Umhlobo Onenkohliso
“Unomhlobo” owadibana naye ebutsheni bakho. Wayekwenza uzive uqolile aze akwenze wamkeleke nakoontanga bakho. Wawusithi xa uxinezelekile uye kuye uze uve ngathi kuthe “qabu” noko. Eneneni ubusele ubhenela kuye xa kuvela iimeko ezahlukahlukeneyo.
Kodwa emva kwethuba, uye wazibona iimpawu zakhe ezingathandekiyo. Akafuni kwahlukana nawe, enoba loo nto iza kukwenza ungamkelwa kwezinye iindawo. Nangona eye wakwenza waziva uqolile kodwa yona impilo yakho uye wayibeka esichengeni. Phezu kwazo zonke ezo zinto, uye weba isixa somvuzo wakho.
Kutshanje, ukhe wazama ukwahlukana naye kodwa akafuni nokuva. Ngandlel’ ithile uyakulawula. Uyazisola ngokuba uye wamazi.
APHA sithetha ngobuhlobo beentshayi ezininzi kwakunye necuba. Emva kweminyaka engama-50 litshaya, ibhinqa elinguEarline likhumbula oku: “Icuba belindinceda ngaphezu kwakhe nabani na. Belinganeli nje ukuba ngumhlobo wam—belikhe libe kuphela komhlobo endinaye.” Noko ke, ekuhambeni kwexesha, uEarline wabona ukuba icuba lingumhlobo onenkohliso nokhohlakeleyo. Eneneni, amazwi angasentla ebeza kungena gingci kwimeko yakhe—kodwa yena wahluke ngentw’ enye. Wawuyeka lo mkhwa akufunda ukuba uThixo uyabacekisa abantu abatshayayo, kuba bengcolisa imizimba abanike yona.—2 Korinte 7:1.
Nayo indoda egama linguFrank yakhetha ukuyeka ukutshaya ukuze ikholise uThixo. Kodwa kwathi malunga nosuku iyeke ukutshaya, yazibona sele iguqe ngamadolo emzini wayo izingela izitompi zecuba phantsi. UFrank uthi: “Ndabe ndigqibelisile, kuba yandinyanyisa, into yokuzibona sele ndikhasa, ndiphendla ubumdaka, ndikhangela izitompi zecuba. Andizange ndiphinde ndilifake icuba kowam umlomo.”
Kutheni kunzima kangaka nje ukuyeka icuba? Abaphengululi baye bafumana izizathu ezininzi: (1) Nantoni na edibene necuba ikwenza ikhoboka ngendlela efana neyeziyobisi ezingekho mthethweni. (2) Xa utshaya, intshongo ekwelo cuba inokuthatha nje imizuzu esixhenxe ukuze ifike ebuchotsheni. (3) Ukutshaya kuqheleka kangangokude umntu akwenze xa esitya, esela, encokola nabantu okanye xa efuna isiqabu kuxinezeleko naxa esenza nantoni na eyenye.
Kanye njengokuba uEarline noFrank benzile, unako ukukuyeka ukutshaya. Ukuba ufuna ukuyeka ukutshaya, kunokukunceda utshintshe ubomi bakho ukufunda la manqaku alandelayo.