Ubuya Kuphendula Uthini?
Yintoni Engachananga Kulo Mfanekiso?
Funda uMateyu 25:1-12. Jonga lo mfanekiso. Yintoni engachananga kuwo? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
4. ․․․․․
UKWENZELA INCOKO:
Kwakutheni ukuze iintombi ezinyulu ezintlanu zingavumi ukuphisa ngeoli yazo?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMateyu 25:8, 9.
Kunini apho kufanelekileyo ukuphisa kwabanye ngezinto zakho? Kuxa kutheni ungenakuphisa ngazo?
Kule Nkupho
Phendula le mibuzo, uze ufakele iindinyana zeBhayibhile.
IPHEPHA 6 Ngokabani umhlaba noko kukuzalisileyo? INdumiso 24:․․․
IPHEPHA 9 Yintoni enokufunyanwa ngumntu onxaniweyo? ISityhilelo 22:․․․
IPHEPHA 18 Unjani umntu oqondayo? IMizekeliso 17:․․․
IPHEPHA 29 Yintoni onokwenziwa bubudenge bomntu? IMizekeliso 19:․․․
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungakwazi ukuyibona le mifanekiso kweli phephancwadi? Chaza ngamazwi akho into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Yintoni Oyaziyo Ngabaprofeti?
5. ․․․․․
Yayingubani umprofeti owabaleka uKumkani uYehoyakim?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uYeremiya 26:17-23.
6. ․․․․․
Ngexesha lokulawula kukaKumkani uHezekiya, ngubani owaprofeta ukuba iYerusalem iya “kuba njengeemfumba nje zamanxuwa?”
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uYeremiya 26:18.
UKWENZELA INCOKO:
Emva kokufunda ngaba baprofeti babini, kutheni ungafanele woyike ukuthetha ngoThixo?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda IMizekeliso 29:25.
◼ Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 21
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. Le ngxelo ayithethi nto ngomtshakazi.
2. Zintlanu iintombi ezinyulu ezangena ethekweni.
3. Zintlanu iintombi ezinyulu ezazinezibane neoli, yaye zintlanu ezazinezibane kuphela.
4. Kumele kubekho umnyango owavalwa ngumyeni.
5. U-Uriya.—Yeremiya 26:20.
6. UMika.