IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/09 iphe. 6-9
  • Isizathu Sokuba Singazange Sikhethe Ukuqhomfa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isizathu Sokuba Singazange Sikhethe Ukuqhomfa
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kuphephe Ukungxama—Ceba Kakuhle
  • Yamkele Into Yokuba Ngumntu Lo Umthweleyo
  • Oko Kunokubangelwa Kukoyika Abantu
  • Ukuba Ngumhlobo KaThixo Kuyomeleza
  • Abazisoli
  • Ukuqhomfa—Akungondlela-lula
    Vukani!—2009
  • Ukuqhomfa—Ngaba Kusisicombululo?
    Vukani!—1995
  • Ithini IBhayibhile Ngokukhupha Isisu?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ukukhupha isisu
    Vukani!—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 6/09 iphe. 6-9

Isizathu Sokuba Singazange Sikhethe Ukuqhomfa

UVICTORIA ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala, waxelela uBill umfana awayencuma naye ukuba akazi kuqhomfa. UVictoria wathi: “Ndaqonda ukuba kukho umntu ophilayo ngaphakathi kum. Ndamshiya uBill kuba ndandiqonda ukuba, xa ndihleli naye akasayi kundixhasa xa ndikhulelwe.”

Kamva, uBill wayitshintsha indlela awayevakalelwa ngayo waza wacela umtshato kuVictoria. Kodwa kwabonakala kunzima ukunyamekela usana lwabo oluyinkwenkwe. UVictoria wathi: “Sasingenamoto, singenamali, sineempahla ezimbalwa, sasisokola nje yonk’ into. UBill wayefumana imali encinane emsebenzini yaye sasihlala kwindlu karhulumente, kodwa sanyamezela.”

Kanti abanye abantu baye basokola ngenxa yokukhulelwa bengazimiselanga. Sekunjalo abakhange bavume ukuqhomfa. Yintoni eye yabanceda ukuba babambelele kwisigqibo sabo baza bahlangabezana nobunzima bokukhulisa abantwana abangalindelwanga okanye abangacetyelwanga? Eyona nto ibancedileyo kukuthobela ubulumko obuseBhayibhileni.

Kuphephe Ukungxama—Ceba Kakuhle

IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.”—IMizekeliso 21:5.

UConnie, unina wamakhwenkwe amathathu, enye kuwo eyayinesiphene, wayesoyika xa ecinga ngokuba nomnye umntwana. Wathi: “Sasingenakukwazi ukondla omnye umntwana. Ngoko ke sacinga ngokuqhomfa.” Kodwa ngaphambi kokuba akhawuleze enze isigqibo, wachazela uKay awayesebenza naye. UKay wamnceda waqonda ukuba uthwele umntu ongekazalwa, nto leyo eyamenza watshintsha indlela awayecinga ngayo.

Noko ke, uConnie wayefuna uncedo ukuze akwazi ukuceba kakuhle. Ekubeni uConnie wayenomakazi okwalapho, uKay wacebisa ukuba aqhagamshelane naye. Lo makazi wakuvuyela ukumnceda. Ukongezelela umyeni kaConnie wafumana umsebenzi wesibini, baza bafudukela kwindawo engabizi kangako. Loo nto yabanceda bakwazi ukunyamekela usana olutsha.

Kwakhona uKay wanceda uConnie ukuba aqhagamshelane namaziko anceda abo baye bakhulelwa bengacebanga. Kumazwe amaninzi, la maziko anyamekela abadlezana abafuna uncedo. La maziko anokufunyanwa ngokujonga i-Internet okanye incwadi eneenombolo zeefowuni, edla ngokufumaneka kwimizi yogcino-zincwadi kawonke-wonke. Ukufuna uncedo kunokuba nzima, kodwa kuphumelela “amacebo okhutheleyo.”

Yamkele Into Yokuba Ngumntu Lo Umthweleyo

IBhayibhile ithi: “Ngokubhekisele kosisilumko, amehlo akhe asentlokweni yakhe; kodwa osisiyatha uhamba ebumnyameni obupheleleyo.”—INtshumayeli 2:14.

Ibhinqa elilumkileyo aliyibaleki inyaniso lize ngokungathi kunjalo ‘lihambe ebumnyameni.’ Lisebenzisa ‘amehlo asentlokweni yalo,’ nto leyo elenza lisebenzise amandla alo okucinga. Oku kulinceda liyihlolisise kakuhle imiphumo yezenzo zalo. Ngaloo ndlela, ngokwahlukileyo kwibhinqa elenza ngathi aliyiboni into eqhubeka esibelekweni salo, elo lilumkileyo lithi ngovelwano likhusele imbumba ekhula esibelekweni salo.

UStephanie, intombazana ekhulelweyo eyayicinga ngokuqhomfa, waboniswa ngomatshini imveku eneenyanga ezimbini isesibelekweni sakhe. UStephanie wathi: “Zathi waxa iinyembezi. Ndazibuza oku: Ndinokuyenza njani into yokubulala umntu ophilayo?”

Enye intombazana ekhulelweyo nengatshatanga, uDenise yaqonda ukuba ithwele umntu ophilayo. Xa inkwenkwe encuma naye yamnika imali isithi makaye kuqhomfa, uDenise wathi: “Intoni, uthi mandiqhomfe? Andinakuze ndenze loo nto mna!” Ngoko wala ukubulala usana lwakhe.

Oko Kunokubangelwa Kukoyika Abantu

Xa benyanzelwa ngabanye abantu ukuba baqhomfe, abo banokucinga ngokukhupha izisu baya kuba balumkile xa becinga ngalo mzekeliso weBhayibhile: “Ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe, kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.”—IMizekeliso 29:25.

UMonica oneminyaka eli-17 ubudala wakhulelwa engatshatanga kanye xa wayeza kuqala kwisikolo sezoshishino. Unina, ongumhlolokazi onabantwana abahlanu waxheleka gqitha yiloo nto. Wayefuna ukuba intombi yakhe ifunde ubuchule obabuza kuyikhupha kubuhlwempu eyayikubo intsapho yakowabo. Efuna indlela yokuphuma kule ngxaki, unina wanyanzela uMonica ukuba aqhomfe. UMonica uthi: “Wathi ugqirha akundibuza ukuba ndikufuna ngokwenene kusini na ukuqhomfa, ndathi kuye, ‘Andifuni!’”

Engakwazi ukuyamkela into yokubona ikamva likaMonica lipatyalaka, ekhathazwa nayinto yokuba kuza kongezeleleka omnye umntwana, unina wamgxotha. UMonica waya kuhlala kwamakazi wakhe. Emva kweeveki ezimbalwa, unina wehla waza wavuma ukuba angabuyela ekhaya. Unina kaMonica wamncedisa ekunyamekeleni usana olunguLeon, waza wayithanda kakhulu le nkwenkwana.

Elinye ibhinqa elitshatileyo elinguRobin lacinezelwa ngenye indlela. URobin wathi: “Ugqirha wam wayendinceda kwingxaki yezintso xa wafumanisa ukuba ndikhulelwe. Wandixelela ukuba maninzi amathuba okuba usana lwam luzalwe lukhubazekile.” Lo gqirha wakhuthaza uRobin ukuba aqhomfe. Wathi: “Ndamchazela imbono yeBhayibhile ngobomi. Ndamxelela ukuba andinakukwazi ukuqhomfa.”

Nangona sasivakala isizathu sokuxhalaba kukagqirha, kodwa ubomi bukaRobin babungekho sengozini.a URobin waleka ngelithi: “Yathi yakuzalwa intombi yam yaza yahlolwa, kwafunyaniswa ukuba ngenxa yengxaki esebuchotsheni, amanye amalungu omzimba wayo aza kuba buthathaka. Ikhula kakuhle kakhulu. Kangangokuba sele ineminyaka eli-15 ubudala kodwa iya iphucula ekufundeni. Ndiyithanda ngeyona ndlela, yaye andiyeki ukumbulela uYehova ngayo.”

Ukuba Ngumhlobo KaThixo Kuyomeleza

IBhayibhile ithi: “Ukusondelelana noYehova kokwabo bamoyikayo.”—INdumiso 25:14.

Abantu abaninzi bayala ukuqhomfa ngenxa yokuba beyazi indlela avakalelwa ngayo uMdali wabo ngalo mbandela. Eyona nto iphambili kubo, kukuqhubeka bengabahlobo bakaThixo yaye besenza oko kumkholisayo. Wayexhalabele loo nto kanye uVictoria ekuthethwe ngaye ngaphambilana. Wathi: “Ndandisazi kakuhle ukuba nguThixo onik’ ubomi, yaye andinalo kwaphela ilungelo lokutyumza ubomi obudalwe nguye.”

Wathi uVictoria akuqalisa ukuzimisela ukufunda iBhayibhile, bakhula ubuhlobo bakhe noThixo. Wathi: “Ukugqiba kwelokuba ndilugcine usana lwam kwandenza ndasondela ngakumbi kuYehova ndaza ndafuna ukumkholisa kuzo zonke iinkalo zobomi bam. Ndathi ndakuthandazela ulwalathiso lwakhe, yonk’ into yahamba kakuhle.”

Ukuba ngabahlobo bakaThixo, onguMthombo wobomi, kusenza sibuhlonele gqitha ubomi obusesibelekweni. (INdumiso 36:9) Ngaphezu koko, uThixo unokunika ibhinqa kwakunye nentsapho yalo “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze likwazi ukuhlangabezana nokukhulelwa kwalo okungacetywanga. (2 Korinte 4:7) Xa bekhangela emva, abo baye bayihlonela indlela uThixo abujonga ngayo ubomi bavakalelwa njani ngesigqibo abaye basenza?

Abazisoli

Aba bazali ababhuqwa sisazela, ukuzisola, nentlungu yokufelwa. Ekuhambeni kwexesha, baye bagqala “isiqhamo sesisu” njengomvuzo, kungekhona isiqalekiso! (INdumiso 127:3) UConnie, okhankanywe ngaphambilana wakuqonda oku kwiiyure nje ezimbini emva kokuba ebelekile! Enemincili, wafowunela uKay asebenza naye, emchazela ngendlela avuya ngayo kukuba eza kukhulisa usana lwakhe oluyintombazana. Engakwazi ukuzibamba luvuyo, uConnie waleka ngelithi: “Enyanisweni uThixo usikelela abo benza ukuthanda kwakhe.”

Kutheni kuyingenelo kangaka nje ukujonga ubomi ngendlela uThixo abujonga ngayo? Kungenxa yokuba njengoko enguMthombo wobomi, uThixo uchaza imithetho nemilinganiselo yakhe eBhayibhileni “ukuze kulunge [kuthi].”—Duteronomi 10:13.

Ngokutsho kukaVictoria noBill, ekuthethwe ngabo ekuqaleni kwenqaku lokuqala kwakunye neli, isigqibo sokungaqhomfi sabutshintsha ubomi babo. Bathi: “Sasingamakhoboka eziyobisi yaye mhlawumbi ngesasifile ukuba sasiqhubekile nelo khondo. Kodwa ukuhlonela ubomi bosana lwethu olungekazalwa kwasenza sacingisisa ngendlela esasiphila ngayo. AmaNgqina kaYehova asinceda satshintsha.”

Unyana wabo, uLance, sele eneminyaka engama-34 ubudala yaye uneminyaka engaphezu kweli-12 etshatile. ULance uthi: “Ukususela ebuntwaneni, abazali bam bandifundisa ukuba ndisekele izigqibo endizenzayo eBhayibhileni. Oku kusincedile nomfazi wam nonyana wethu kuba sonwabile.” Uyise, owayekhe wafuna ukuba uVictoria aqhomfe wathi: “Sisuka soyike xa sicinga ukuba saphantsa saphulukana nonyana wethu othandekayo.”

Kwakhona cinga ngoMonica, ongazange avume ukuqhomfa nakuba wayenyanzelwa ngunina. Uthi: “Emva kweeveki ezimbini unyana wam ezelwe, ndatyelelwa ngamaNgqina kaYehova ndaza ndafunda indlela yokuphila ngokuvisisana ngokupheleleyo nemithetho kaThixo. Ndakhawuleza ndaqalisa ukufundisa unyana wam uLeon ukubaluleka kokuthobela uThixo, yaye ngokuhamba kwexesha wamthanda kakhulu uThixo. Sithethanje uLeon ungumveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova.”

Ecinga ngoko kwenziwa ngunina, uLeon wathi: “Ukwazi ukuba wandithanda kangangokude andivumele ndiphile, nakuba wayephantsi kwengcinezelo, kundenza ndifune ukwenza konke okusemandleni am ukubonisa uxabiso kuThixo ngesi sipho simangalisayo.”

Abaninzi abaye bayiqonda imbono kaThixo ngobomi, abazisoli ngesigqibo abasenzileyo sokukhusela ubomi babantwana abasele bebathanda ngoku. Benombulelo ongazenzisiyo, bathi: “Asizange siqhomfe!”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuba iimeko zinyanzelisa ukuba kukhethwe enoba kuza kusindiswa ubomi bukanina okanye obosana, ebudeni bokuzalwa kwalo, loo nto ixhomekeke kubantu ababandakanyekileyo. Noko ke, ngenxa yokuhambela phambili kwezonyango, kumazwe amaninzi akufane kwenzeke oku.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ukubona kukaStephanie ematshinini imveku eneenyanga ezimbini isesibelekweni sakhe, kwamnceda wenza isigqibo

(Isangqa esibonisa usana sifakwe sithi)

[Umfanekiso okwiphepha 8]

UVictoria noLance

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

UVictoria noBill namhlanje bekunye noLance nentsapho yakhe

[Umfanekiso okwiphepha 9]

UMonica nonyana wakhe, uLeon bavuyiswa gqitha yinto yokuba engazange anikezele kwingcinezelo yokuqhomfa kwiminyaka engama-36 eyadlulayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share