Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Ngubani Owayesenza Lo Msebenzi?
1. Yayingoobani abalobi beentlanzi ababini ababengoonyana bakaZebhedi nababekwangabapostile bakaYesu?
Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi.
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMateyu 4:21, 22.
․․․․․
2. Ngoobani amagama abanye abapostile ababini ababengabalobi?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMateyu 4:18.
․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Kwakutheni ukuze uYesu athi abafundi bakhe baya kuba ‘ngabalobi babantu’? (Mateyu 4:19) Ucinga ukuba kwahluke yaye kufana ngantoni ukuba ngumlobi weentlanzi nokuba ngumlobi wabantu?
YINTONI OYAZIYO NGOMPOSTILE UANDREYA?
3. Ngaphambi kokuba abe ngumlandeli kaYesu, uAndreya wayengumfundi kabani?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMarko 1:4; Yohane 1:35-40.
․․․․․
4. UAndreya wayethetha nabani ngoYesu, yaye oko kwaphumela entwenini?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uYohane 1:40-42.
․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Kutheni kubalulekile ukuxelela izalamane zakho ngezinto ozaziyo ngoYesu? Sekunjalo, ezinye zinokusabela njani?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMateyu 10:32-37.
BANTWANAKHANGELANI LE MIFANEKISO
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
KWELI PHEPHANCWADI
Phendula le mibuzo uze ufakele iindinyana zeBhayibhile.
IPHEPHA 3 Yintoni eyaziwa ngumntu okrelekrele, okanye onobuquli? IMizekeliso 14:․․․
IPHEPHA 8 UThixo wazithiya liphi igama? INdumiso 83:․․․
IPHEPHA 20 Kwenzeka ntoni kwiingelosi ezonayo? Yude:․․․
IPHEPHA 26 “Ukucudisa umsindo” kuya kuvelisa ntoni? IMizekeliso 30:․․․
● Iimpendulo zikwiphepha 11
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. NguYakobi noYohane.
2. NguPetros noAndreya.
3. KaYohane umBhaptizi.
4. Nomntakwabo uPetros, owaba ngumfundi kaYesu.