Ngaba Kwadalwa?
Igqabi Lelotus Elingangeni Manzi
◼ Ngaba zingenziwa iikomityi zeplastiki ezikwaziyo ukuzicoca? Iifestile ezihlala zomile naxa kunetha? Oomatshini abancinane gqitha nabakwaziyo ukusebenzisana kodwa bangakhuhlani? Izazinzulu zithi oku kunokwenzeka kuphela xa zinokuyazi imfihlelo yegqabi lelotus.
Khawucinge ngoku: Igqabi lelotus linezigingqi ezincinane gqitha nezigqunywe ngumthwebeba. Oku kwenza amanzi angangeni kweli gqabi. Ekubeni eli gqabi linamathambeka, amanzi aqengqeleka ngokukhawuleza ngaphambi kokuba angene kulo. Uba yintoni umphumo? Oku akubangeli ukuba eli gqabi lihlale lomile nje kuphela, kodwa lihlala licocekile kuba ukungcola nothuli kuhamba namanzi.
Izazinzulu zifuna ukwenza izinto ezikwaziyo ukunqanda amanzi angangeni kuzo, njengeli gqabi lelotus. Kungayingenelo gqitha ukwenza oomatshini abancinane kakhulu abakwaziyo ukwenza oku, ekubeni kulula ukuba bonakaliswe ngamanzi. IScience Daily, ithi: “Zininzi gqitha izinto ezinokwenziwa.”
Ucinga ntoni? Ngaba igqabi lelotus lazenzekela? Okanye ngaba ladalwa?