IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/10 iphe. 7-9
  • Phila Ubomi Obulula Nobulungeleleneyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Phila Ubomi Obulula Nobulungeleleneyo
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuyoyisa Njani Inkxalabo Onayo?
  • Ukukhululeka Kwingxaki Yokungaqeshwa—Kuya Kubakho Njani Yaye Nini?
    Vukani!—1996
  • Phila Ubomi Obulungeleleneyo Nobuqhelekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ngaba Ndikulungele Ukumka Ekhaya?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Funa UBukumkani, Kungekhona Izinto
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 1/10 iphe. 7-9

Phila Ubomi Obulula Nobulungeleleneyo

KULUNCEDO ukuphila ubomi obulula nobulungeleleneyo. Kodwa kufuneka senze ntoni ukuze sikwazi ukwenjenjalo? Kufuneka uqale ucinge ngezinto ezibalulekileyo kuwe. Unokukwenza njani oko?

Zibuze: ‘Ziintoni endisele ndizenzile ukuza kuthi ga ngoku? Ziintoni ekusafuneka ndizenzile?’ Dwelisa ezona zinto zilusukelo lwakho apha ngezantsi:

1. ․․․․․

2. ․․․․․

3. ․․․․․

Abantu abaninzi namhlanje abanayo imbono ephangaleleyo ngobomi yaye bathanda izinto eziphathekayo. Ngendlela abenza ngayo bathi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.” (1 Korinte 15:32) Bacinga ukuba indlela ekhoyo yokuphilela ukusebenza ukuze ufumane imali eninzi yokuthenga izinto yeyona ndlela yokuphila. Noko ke, iBhayibhile ayivumelani noko.

Komnye wemizekeliso yakhe, uYesu wakha wathetha ngenye indoda eyaziqwebela izinto, suke yafa ngaphambi kokuba izisebenzise. “Kuba njalo ngomntu oziqwebela ubuncwane kodwa engesosityebi kuThixo.” (Luka 12:16-21) Ngaba ikho into ephosakeleyo eyayenziwe yile ndoda ngokusebenza nzima ukuze izixhase? Akunjalo konke konke. Ingxaki yayo yayikukuthanda izinto eziphathekayo. Yayibekela ecaleni imbono kaThixo xa isenza izigqibo. Loo nto yabangela ukuba, bonke ubutyebi bayo—zonke izinto eyayizisebenzele—zingayincedi ekuhambeni kwexesha. Isiphelo sayo saba buhlungu ngokwenene!—INtshumayeli 2:17-21; Mateyu 16:26.

Ngokwahlukileyo, uYesu usibongoza ukuba sisebenzele umvuzo ongunaphakade. Wathi: “Sebenzelani, kungekhona ukutya okutshabalalayo, kodwa ukutya okuhlala kuse ebomini obungunaphakade.” (Yohane 6:27) Ngaphambi koko wayethe: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngumvuzo oxabiseke ngokwenene lowo!

Unokuyoyisa Njani Inkxalabo Onayo?

UYesu wayesazi ukuba abantu bayathanda ukuzikhathaza ngezinto eziphathekayo. Yiloo nto eyabangela ukuba ababongoze ngelithi abafundi bakhe: “Musani ukufuna oko nisenokukutya noko nisenokukusela, yaye musani ukuthingaza nisexhaleni; kuba zonke ezi zizinto iintlanga zehlabathi ezizisukela ngentumekelelo, kodwa uYihlo uyazi ukuba niziswele ezi zinto. Noko ke, qhubekani nifuna ubukumkani bakhe, yaye ezi zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Luka 12:29-31.

Loo mazwi akhuthazayo aye abangela intaphane yamaKristu ukuba iphile ubomi obulula. UJuliet, ohlala eMalaysia uthi: “Umsebenzi wam undishiya ndiphelile kukudinwa yaye ndidimazekile. Ngoko sinomyeni wam sathandaza kuYehova simcela ukuba asincede siphile ubomi obulula. Wasiphendula ngokukhawuleza. Kwisithuba nje senyanga, ndafumana umsebenzi wesingxungxo wokufundisa abantwana abakhubazekileyo.” USteve, owayelungisa amaphahla ezindlu eOstreliya, walungelelanisa umsebenzi wakhe ukuze akwazi ukuchitha ixesha elingakumbi nentsapho yakhe kwizinto zokomoya. Inkosikazi yakhe, uMaureen ithi: “Wonwabe gqitha ngoku, ibe nathi sonwabile. Abantwana bethu bavuyiswa gqitha yile nto ayenzileyo! Nam ndiyayithanda! Ukuphila ubomi obulula kunceda yonke intsapho.”

Noko ke, ukuba uphelelwe ngumsebenzi yaye usesichengeni sokuthathelwa umzi wakho, kufuna ukholo lokwenene ukulandela isibongozo sikaYesu. Sekunjalo, xa uxhalabela izinto zokomoya kuqala uze uthembele kuThixo, unokuphila ubomi obulula nobulungeleleneyo. Ukwenjenjalo kuya kukunceda usukele “ubomi benene”—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa, apho wonke umsebenzi uya kuba mnandi nalapho kungasayi kubakho mntu usebenzela ilize.—1 Timoti 6:17-19; Isaya 65:21-23.

Ngaba ungathanda ukufunda okungakumbi ngobu “bomi benene” buthenjiswa yiBhayibhile? Ukuba kunjalo, qhagamshelana namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo, okanye ubhalele kwidilesi efanelekileyo ekwiphepha 5 leli phephancwadi.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

Kwihlabathi elitsha likaThixo, wonke umsebenzi uya kuba mnandi uze ungabi lilize

[Ibhokisi ekwiphepha 8]

NGABA UKHO UMSEBENZI ONOKUWENZA NGAPHANDLE KWEKHAYA?

Nanga amanye amacebiso anokuba luncedo kwamanye amazwe xa kuphele imisebenzi yengqesho:

● Ukugcina indlu (xa abantu bengekho behambe ngezoshishino okanye beye eziholideyini yaye befuna umntu oza kubagcinela indlu)

● Ukucoca: ezivenkileni; eziofisini; emva kokwakhiwa kwezindlu neendawo zokuhlala, emva kokuba kucinywe umlilo, emva kokuba kuphume abantu; ukwenza umsebenzi wasekhaya (emizini yabantu); ukucoca iifestile (ezamashishini nezezindlu zabantu)

● Ukulungisa: iibhayisikile; izinto ezahlukahlukeneyo (imizi yogcino-zincwadi ineencwadi eziqondakala lula zeendlela zokulungisa izinto)

● Ukwenza imisetyenzana: ukwakha iindonga zezindlu; ukwenza iikhabhathi, iingcango, iiveranda; ukupeyinta; ukubiya; nokwenza nokulungisa amaphahla

● Umsebenzi wasefama: ukulima, ukukha iziqhamo, ukuvuna

● Ukunyamekela izityalo ezikhula endlini: eziofisini, ezibhankini, kumagumbi okulindela, koobhazabhaza beevenkile, nakumaphahla eevenkile ezinkulu

● Ukunyamekela izakhiwo: ukuba liliso kuzo, nokuzilungisa (maxa wambi unokuhlala kwezi zakhiwo ngaphandle kwentlawulo)

● Ukufakela iikhaphethi nomgangatho obonakala ngathi liplanga, nokucoca ezi zinto

● Ukuthengisa amaphephandaba (abantu abadala nabantwana) nokuhambisa izibhengezo neeleta zabantu ezivela kwamasipala

● Ukuthutha izinto zabantu abafudukayo, nokuzigcina

● Umsebenzi wegadi, ukucheba imithi nengca, ukugawula imithi

● Ukuqhubela abantwana besikolo ibhasi

● Ukufota (abantu ngabanye neziganeko ezithile)

● Ukuthengisa izixhobo zokuloba intlanzi

● Ukwenzelana imisebenzi ethile: Mhlawumbi omnye alungise imoto yakho uze wena umlungiselele umbane womzi wakhe, wena umthungele aze akulungiselele imibhobho yamanzi yomzi wakho

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda uVukani! kaMatshi 8, 1996, iphepha 3-11.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]

IINDLELA ZOKUYILA UMSEBENZI EKHAYA

Khangela izinto abazifunayo abantu kwindawo ohlala kuyo. Buza abamelwane. Thabatha inyathelo lokuqala.

● Ukugcina usana, ukunyamekela umntwana

● Ukuthengisa imifuno okanye iintyatyambo ezityalwe ekhaya; iziselo ezenziwe ngeziqhamo

● Ukuthunga nokulungisa impahla

● Ukungxungxa kwimizi-mveliso

● Ukubhaka nokwenza ukutya

● Ukwenza amalaphu okugquma ibhedi, ukukrosha, ukunitha; ukuluka, ukubumba izinto ngodongwe; neminye imisebenzi yobugcisa

● Ukulungisa izitulo

● Ukunyamekela iiakhawunti zeenkampani, ukuchwetheza nokwenza eminye imisebenzi efuna ikhompyutha

● Ukuphendula iifowuni

● Ukulungisa iinwele

● Ukuqeshisa ngamagumbi

● Ukubhala nokuhambisa iimvulophu zababhengezi

● Ukuhlamba nokupolisha iimoto (abantu beza neemoto zabo ekhayeni lakho)

● Ukunyamekela nokuqeqesha izilwanyana

● Ukulungisa amaqhaga nokwenza izitshixo (usebenzela ekhaya)

Phawula: Izibhengezo ezininzi zale misebenzi ichazwe ngasentla, zinokufakwa simahla okanye ngexabiso eliphantsi kumaphepha empelaveki abhengeza izinto ezithengiswayo okanye kwiibhodi zezaziso zeevenkile ezinkulu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share