Ngaba Umntwana Wakho Usebenzisa I-Internet?
ULUTSHA oluninzi lusebenzisa i-Internet, ekhaya, esikolweni, kwikhaya lomhlobo okanye—xa lunomatshini omncinane olukwaziyo ukufumana i-Internet kuwo okanye icell phone—phantse kuyo yonke indawo. Ukuba ungumzali ujamelene nengxaki: Kusenokwenzeka ukuba, ngokungafaniyo nawe, abantwana bakho abanangxaki yokusebenzisa i-Internet, yaye bayayazi nendlela abanokukufihlela ngayo oko bakwenzayo kuyo.
Ngaba kufanele kukuxhalabise oku? Ngokuqinisekileyo umele uxhalabe. Ngaba ikho into onokuyenza? Ewe. Eneneni, kusenokwenzeka ukuba umntwana wakho yincutshe ekusebenziseni i-Internet ngoxa wena ungazi nowathwethwa. Sekunjalo, unako ukuyifunda. Yaye akukho mfuneko yokuba ude ube yincutshe ukuze ukwazi ukukhusela umntwana wakho.
La manqaku aza kukunceda. Kodwa ke, makhe siqale sihlolisise ezinye zeengozi umntwana wakho anokudibana nazo kwi-Internet.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
EKhanada, phantse isiqingatha sabantwana siyakwazi ukuvula i-Internet kwiicell phone zaso.