacela uYehova uThixo oyinyaniso, ukuba athambise intliziyo katata, kodwa ayizange ithambe. Oku kwandikhumbuza ngendlela amaSirayeli awayecinezelwe ngayo eYiputa. Izinto ezazisenziwa ngutata zandikhumbuza uFaro, owayengafuni ukuba amaSirayeli aye kunqula uYehova.—Eksodus 5:1, 2.
Ndenza Izigqibo
Ngenye iCawa ndagqiba ekubeni ndiye kwiintlanganiso. Njengoko ndandilele kuloo bhedi, uvalo lwalungongoza yaye ndathandaza kuYehova. Xa abazali bam befika egumbini lam, ndazenza oleleyo. Ezingomb’ isifuba utata wathi, “Khawubone indlela athobela ngayo unyana wam.” Wandiphuza, baza bahamba. Ndaqhubeka ndithandaza ngokusuk’ entliziyweni.
Ndathi kwaphululu ndathatha izihlangu zam phantsi kwebhedi, ndaza ndatsiba ngefestile njengoko kuchazwe ekuqaleni kweli nqaku. Iiyure ezimbini ndikwiintlanganiso zaphela ngokukhawuleza, laqala ke ixhala lokuba kuza kwenzeka ntoni xa ndifika ekhaya. Ndavuya kuba, nakuba umama wayebonile ukuba ndifake impahla ezingubeni zam, akazange atsho nelimdaka kutata. Kodwa ke wathi akanakuphinda angamxeleli utata izinto endizenzayo.
Ngowe-1992, ndaxelela abazali bam ukuba kukho umbhiyozo obalulekileyo womhlobo wam endimenywe kuwo. Enyanisweni, ndandifuna ukuya kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiza kuba kwisixeko saseTaraz, esikwiikhilomitha ezili-100 ukusuka kwidolophu yasekhaya iKaratau. Ndandiza kubhaptizwa kuloo ndibano, ndifuzisela uzahlulelo lwam kuYehova. Ndacela umama ukuba andiphe iemele ezele ziintanga zikajongilanga (sunflower) ezazikuvimba. Ndazigcada ndaya kuzithengisa emarikeni, ndafumana imali yokuya endibanweni.
Ukubuya kwam utata wabuza ukuba bekunjani. Ndamxelela ukuba bekumnandi ngokwenene. Ndaqonda ukuba uYehova uye wandixhasa kuba utata akazange abuze ezinye izinto. Ndiyawathanda amazwi akwiMizekeliso 3:5, 6 athi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”
Ndaqalisa Ukufa Ngokomoya
Utata akazange ayeke ukuchasa emva kokuba ndibhaptiziwe. Njengoko ndandiqhubeka ndisiya kwiintlanganiso zamaNgqina, utata wayendibetha kanobom enoba kukho abanye abantu okanye sisobabini. Ndandigculelwa phantse yonke imihla yaye ndandisoloko ndisezinyembezini. IKazakhstan yafumana uzimele-geqe kwiSoviet Union yaye abazali bam bandikhuthaza ukuba ndingenele ezopolitiko. Babebona ngathi ndiza kuphulukana namathuba.
Umkhuluwa wam wayeyinjuze kwezemidlalo yaye utata wayedla ngokundikhuthaza ukuba ndifane naye. Ngoko, ngasekupheleni kowe-1994, nam ndangenelela ezemidlalo. Ekubeni ndinobuchule bemvelo kwezemidlalo ndaqalisa ukufumana iimbasa nodumo kwibhola ekhatywayo nasekwenzeni umthambo. Ndafundela ukuba ligqwetha ukuze ndikwazi ukulwela amalungelo amaKurd. Ndada ndaba nomdla nakwezopolitiko ndaza ndacinga ngokuseka iqela lolutsha lwamaKurd. Utata wandincoma ngenxa yoku.
“Yenzekile Into Ekudala Uyifuna Tata”
Ndaya ndisiba buthathaka ngokomoya ndaza ndayeka nokufundisisa iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Ndandizithuthuzela ngelithi uYehova ndiza kumkhonza xa sele ndikhulile. Ngeny’ imini utata wandibuza ukuba ndiseliNgqina likaYehova kusini na. Ndathi: “Yenzekile into ekudala uyifuna tata. Uyavuya ke ngoku?” Wavuya gqitha utata akuva oku wathi: “Kwekhu unyana wam madoda!”
Kwaphela iminyaka emibini ndingayi kwiintlanganiso, kodwa ngamany’ amaxesha ndandikhe ndifune ukuya. Kodwa ndandisiba neentloni. Ndandicinga ukuba abazalwana noodade abaz’ ukuyiqonda imeko endikuyo.
Kwangaxeshanye ndandisazi ukuba ayikho into ebaluleke ngaphezu kokukhonza uYehova. Ndandidla ngokuzixelela oku: “Phofu ndiyamthanda uYehova!” Kodwa utata wandinyanzela ukuba ndiye eyunivesithi. Ndavuma ndada ndamthembisa ukuba ndiya kufunda ndize ndifumane nesidanga esongezelelekileyo. Noko ke ndandinethemba lokuba ndakuthi ndakufika kwiyunivesithi yaseAlmaty, isixeko esikhulu esikumazantsi eKazakhstan, ndikhangele amaNgqina.
Utshintsho Oluvuyisayo
Kungekudala ndifikile eyunivesithi, ndadibana namaNgqina amabini awayeshumayela esitratweni saseAlmaty. Aqalisa incoko ngombuzo othi, “Ucinga ukuba ngubani olawula ihlabathi?”
Ndathi: “NguSathana uMtyholi, utshaba lukaYehova nabantu.” (2 Korinte 4:3, 4) Ndawaxelela ukuba ndabhaptizwa kodwa ngoku ndipholile ngokomoya.
Ngasekupheleni kowe-1996 ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina. Emva kwexesha elithile ndifunda, wabuya ngamandla umnqweno wokukhonza uYehova, ndaza ndaqalisa ukuba liNgqina elikhutheleyo eAlmaty. NgoSeptemba 1997 ndaba nguvulindlela, okanye umlungiseleli wexesha elizeleyo.
Kwisithuba esingangonyaka, utata waza kundibona. Ndabaleka ndaya kuye, yaye sangana. Wacela uxolo ngendlela awayendiphethe ngayo kuyo yonke loo minyaka. Wathi wayengaziqondi kakuhle izinto endizenzayo nokholo lwam. Ndathi: “Tata, ndikuthanda gqitha.”
Hayi indlela endavuya ngayo xa utata ethabatha iincwadi zeBhayibhile, ecela neBhayibhile, esithi ufuna ukuyifunda yonke. Kwisithuba esingangonyaka emva koko, waza kundibona ehamba nomama. Xa befika eHolweni yoBukumkani, babuliswa ngabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo ngobubele obukhulu yaye bezazisa. Oku kwamchukumisa ngokwenene utata yaye waqalisa ukuba nomdla wokufunda iincwadi zamaNgqina.
Iintsikelelo
NgoSeptemba 2001 ndatshata noYelena, intombi ethandekayo yaseRashiya. Wabhaptizwa ngowe-1997 waza waqalisa ukuba nguvulindlela ngoMeyi 2003. Savuya kakhulu sakuva ukuba abazali bam baqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngamaNgqina yaye benza inkqubela. Phofu zange ndikholelwe de ndaxelelwa ngutata ngokwakhe. Ethetha nam efowunini wandixelela ukuba nguYehova kuphela uThixo oyinyaniso!
Ndivuyiswa kukuba apha eAlmaty ndiye ndaqhuba izifundo zeBhayibhle nabantu abasuka kwiindawo ezininzi, kuquka eTshayina, eIran, ePakistan, eSyria naseTurkey. Ndisandul’ ukucelwa ngumfundisi waseIran ukuba ndimqhubele isifundo seBhayibhile ngesiPersia. Owayesakuba ngumphathi wamapolisa waseAfghanistan wavuya kakhulu akufunda ngoYehova. Kwakundivuyisa kakhulu ukufunda nomntu waseSyria ngolwimi lwam lomthonyama isiKurdish nokufunda nabantu baseKazakh naseRashiya, ezinye iilwimi endazifunda ndisengumntwana.
Ngoku, mna noYelena sikhonza kwibandla ekuthethwa kulo isiKazakh—elinye lamabandla amaNgqina kaYehova angama-35 aseAlmaty. Kulo nyaka uphelileyo mna noYelena siye saya kukhonza okwexeshana kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova esandul’ ukwakhiwa kufuphi neAlmaty.
Ndandifundiswe ukuthiya iintshaba zam, kodwa uYehova undifundise ukuthanda bonke abantu. Ndiye ndafunda ukuba asifanele sivumele nabani na asiyekise ukwenza ukuthanda kukaYehova uThixo, nokuba zizalamane okanye abahlobo abasithandayo. (Galati 6:9) Ngoku ndivuyiswa kukuba mna nomfazi wam ‘sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 Korinte 15:58.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]
Umama wathi akanakuphinda angamxeleli utata izinto endizenzayo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
IHolo yoBukumkani yaseKaratau, endandidla ngokuya kuyo ndisakhula
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Abazali bam, abawuthandayo ngoku umsebenzi esiwenzayo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Mna noYelena ngosuku lwethu lomtshato
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Mna noYelena kwizakhiwo ezitsha zeofisi yesebe kufuphi naseAlmaty