Abantu Abaselula Bayabuza
Ngaba Ikho Into Ephosakeleyo Ngokukhe Ufune Ukuba Wedwa?
Beka olu phawu ✔ ecaleni kwendlela onokusabela ngayo kwezi meko zilandelayo.
1. Uzivalele egumbini lakho, kuthi kusenjalo kumbonzeleke umntwana wakowenu.
◯ ‘Andinangxaki . . . Nam ndiyayenza loo nto kubantwana basekhaya.’
◯ ‘Bubukrwada obo! Ebeza kuthini ukuba bendinxiba?’
2. Uthetha nomhlobo wakho efowunini yaye umam’ akho usondele ngohlobo lokuba eve yonke into oyithethayo.
◯ ‘Andinangxaki . . . Kuba akukho nto ndiyifihlayo.’
◯ ‘Uyandiphazamisa! Ingathi ndigadiwe!’
3. Uthi ufika nje ekhaya, bobabini abazali bakho baqalise ukukuhlaba imibuzo. “Ubuye phi? Ubusenzani? Ubuhamba nabani?”
◯ ‘Andinangxaki . . . Ndidla ngokubaxelela yonke into kakade.’
◯ ‘Iyandikhathaza le nto! Abazali bam abandithembi!’
MHLAWUMBI xa wawusemncinane wawungakufuni kangako ukukhe ube wedwa. Kwakusithi nokuba umntwana wakowenu omncinci kunawe uye wambonzeleka egumbini lakho ungakhathazeki. Naxa abazali bakho bekubuza ngento ethile, wawungacingi kabini ngaphambi kokuba ubaphendule. Ngelo xesha, ubomi bakho babungenazimfihlelo. Kodwa ngoku sele kukho amaxesha okukhe ufune ukuba wedwa. UCorey oneminyaka eli-14 ubudala uthi: “Ndiyathanda nje ukuba nezinto ezaziwa ndim ndedwa.”a
Sekutheni ngoku ufuna ukuba nezinto ezaziwa nguwe wedwa? Enye into uyakhula. Ngokomzekelo umzimba uyatshintsha xa ukwishumi elivisayo yaye loo nto ingenza ukuba uyixhalabele gqitha inkangeleko yakho—naxa uphambi kwabantu bakowenu. Kanti njengokuba ukhula, uye ufuna ngakumbi ukukhe ucingisise ngezinto. Loo nto ibonisa ukuba ayakhula ‘amandla akho okucinga’—uphawu iBhayibhile elithi luyancomeka kumntu oselula. (IMizekeliso 1:1, 4; Duteronomi 32:29) NoYesu wayekhe aye “kwindawo engasese” ukuze acingisise ngezinto.—Mateyu 14:13.
Kambe ke, usephantsi kwegunya labazali bakho yaye banelungelo lokwazi ngoko kuqhubekayo ebomini bakho. (Efese 6:1) Kodwa ke ingxaki isenokuqala xa uzixelele ukuba wena ufuna ukukhula, babe bona befun’ ukwazi. Unokuhlangabezana njani nale ngxaki? Makhe sijonge iinkalo ezimbini ezinokubangel’ iingxaki.
Xa Ufuna Ukukhe Ube Wedwa
Zininzi izizathu ezivakalayo ezibangela ukuba ufune ukukhe ube wedwa. Mhlawumbi ufuna ukukhe ‘uphumle kancinane.’ (Marko 6:31) Okanye xa ufuna ukuthandaza usenokwenza oko uYesu wakucebisa abafundi bakhe esithi, “ngena egumbini lakho langasese uze, wakuba uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo.” (Mateyu 6:6; Marko 1:35) Ingxaki yeyokuba xa uzivalele egumbini lakho (ukuba unalo), abazali bakho basenokungayicingi into yokuba uyathandaza! Mhlawumbi nabantwana bakowenu basenokungayiqondi into yokuba ufuna ukukhe ube wedwa.
Oko unokukwenza. Endaweni yokuxambulisana naye wonk’ umntu ongena egumbini lakho lokulala, yenza oku kulandelayo.
● Zama ukubekela abantwana bakowenu imigaqo embalwa esengqiqweni ukuze bakunike ixesha lokukhe ube wedwa. Ukuba kuyimfuneko ukwenjenjalo, cela abazali bakho ukuba bakuncede kule nkalo.
● Zama ukuluqonda uluvo lwabazali bakho. URebekah oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Maxa wambi abazali bam bakhe baze kundikroba. Kodwa xa kuthethwa inyani, nam bendiya kumkroba umntwana wam okwishumi elivisayo ukuba bendingumzali—ingakumbi ngenxa yezilingo olutyhubela kuzo ulutsha lwale mihla!” Kanye njengoRebekah, ngaba nawe uyaziqonda izizathu zokuba abazali bakho baxhalabe?—IMizekeliso 19:11.
● Khawukhe unyaniseke uze uzibuze oku: ‘Ngaba zikho izinto endizenzayo ezibangela abazali babe nesikrokro xa ndizivalele? Ngaba ndiye ndabafihlela izinto ezininzi ngam kangangokude ngoku bazive benyanzelekile ukuba bazame amanye amacebo okukhangela izinto endizenzayo?’ Ngokuqhelekileyo, xa kungekho nto ubafihlela yona abazali bakho abasayi kungakuthembi.b
Oko ndiceba ukukwenza. Bhala apha ngezantsi oko uza kukuthetha nabazali bakho ngalo mbandela.
․․․․․
Xa Usakha Ubuhlobo Nabanye Abantu
Xa ukhula kuyinto eqhelekileyo ukuba ube nabahlobo abangengomalungu entsapho yakowenu. Ikwaqhelekile nento yokuba abazali bakho bafun’ ukwazi abahlobo bakho nezinto ozenza nabo. Kubazali bakho, le yeyona nto bayaziyo ukuba bamele bayenze. Kodwa kuwe, inokubonakala ngathi abazali bakho bazixhalabise ngokugqith’ emgceni. UAmy oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ndifun’ ukhe ndisebenzise iselfowuni ne-e-mail yam ngaphandle kokuba beman’ ukundikroba qho emva kwemizuzu elishumi bendibuza ukuba ngubani endincokola naye.”
Oko unokukwenza. Kunokuba ubuhlobo bakho nabanye abantu bube ngumqobo phakathi kwakho nabazali bakho, zama la macebiso alandelayo.
● Bachazele abazali ngabahlobo bakho uze uqiniseke ukuba baqhelene nabo. Ngapha koko, akufuni ukuba abazali bakho basoloko belandela emva kwakho, kodwa ayikho enye into abanokuyenza xa bengabazi abahlobo bakho. Khumbula oku, abazali bakho bayazi ukuba abahlobo bakho banempembelelo enkulu kuwe. (1 Korinte 15:33) Xa abazali bakho bebazi abantu ochith’ ixesha kunye nabo, baye bangabi nangxaki ngabahlobo obakhethileyo.
● Yiba nembeko xa uthetha nabazali bakho ngale nto. Musa ukubatyhola ngokuthand’ iindaba. Kunokuba wenjenjalo unokuthi: “Ndivakalelwa kukuba ndiphenduliswa ngayo yonke into endiyithetha kubahlobo bam. Ngenxa yaloo nto andisakwazi nkqu nokuncokola nje nabahlobo bam.” Mhlawumbi abazali bakho banokukuyeka uncokole ngokukhululekileyo nabahlobo bakho.—IMizekeliso 16:23.
● Nyaniseka kwisiqu sakho: Ngaba eyona ngxaki kukufuna ukuba wedwa okanye kukufuna ukugcina izinto ezithile ziyimfihlelo? UBrittany oneminyaka engama-22 ubudala uthi: “Ukuba uhlala nabazali bakho yaye zikho izinto ezibaxhalabisayo ngawe, umele ucinge ngoku, ‘Ukuba akukho nto imbi kwizinto endizenzayo ngoko kutheni ndimele ndizifihle?’ Kwelinye icala ukuba ufuna ukuzifihla, loo nto ibonisa ukuba ikho le nto uyenzayo.”
Oko ndiceba ukukwenza. Bhala apha ngezantsi izinto onokuzithetha kubazali bakho.
․․․․․
Indlela Okukuchaphazela Ngayo Ukuba Wedwa
Ngoku unethuba lokuba ukhe ucinge ngenkalo ethile ekwenza ufune ngamandla ukukhe ube wedwa.
Inyathelo loku-1: Yazi eyona nto iyingxaki.
Yiyiphi inkalo ekwenza ufune ukuba wedwa?
․․․․․
Inyathelo lesi-2: Cinga ngoluvo lwabazali bakho.
Ucinga ukuba yintoni eyona nto ibaxhalabisayo?
․․․․․
Inyathelo lesi-3: Cinga ngesicombululo.
(a) Cinga ngendlela noba inye, ekusenokwenzeka ukuba uthe ngayo ungaqondanga wanegalelo kule ngxaki uze uyibhale apha ngezantsi.
․․․․․
(b) Ziziphi izinto onokuzitshintsha xa ucinga ngale mpendulo uyibhale ngasentla?
․․․․․
(c) Yiyiphi indlela ongathanda ukuba abazali bakho bazilungise ngayo izinto ezikukhathazayo?
․․․․․
Inyathelo lesi-4: Thetha nabo.
Ngexesha elifanelekileyo, thetha nabazali bakho ngezinto ozibhale ngasentla.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.
b Ukuba abazali bakho abakuthembi bachazele kakuhle nangembeko ngendlela ovakalelwa ngayo. Ziphulaphule kakuhle izizathu zokuba baxhalabe, uze uzame ukuqonda enoba ayikho kusini na into oyenzayo ebangela ukuba bangakuthembi.—Yakobi 1:19.
OKO UMELE UCINGE NGAKO
● Kutheni abazali bakho benelungelo lokufun’ ukwazi ngezinto ozenzayo?
● Amalinge akho okufunda indlela yokuthetha nabazali bakho anokukunceda njani xa uthetha nabanye abantu abadala kwixa elizayo?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Ukuba ulutsha lunokuthetha ngokukhululekileyo nabazali balo, abazali abanakufane bafunde ii-email nemiyalezo yalo ukuze babone indlela oluphila ngayo.”
“Andinakukhathazeka xa abazali bam befunda ii-email zam. Ukuba umqeshi unelungelo lokubek’ esweni ii-e-mail zabaqeshwa bakhe, kutheni bona abazali bengenalungelo lakuzibek’ esweni ezabantwana babo?”
“Abazali bakho abafuni ungene engxakini, yaye maxa wambi kusenokubonakala ngathi bangena izinto ezikude nabo. Kubonakala ngathi bakudlel’ indlala. Kodwa enyanisweni, nam ukuba bendingumzali, bendiza kwenza kanye loo nto.”
[Imifanekiso]
UEden
UKevin
UAlana
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
● Unyana wakho uzivalele egumbini lakhe. Ngaba unokusuka nje ungene ungankqonkqozanga?
● Intombi yakho ishiye iselfowuni yayo njengoko iphume ingxamile ukuya esikolweni. Ngaba ufanele ukrobe imiyalezo ekule fowuni yayo?
Inzima le mibuzo. Kwelinye icala unelungelo lokwazi oko kuqhubeka kumntwana wakho okwishumi elivisayo kwakunye nembopheleleko yokumkhusela. Kanti, akunakusoloko ubhabha phezu komntwana wakho, oku kwenqwelo-ntaka uze ujonge yonke into ayenzayo. Unokulungelelana njani ke kulo mba?
Okokuqala, yiqonde into yokuba xa umntwana wakho efuna ukuba nezinto ezaziwa nguye yedwa, akusoloko kubonisa ukuba unengxaki. Linqanaba eliqhelekileyo eli lokukhula. Ukuba nezinto abazazi bodwa kunceda abakwishumi elivisayo ukuba bazivavanye njengoko bezama ukwakha ubuhlobo baze bacinge ngeengxaki zabo besebenzisa ‘amandla abo engqiqo.’ (Roma 12:1, 2) Ukuba nezinto abazazi bodwa kuyabanceda abakwishumi elivisayo ukuba bakhulise amandla abo okucinga—phawu olo olubalulekileyo ukuba baza kukhula beqolile. (1 Korinte 13:11) Kanti kubanika ithuba lokucingisisa ngaphambi kokuba baphendule imibuzo enzima.—IMizekeliso 15:28.
Okwesibini, qonda ukuba ukuzama ukumlandela ngasemva umntwana wakho okwishumi elivisayo kunokumenza abe nenzondo aze avukele. (Efese 6:4; Kolose 3:21) Ngaba oku kuthetha ukuba umele urhoxe? Akunjalo, kuba kaloku usamzala. Noko ke, eyona nto uyifunayo kukuba umntwana wakho abe nesazela esiqeqeshiweyo. (Duteronomi 6:6, 7; IMizekeliso 22:6) Ekugqibeleni, ufanele umkhokele kunokusoloko umgadile.
Okwesithathu, wuxubushe lo mba nomntwana wakho okwishumi elivisayo. Ziphulaphule izinto ezimxhalabisayo. Ngaba akakho amanye amathuba onokukhe uyekelele ngawo? (Filipi 4:5) Mxelele umntwana wakho ukuba uya kumvumela abe neemfihlelo logama nje engakuphoxi. Mchazele imiphumo yokungathobeli, uze umbeke esweni xa kuyimfuneko. Qiniseka ukuba unako ukuvumela umntwana wakho okwishumi elivisayo ukuba abe nezinto azazi yedwa ungakhange uyiyeke indima yakho yokuba ngumzali onenkathalo.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukuthenjwa kufana nokuhlawulwa umvuzo—kufuneka ukusebenzele