Ukuphila Nesifo Sika-Asperger
NGUMBHALI KAVUKANI! EBRITANI
UFUNA ukuba nabahlobo, kodwa akululanga ukuncokola nabantu. Noko ke, unokuthetha ixesha elide ngento oyithandayo. Ulandela umgca wempuku xa usenza izinto, ukuba kufuneka utshintshile, kuba nzima. Usoloko uxhalabile yaye uthanda ukucaphuka, maxa wambi uziva udakumbile.
Abantu abakuqondi. Bathi awufani nabanye abantu, kunzima ukwenza izinto nawe, okanye bade bathi ukrwada. Awuyiqondi indlela abanye abacinga, nabavakalelwa ngayo, kunzima nokubafunda ebusweni okanye kwizimbo zomzimba. Abantu abaninzi abanesifo sika-Asperger baneengxaki ezifana nezi.
Abantu abanesifo sika-Asperger bayafana nje nabanye abantu, yaye badla ngokuba krelekrele gqitha. Kodwa banengxaki esengqondweni ebangela ukuba kube nzima ukuncokola nokusebenzisana nabanye. Esi sifo sineempawu ezahlukeneyo ezininzi, yaye siza ngendlela eyahlukileyo kumntu ngamnye. Sekunjalo umntu uyaphila nesi sifo. Khawucinge ngeli bali likaClaire.
Safunyaniswa Ekugqibeleni!
UClaire wayengumntwana othuleyo noneentloni. Wayewaphepha amehlo abantu yaye wayeboyika abantu abaninzi. Wakwazi ukuthetha kakuhle esemncinane kodwa wayengathethi kakhulu yaye wayenelizwi elozelisayo. Wayelandela umgca wempuku, kangangokuba wayedla ngokucaphuka xa kufuneka etshintshile.
Esikolweni ootitshala babengakwazi ukumnyamezela becinga ukuba uyasokolisa, yaye abanye abantwana babedlala ngaye. Kwakunzima nakunina, kuba wayebekw’ ityala ngendlela uClaire awayeziphethe ngayo. Ekugqibeleni, wamfundisela ekhaya.
Emva koko, uClaire wafumana imisebenzi emininzi kodwa waphulukana nayo yonke kuba wayengakwazi ukutshintsha indlela yokwenza izinto yaye engakwazi ukwenza oko kulindelekileyo kuye. Kwindawo yokugqibela awayesebenza kuyo, elikhaya labalupheleyo, omnye umongikazi wabona ukuba kukho into engahambi kakuhle. Xa uClaire wayeneminyaka eli-16 ubudala, kwafunyaniswa ukuba unesifo sika-Asperger.
Ekugqibeleni, unina wasazi isizathu sokuba uClaire enze izinto ngendlela engaqhelekanga. Umhlobo wakhe wafumana incwadi ethetha ngesi sifo, yaye emva kokuba uClaire eyifundile, wabuza emangalisiwe, “Ngaba nyani ndenza ezi zinto? Ndinje?” Isebe leenkonzo zoluntu lacebisa uClaire ukuba afumane unyango. UChris, oliNgqina likaYehova nowayenceda abantwana abaneemfuno ezikhethekileyo, wacela uClaire, okwaliNgqina ukuba ancede ekulungiseni esinye isakhiwo awayenqulela kuso amaNgqina.
Ukufunda “Ukuphila Nabantu”
Ekuqaleni, uClaire wayengafane athethe nabantu asebenza nabo. Xa enengxaki, kwakulula kuye ukubhalela uChris amxelele kunokuba athethe naye. UChris wayesoloko emkhuthaza ukuba ahlale naye phantsi, bathethe ngaloo ngxaki anayo. Ngomonde wamfundisa “ukuphila nabantu.” Awunakukwazi “ukuphila nabantu” xa ubaphepha, yaye ufuna ukwenza kuphela into ethandwa nguwe. UClaire wafunda ukusebenzisana nabanye.
Indlela awayekade ephila ngayo uClaire yabangela ukuba angazithembi, ngoko kuyo nantoni na ekuthiwa makayenze, wayedla ngokuthi, “Andinakukwazi ukwenza le nto.” Wayeza kuyilungisa njani uChris le ngxaki? Wayedla ngokumnika umsebenzi olula aze athi, “Wenziwa ngolu hlobo ke.” Emva koko athi, “Nawe unokukwazi ukuwenza.” Emva kokuba ewenze kakuhle wawugqiba, wayedla ngokuvuya kakhulu. UChris wayemncoma aze amnike omnye. Kwakunzima ukukhumbula zonke izinto azixelelwayo, kodwa kwakuba lula xa zibhalwe phantsi. Waya ezithemba.
Ngenxa yokuba uClaire wayengabathandi abantu, kwakunzima ukuthetha nabanye kwiintlanganiso zamaKristu. Wayedla ngokuhlala yedwa ngaphambi kweHolo yoBukumkani. Noko ke, wazenzela usukelo lokuba xa kuphela iintlanganiso akhawuleze aye ngemva kweholo, aze ancokole nomntu omnye nje kuphela.
Ngokuya lihamba ixesha, wakwazi ukuncokola nabantu abaninzi. Uthi: “Kodwa akukho lula.” Nakuba kwakunzima ukuncokola naye, kodwa wayesoloko enikela iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esinceda onke amaNgqina kaYehova akwazi ukuthetha nabantu.
Ukoyisa Iingxaki Ezinkulu
Njengoko uClaire wayesiya ezithemba, uChris wamcebisa ukuba abe nguvulindlela ongumncedani, igama elisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kumKristu obhaptiziweyo ochitha iiyure ezingama-50 nangaphezulu nyanga nganye eshumayela. UClaire wathi: “Andinakukwazi.”
Noko ke, uChris wamkhuthaza esithi nokuba akazifikelelanga iiyure ezingama-50 kuloo nyanga, uya kuvuyiswa kukuba uzamile. Ngoko uClaire walithabatha icebiso waza wakuvuyela ukuba nguvulindlela ongumncedani. Waba nguvulindlela izihlandlo ezininzi, yaye kwakumnandi ngokwenene. UClaire waya ezithemba, ingakumbi xa edibana nabantu abafuna ukufunda okungakumbi ngeBhayibhile.
Wacingisisa nzulu ngokhuthazo alufumana kwiintlanganiso zamaKristu lokuba abe nguvulindlela othe ngxi okanye umvangeli wexesha elizeleyo. Wagqiba ekubeni abe nguye. Waba yintoni umphumo? UClaire uthi: “Ayikho into eyodlula le!” Uye wasondelelana kakhulu nabanye ebandleni wada wazifumanela abahlobo. Abantwana bayathanda ukuba kunye naye, yaye uyabanceda njengoko behamba kunye entsimini.
Inkxaso
Liyinyaniso elokuba, asinguye wonke umntu onesifo sika-Asperger onokukwazi ukuba ngumvangeli wexesha elizeleyo. Sekunjalo, amava kaClaire abonisa ukuba abantu abanesi sifo banokwenza izinto ezingakumbi kunokuba becinga. Ucwangciso oluthe rhoqo aluzange lube yingxaki kuClaire, yaye ukuzimisela nokuthembeka kwakhe kwabangela ukuba aqhube kakuhle kumsebenzi awazikhethela wona.
UClaire wayevakalelwa kukuba kubalulekile ukuba abantu bamazi ukuba unesifo sika-Asperger ukuze basiqonde isizathu sokuba enze izinto ngendlela eyahlukileyo. Uthi: “Abantu baye bacinge ukuba awungomntu ucingayo xa ungakwazi ukuthetha kakuhle.” Kuyanceda ukuba nomntu onokuthetha naye.
UChris noClaire bathi abantu abanesi sifo kufuneka bazibekele usukelo ekulula ukulufikelela yaye benze into ibe nye ngexesha. Kubalulekile nokufumana uncedo kumntu omqondayo umntu onesi sifo. Unokutsho azithembe aze oyise neengxaki anazo.
Ibali likaClaire libonisa ukuba abantu abanesi sifo sinokukwazi ukubanceda xa sinomonde yaye sibakhuthaza. UClaire uyakungqina oku esithi: “Kwiminyaka embalwa edluleyo, ndandingayicingi nokuyicinga into yokuba ndingakwazi ukwenza zonke ezi zinto.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]
UClaire wayevakalelwa kukuba kubalulekile ukuba abantu bamazi ukuba unesifo sika-Asperger
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
ISIFO SIKA-ASPERGER
Esi sifo safunyaniswa nguGqr. Hans Asperger ngowe-1944 saza sathiywa ngegama lakhe. Noko ke, kwiminyaka yakutshanje kuye kwenziwa uphando lokwenene ngesi sifo ukuze kuncedwe abo banaso. Iingcali zonyango azazi enoba esi sifo sifana neautism okanye sesinye nje isifo esahlukileyo. Akakho umntu owaziyo ukuba sibangelwa yintoni. Kodwa asinanto yakwenza nendlela umntwana akhuliswe ngayo okanye ukukhula kwakhe engathandwa.
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
UKUNCEDA ABANTU ABANESIFO SIKA-ASPERGER
Zama ukubazi uze ube nomdla kubo. Nakuba kunokuba nzima kubo ukuqalisa incoko, yiqonde into yokuba bayabafuna abahlobo. Asikuba bayasokolisa.
Yiba nomonde uze uzame ukuqonda ingxaki yabo. Kwakhona, qiniseka ukuba uthetha nabo ngendlela ecacileyo. Ukuba kufuneka batshintshe indlela abebezenza ngayo izinto, bacacisele, mhlawumbi ude ubacacisele ngokweenkcukacha loo nto kufuneka bayenze.
Ukuba badandathekiswa yinto abayibonileyo okanye abayivileyo, bakhuthaze ukuba bacinge ngezinto ezakhayo okanye baphulaphule umculo opholileyo.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UClaire wafunda ukuzenzela abahlobo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UChris uchazela uClaire indlela amele asebenzisane ngayo nabantu ukuze umsebenzi ugqitywe