Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Amanyathelo Asixhenxe Endlela Yokukhulisa Abantwana Kakuhle (Agasti 2007) Imithandazo yam iphenduliwe ngeli phephancwadi. Ndinentombi eneminyaka emine ubudala nemthandayo uYehova, sekunjalo ndiyoyika ukwenza iimpazamo njengomzali. Ngoko suku ngalunye ndicela uYehova andincede ndimqeqeshe. Ndithi enkosi ngokusinyamekela njengabazali.
UY.M.A., eMexico
La manqaku ibingathi abhalelwe intsapho yethu, kuba athetha kanye ngezinto ebezisikhathaza! Andenza ndiqiniseke ngakumbi ngendlela uYehova abakhathalele ngayo abantu bakhe. Uyivile imithandazo yam, wazibona iinyembezi zam yaye ebeyazi indlela ebendiyifuna ngayo le nkcazelo.
UJ. M., eUnited States
Kumaphepha nje ambalwa, niye nakwazi ukusinika ukhokelo olubalulekileyo noluluncedo. Ngoku kufuneka silulandele.
UE. L., eFinland
Ngaba Intliziyo Echwayitileyo Inokuyiphucula Impilo Yakho? (Septemba 2007) Eli nqaku liye landinceda ngokwenene kuba kwizihlandlo ezininzi bendizibek’ ityala ngeengxaki ezindehlelayo. Bendisoloko ndicinga ukuba andiyiphumezi indima yam njengomama yaye ndiye ndaxinezeleka kakhulu. Nangona kungelula ukuba nentliziyo echwayitileyo, le nkcazelo iye yandinceda ndanciphisa ixhala ebendinalo. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngeli nqaku nisibhalele lona.
UA. S., e-Ecuador
Ukuqaqanjelwa Lizinyo—Eyona Nto Yakha Yabuhlungu (Septemba 2007) Ndingugqirha nomhlohli ngamazinyo. Ndilithande gqitha inqaku lenu elimnandi nelibhalwe kakuhle. Liyichaza kakuhle indlela owaqala ngayo umsebenzi woogqirha bamazinyo. Ndiye ndabonisa nabahlobo bam abaninzi kunye nabanye endisebenza nabo.
UC. R., eUnited States
Ngaba Iintlekele Zemvelo Zibangelwa NguThixo? (Septemba 2007) Mna nabahlobo bam besixubusha ngendlela esimele sizilungiselele ngayo xa kunokuvela imeko yongxamiseko. Sinandipha izimuncumuncu, sajonga iingongoma ezinokusinceda kwibhokisi enomxholo othi, “Ngaba Ukulungele Ukufuduka?” ekweli nqaku lichazwe ngasentla, saza sakhangela ezinye zezinto esinazo ezisetyenziswa kwimeko yongxamiseko. Siye saxubusha nangokuba kubalulekile ukulungelelana xa kulungiselelwa imeko yongxamiseko. Siyaqonda ukuba ukuqokelela izinto zokunceda ngexesha lentlekele asingomsebenzi wethu njengabakhonzi bakaThixo. Eyona nto ibalulekileyo kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nokuxelela abanye ngomhlaba othenjiswe nguThixo ongasokuze uphinde usongelwe yiyo nayiphi na intlekele—eyemvelo okanye ebangelwa ngumntu.
UR. G., eUnited States
Khusela Abantwana Bakho! (Oktobha 2007) Ndaxhatshazwa ngokwesini ndiselula kakhulu. Nanamhlanje andikazi ukuba ndiza kuqala ngaphi xa ndixelela abazali bam. Ngoko la manqaku aye andithuthuzela. Akwaba abazali bangalifunda eli phephancwadi baze bakhusele abantwana babo. Ndimbulela ngokungazenzisiyo uYehova ngokusinika le nkcazelo ibaluleke kangaka. La manqaku asithuthuzele ngokwenene thina bantu bakhe baxhatshazwa ngokwesini.
UR. I., eJapan