“Yehova, Undifumene!”
Kubalisa uNelly Lenz
“AningomaNgqina kaYehova?” Ndawabuza oko amadoda amabini awayeze ekhaya. “Singawo,” aphendula. Ndidanduluka ndathi, “Nam ndililo!” Ndandineminyaka eli-13 kuphela ubudala yaye ndandingayi kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Abazali bam babengengomaNgqina kaYehova. Kwakutheni ke mna ukuze ndithi ndililo?
UKUBA kwakungekho ngenxa yamaNgqina kaYehova, ngendandingazange ndizalwe. UMama wakhulelwa ngoxa wayehlala eMontreal, eQuebec, eKhanada. Wayeneminyaka eli-17 kuphela ubudala. Intsapho yakowabo yamphek’ imophula ifuna aqhomfe. Wade wavuma.
UMama wacela usuku emsebenzini ukuze aye kukhupha isisu. Kubonakala ukuba umphathi wakhe, owayeliNgqina likaYehova wasiva isizathu sokuthabatha kukaMama ikhefu. Ngokufutshane waxelela uMama ngendlela esixabiseke ngayo isipho sobomi. (INdumiso 139:13-16) Apho endleleni eya ekliniki, uMama wacamngca nzulu ngoko kuthethwe ngumphathi wakhe. Wagqiba ekubeni angaqhomfi. Emva kokuzalwa kwam ngowe-1964, uMama wandisa kwikhaya leenkedama.
Ukuqala Kwam Ukuva Inyaniso YeBhayibhile
Xa ndandimalunga neminyaka emibini ubudala, uMama nomyeni wakhe omtsha baya kundithabatha kwikhaya leenkedama. Ngoxa babehlala eSainte-Marguerite-du-Lac-Masson, baqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye babesiya kwiintlanganiso zebandla. Noko ke, kungekudala safudukela eBoisbriand yaye abazali bam bayeka ukufunda.
Kwiminyaka embalwa kamva baphinda baqalisa ukufunda. Ndaphulaphula ndifuna ukuva oko kwakuthethwa ngethemba leBhayibhile lomhlaba oyiparadesi. (Luka 23:43) Ndamthanda gqitha uYehova.
Noko ke, ngenye imini uMama wandixelela ukuba bayekile ukufunda namaNgqina ngoko siza kuyeka ukuya kwiHolo yoBukumkani. Ekuqaleni, kwandivuyisa oko. Ekubeni ndandineminyaka esibhozo ubudala, maxa wambi iintlanganiso zaziba ngathi ziyatsala. Noko ke, ngobo busuku ndandifuna ukuthetha noYehova ngomthandazo, yaye ndandizibuza enoba uza kundiphulaphula kusini na.
KwiCawa elandelayo emva kwemini, ndabona abamelwane bethu ababengamaNgqina kaYehova besiya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Ndakhala ndibuza uThixo ukuba, “Kutheni bekwazi nje ababo abantwana ukuya kwiintlanganiso ngoxa mna ndingenakuya?” Noko ke, amazwi eNdumiso 33:18 athi: “Khangela! Iliso likaYehova libhekiswe kwabo bamoyikayo, kwabo balinda ububele bakhe bothando” angqineka eyinyaniso.
Ukubuyela KwiHolo YoBukumkani
Emva kweeveki ezintathu, ndatyelela abamelwane bethu, ndaxelela umama walapho uLilianne ukuba ndifuna ukuya kwiintlanganiso. ULilianne wathi akunakwenzeka oko, kuba uMama akafuni kuva kwanto ngamaNgqina kaYehova. Sekunjalo, ndazingisa ndimcenga. Ngoko waya nam ekhaya wacela kuMama ukuba bahambe nam. Okumangalisayo kukuba uMama wavuma. Wathi iintlanganiso ziza kundifundisa imigaqo elungileyo. Ngoko, ndakwazi ukuya kwiintlanganiso rhoqo ngeCawa.
Kangangeminyaka emithathu, ndandisiya kwiintlanganiso zebandla. Kodwa xa ndineminyaka eli-11 ubudala, abazali bam baqhawula umtshato, saza noMama safuduka. Lwaphinda lwaqhawuka unxibelelwano lwam namaNgqina kaYehova.
Ukudibana Ngequbuliso
Ngenye imini ndandihleli kwizinyuko zendlu yasekhaya, kwafika amaNgqina amabini—uEddie Besson noDon Fisher—babuza enoba bakho na abazali bam. La madoda ndathi ndakuwaxelela ukuba abakho, ajika emka. Kodwa ndawasukela, saza saba nencoko ekubaliswe ngayo ekuqaleni kweli nqaku.
Ngesizathu esiqondakalayo, la madoda mabini ayemangalisiwe kukundiva ndisithi ndiliNgqina likaYehova. Ndawacacisela imeko yam ndaza ndawacela ukuba aphinde abuye ngaloo ngokuhlwa. Ndathi ndakuxelela uMama ukuba kuza kufika amaNgqina, waba nomsindo gqitha yaye wathi akazukuwavumela angene ekhaya. Enyanisweni, waceba ukumka ngaphambi kokuba afike. Ndigixa iinyembezi ndamcela uMama ukuba ahlale. Kanye xa wayelungiselela ukuhamba, kwankqonkqozwa emnyango yaye yayinguEddie Besson. Cinga indlela endavuya ngayo xa uMama esamkela isifundo seBhayibhile!
Ekugqibeleni, ndaphinda ndakwazi ukuya kwiintlanganiso zebandla! Kwisithuba esingaphantsi konyaka uMama waphinda wayeka ukufunda. Kwesi isihlandlo, wayengafuni nokuba ndidibane namaNgqina yaye wakrazula kwanto iyincwadi yamaNgqina kaYehova ayibonayo. Ndakwazi ukuzifihlela iBhayibhile, iculo, imiqulu yeMboniselo emibini, iiNcwadi Zonyaka ZamaNgqina KaYehova ezimbini nencwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade.a Kwisifundo sam sokugqibela, ndabuza uEddie Besson oko ndimele ndikwenze, kuba ndandimthanda gqitha uYehova. Wacebisa ukuba ndizifundele yaye ndiqhubeke ndithandaza. Wandiqinisekisa ukuba uYehova uza kundinyamekela. Ndandimalunga neminyaka eli-14 kuphela ubudala.
Ukuziqhubela “Iintlanganiso”
Ukususela ngoko, rhoqo ngeCawa ndandisiya kwigumbi lam ndize ndenze ngathi ndikwiintlanganiso. Ndandicula iingoma ethi “Watsolise Amehlo Akho Emvuzweni!” xa ndiqalisa naxa ndiphetha kuba yayikuphela kwengoma yoBukumkani endandikwazi ukuyicula. Nanamhlanje, andikwazi kuyigqiba zingehli iinyembezi. Ndandifunda nenqaku leMboniselo kuloo miqulu ndandinayo. Ndandiqukumbela “iintlanganiso” zam ngomthandazo. Ngoko ke nakuba ndandinganxulumani namaNgqina, kwakungathi uYehova ukufuphi kum.
Xa ndandineminyaka eli-17 ubudala, mna noMama safudukela eMontreal. Kwakunzima gqitha kuloo minyaka, ekubeni lwalungekho uxolo ekhaya.
Undifumene!
Ngenye imini uMama wathabatha incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadesi Esemhlabeni kumaNgqina kaYehova. Ukufika kwam ekhaya, ndayibona phezu kwetafile yaye ndaqalisa ukuyibuka. Ndathi ndakubona ukuba isebenzisa igama likaThixo, uYehova ndakhala ndithandaza ngaphakathi ndisithi, “Yehova, undifumene!”
Ndandifuna ukuqhagamshelana nabazalwana noodade wethu abangamaKristu. Kodwa ndandiza kwenza njani? UMama wandixelela ukuba ummelwane wethu umele ukuba liNgqina likaYehova. Ngoko, xa ndiya emsebenzini, ndaya kunkqonkqoza kwindlu yommelwane lowo. Kwaphendula indoda ekucaca ukuba ibikobude ubuthongo. Yothuka gqitha ndakuyixelela ukuba ndiliNgqina likaYehova yaye ndifuna ukubhaptizwa! Yenza amalungiselelo okuba omnye udade ongumKristu, uJosée Miron andiqhubele isifundo seBhayibhile. Kodwa, uMama waphinda wasichasa isifundo sam seBhayibhile. Wathi kufuneka ndilinde de ndibe neminyaka eli-18 ubudala ngaphambi kokuba ndibe liNgqina.
Ukulahla Okuthile Ukuze Ndizuze Intsapho?
Umqeshi wam waphawula ukuba imeko yam iya isiba mandundu ekhaya. Wayedla ngokucela ukuba ndichithe ixesha elithile naye nenkosikazi yakhe ngeempelaveki. Ekubeni ndithanda amahashe, sasidla ngokuya kukhwela wona. Babengathi ngabazali bam.
Ngenye imini umqeshi wam wandixelela ukuba yena nenkosikazi yakhe bandithanda gqitha yaye bafuna ndiye kuhlala nabo. Wayendithembisa into ekwakukudala ndiyifuna—intsapho enothando. Kodwa bandibekela umqathango othile—kwakuza kufuneka ndiyeke ukunxulumana namaNgqina kaYehova. Bandinika iveki ukuba ndiye kucinga ngeso sithembiso, kodwa ndandingafuni nosuku olunye ukuze ndicinge ngoko. Andizange ndiphozise maseko ukuphendula. UYehova akazange andishiye, ngoko nam ndandingenakumshiya.
Ukukhonza Kwam UThixo
Ngenxa yeengxaki endijamelana nazo ekhaya, ndaya kuhlala nalaa tata wayetshate noMama. Wandikhuthaza ukuba ndiqhubeke ndifunda, yaye ngoDisemba 17, 1983, xa ndandineminyaka eli-19 ubudala, ndabhaptizwa. Ndavuyiswa gqitha kukubona uEddie Besson ngomhla wokubhaptizwa kwam. Ngoku wayengasathandabuzi ukuba nam ndiliNgqina likaYehova!
Noko ke, utata watshintsha emva kokuba ndibhaptiziwe. Xa endibona ndithandaza, wayendikhwaza enkqangaza ade andigibisele ngezinto! Kwakhona wandimela efuna ndandise imfundo yam ngendlela eyayiza kuphazamisana nosukelo lwam lokuba nguvulindlela, umshumayeli weendaba ezilungileyo wexesha elizeleyo. Ekugqibeleni wandicela ukuba ndimke kwakhe. Wandinika itsheki exabisa iidola ezili-100 esithi ukuba ndikhe ndayitshintsha ngenxa yokuswela imali, ndimele ndazi ukuba uYehova akandinyamekeli.
Ndaba nguvulindlela ngoSeptemba 1, 1986 yaye ndisenayo nanamhlanje loo tsheki—ayikatshintshwa! Maxa wambi kwakuba nzima ukuba nguvulindlela kwindawo ezisemaphandleni ungenamoto. Kodwa amalungu ebandla lalapho ayendixhasa gqitha yaye eluncedo.
Ethubeni, ndadibana nendoda engumKristu enobubele uRuben Lenz. Satshata ngowe-1989. Ngoku uRuben ungumdala kwibandla laseMilton, eOntario, eKhanada apho besihlala khona ukususela ngowama-2002. Umtshato wethu yenye yezona zinto zinkulu andisikelele ngazo uYehova. Ndaqhubeka kwinkonzo yexesha elizeleyo de safumana izibulo lethu, uErika ngowe-1993. Ngaphezu nje kweminyaka emithathu emva koko, safumana unyana ogama linguMika. Emva kweminyaka emininzi ndililolo, uYehova uThixo wandisikelela ngendlela engathethekiyo wandipha intsapho emthandayo njengam.
Nakuba ndandikhe ndahlukane nabantu bakaYehova ekukhuleni kwam, andizange ndiyeke ukuthembela kuThixo nokubambelela kwithemba lobomi obungunaphakade eParadesi. (Yohane 3:36) Onjani wona umbulelo endinawo ‘ngokufunyanwa’ nguYehova!
[Umbhalo osemazantsi]
a Zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ndikhwele kwihashe lomqeshi wam
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UNelly Lenz nomyeni wakhe, uRuben nabantwana babo, uErika noMika