IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/09 iphe. 8-9
  • Ilungiselelo Elikhethekileyo Elenzelwe Abantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ilungiselelo Elikhethekileyo Elenzelwe Abantu
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ulwazi Olukhokelela Kubomi
  • Indlela Esinge EParadesi
    Vukani!—1997
  • Unokuba Nekamva Elonwabisayo!
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Ubomi Bunenjongo Ezukileyo
    Iyintoni Injongo Yobomi? Unokuyifumana Njani?
  • Ngaba Umhlaba Uza Kutshatyalaliswa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 2/09 iphe. 8-9

Ilungiselelo Elikhethekileyo Elenzelwe Abantu

ABANTU bafuna okungakumbi kunomoya, ukutya namanzi. Ukuze sonwabe ngokwenene kufuneka sanelise intswelo yethu yokomoya. Kufuneka sazi injongo yobomi, nesizathu sokuba sibe lapha. Ngoko, uYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

Ukuze anelise loo ntswelo uThixo uye wasilungiselela incwadi engcwele eye yasasazwa zwenibanzi, iBhayibhile Engcwele, efumaneka ngokuyinxalenye okanye iphelele ngeelwimi ezingama-2 400. (2 Timoti 3:16) IBhayibhile isixelela ukuba uThixo wadala indalo iphela nazo zonke izinto eziphilayo emhlabeni. (iGenesis, isahluko 1 nese-2) Ikwasichazela ukuba umsebenzi wakhe wokudala wawenza “ngeentsuku” ezintandathu ezingokomfuziselo, xesha elo neenzululwazi ezivumelana nalo.

Kwakhona iBhayibhile isichazela ngenjongo kaThixo ngabantu. Loo njongo ichazwe kwiNdumiso 37:29: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” Phawula ukuba amalungisa—abantu abaziphethe kakuhle nabaphilileyo ngokomoya—baya kuphila ngonaphakade, kungekhona ezulwini, kodwa emhlabeni. Kakade ke, umhlaba awuyi kungcola njengokuba unjalo namhlanje. Kunoko, uya kuba yiparadesi.—INdumiso 104:5; Luka 23:43.

Ulwazi Olukhokelela Kubomi

Loo Paradesi iya kuquka iparadesi yokwenyama neyokomoya. UIsaya 11:9 uthi: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” Ekubeni olo lwazi lusezintliziyweni zabantu, nangoku lushukumisela amaKristu okwenyaniso ukuba aphile ngoxolo nangemvisiswano. Okubaluleke nangakumbi, bawajonga ebalulekile amazwi kaYesu xa wayethetha esithi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

Ukuba ungathanda ukufunda okungakumbi ngelo themba lichazwa yiBhayibhile, amaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ngesisa.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Kwakhona ungaqhagamshelana namaNgqina kaYehova kwiWeb site ethi www.watchtower.org.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share