IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/10 iphe. 8-9
  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Angoobani?
    AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Angoobani?
    AmaNgqina KaYehova Kwinkulungwane Yamashumi Amabini
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 8/10 iphe. 8-9

Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?

Izinto amaNgqina kaYehova azikholelwayo aziyomfihlo, kuba apapasha uncwadi lwawo ngeelwimi ezininzi. Nazi ezinye zezona zinto azikholelwayo.

1. IBhayibhile AmaNgqina akholelwa ekubeni “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Unjingalwazi olisekela wezifundo zonqulo uJason D. BeDuhn wabhala wathi: “[AmaNgqina kaYehova asekela] inkqubo yawo yonqulo nendlela aphila ngayo koko iBhayibhile ikutshoyo kungekhona koko bebengathanda ukuba ikutsho.” Izinto azikholelwayo zisekelwe eBhayibhileni; awazitshintshi ukuze zilungele wona. Kwangaxeshanye, ayayiqonda into yokuba ezinye izinto eziseBhayibhileni ziyafuzisela. Ngokomzekelo, iintsuku ezisixhenxe zokudala zifuzisela ixesha elide.—Genesis 1:31; 2:4.

2. UMdali Ukuze azahlule koothixo bobuxoki, uThixo oyinyaniso unegama—uYehova (okanye uYahweh, njengokuba iJerusalem Bible yamaRoma Katolika nabaphengululi bakutshanje bekhetha ukuba libizwe).a (INdumiso 83:18) KwiZibhalo zesiHebhere igama likaThixo livela izihlandlo ezingama-7 000. Ebethelela ukubaluleka kwelo gama, uYesu wathi kumthandazo wakhe ongumzekelo: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) UThixo ufuna uzinikelo olupheleleyo. Yiloo nto ebangela ukuba amaNgqina angasebenzisi imifanekiso okanye imifanekiso eqingqiweyo xa enqula.—1 Yohane 5:21.

3. UYesu Kristu NguMsindisi, “nguNyana kaThixo” yaye ‘lizibulo kwindalo yonke.’ (Yohane 1:34; Kolose 1:15; IZenzo 5:31) UYesu akayonxalenye kaBathathu Emnye kuba wadalwa. UYesu wathi: “UBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) UYesu wayehlala ezulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni yaye emva kokufa kwakhe okulidini, wavuswa wabuyela ezulwini. “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza [ngaye].”—Yohane 14:6.

4. UBukumkani BukaThixo Lo ngurhulumente wasezulwini onoKumkani—uYesu Kristu—nabali-144 000 aza kulawula nabo, “abathengwe emhlabeni.” (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3, 4; Daniyeli 2:44; 7:13, 14) Baya kulawula phezu komhlaba ekuza kube kucocwe kuwo bonke ubungendawo yaye uza kube uhlala izigidi zabantu ezoyika uThixo.—IMizekeliso 2:21, 22.

5. Umhlaba INtshumayeli 1:4 ithi: “Ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.” (IBhayibhile yesiXhosa) Emva kokuba abantu abangendawo betshatyalalisiwe, umhlaba uza kutshintsha ube yiparadesi uze uzaliswe ngonaphakade ngabantu abangamalungisa. (INdumiso 37:10, 11, 29) Umthandazo kaYesu othi, “makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni” uya kuzaliseka.—Mateyu 6:10.

6. Isiprofeto seBhayibhile ‘UThixo, akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ngenxa yoko, oko akuxele kwangaphambili kuyazaliseka kuquka nesiprofeto seBhayibhile esingokupheliswa kweli hlabathi. (Isaya 55:11; Mateyu 24:3-14) Ngubani oya kusinda kwintshabalalo ezayo? Eyoku-1 kaYohane 2:17 ithi: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”

7. Amagunya karhulumente UYesu wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Marko 12:17) Ngoko amaNgqina kaYehova athobela imithetho yelizwe ukuba ayingqubani nemithetho kaThixo.—IZenzo 5:29; Roma 13:1-3.

8. Ukushumayela UYesu wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani” ziya kushunyayelwa emhlabeni wonke ngaphambi kokuba kupheliswe le nkqubo yezinto. (Mateyu 24:14) AmaNgqina kaYehova akujonga njengelungelo ukwenza lo msebenzi usindisa ubomi. Kakade ke, abantu bayazikhethela ukusiphulaphula okanye ukungasiphulaphuli. IBhayibhile ithi: “Lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.”—ISityhilelo 22:17.

9. Ukubhaptizwa AmaNgqina kaYehova abhaptiza kuphela abo bathi emva kokuba beyifunde ngokucokisekileyo iBhayibhile bafune ukukhonza uThixo njengamaNgqina akhe. (Hebhere 12:1) Aba bafuzisela ukuzahlulela kwabo kuThixo ngokubhaptizwa emanzini.—Mateyu 3:13, 16; 28:19.

10. Ukwahlulwa kwabefundisi kumarhamente UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Nonke nina ningabazalwana.” (Mateyu 23:8) AmaKristu amandulo kuquka nababhali beBhayibhile babengenabo abefundisi. AmaNgqina kaYehova ayayilandela le mfundiso iseBhayibhileni.

[Umbhalo osemazantsi]

a AmaNgqina kaYehova akalityumbanga igama elithi “Yehova.” Kangangeenkulungwane ezininzi ezadlulayo, igama likaThixo “uYehova” liye lavela ngeelwimi ezingezizo ezeBhayibhile kuquka isiNgesi nesiJamani. Okubuhlungu kukuba, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ziye zalisusa igama likaThixo zaza zasebenzisa izibizo ezinjengesithi “Thixo” nesithi “Nkosi” nto leyo ebonisa ukungamhloneli uMbhali weBhayibhile.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

“UBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

“Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”—Mateyu 24:14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share