Yintoni Oyaziyo NgamaNgqina KaYehova?
Enye intatheli yaseDenmark yabhala yathi: “Zininzi izinto endazifunda kwi-Internet ngamaNgqina kaYehova, ndeva amarhe ngawo yaye ndaphulaphula izinto ezithethwa ngabantu begxeka. Ngenxa yoko, ndandingawathandi amaNgqina kaYehova.”
KAMVA le ntatheli yadlan’ indlebe nentsapho engamaNgqina. Waba yintoni umphumo? Ithi: “Yatshintsha indlela endiwajonga ngayo ndiqala nje ukungena endlwini yawo! Mhlawumbi abantu abawazi kakuhle, okanye bayakhawuleza ukuwagxeka. Nam ndandinjalo. Kodwa ndabona ukuba ndandicinga ngendlela ephosakeleyo.”—UCecilie Feyling, weJydske Vestkysten.
Ngenxa yokuba esebenzisana namaNgqina kaYehova, umcebisi ngokuqeshwa kwabantu ezivenkileni eYurophu wathi: “Anyanisekile, kunokuthenjelwa kuwo yaye ayazimisela emsebenzini.” Ngenxa yoko uqesha amaNgqina.
Kakade ke, eyona nto aziwa ngayo amaNgqina kaYehova kukushumayela kwawo. Adibana nabantu abangakufuniyo ukuthetha ngeBhayibhile, ngoxa abanye bengenangxaki naloo nto. Phofu ke, abantu abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe, phantse kwilizwe ngalinye bafunda iBhayibhile namaNgqina baze nabo emva kwexesha bafundise abanye abantu. Ngokomzekelo, eUnited States, ingxelo evela kwiNational Council of Churches ithi, kwiicawa ezingama-25 ezizezona zaziwayo ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova yenye kwezine kuphela eziye zaba nolwando.
Kutheni izigidi zabantu zifunda iBhayibhile namaNgqina? Kufundwa njani nabo? Ngaba abo kufundwa nabo kulindeleke ukuba babe ngamaNgqina? Enoba uyafuna okanye akufuni ukuba liNgqina likaYehova, unelungelo lokufumana iimpendulo ezichanileyo. Ngoko ke, musa ukuva ngondiva kodwa phanda ukuze ufumane iimpendulo ezichanileyo. KwiMizekeliso 14:15 iBhayibhile ithi: “Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke; kanti ke yena oqiqayo uhlab’ ekhangele.”—IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Sinethemba lokuba la manqaku kaVukani! aza kukunceda uwazi kakuhle amaNgqina kaYehova. Ukufunda kwakho eli phephancwadi kubonisa ukuba unengqondo ephangaleleyo. Nantsi into esicebisa ukuba uyenze: Njengokuba uza kube ufunda la manqaku mathathu alandelayo neebhokisi zawo, jonga izibhalo eBhayibhileni yakho.a Ukwenjenjalo kububulumko yaye njengokuba iBhayibhile isitsho, kubonisa ukuba ‘uchubekile.’—IZenzo 17:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba awunayo iBhayibhile kodwa unayo i-Internet, jonga izibhalo kwiWeb site ethi www.watchtower.org. Kuyo uya kubona ibhokisi ethi “Read the Bible Online.” Ukongezelela, le Web site ineencwadi zeBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwezingama-380.