Igqwetha Lithetha NgamaNgqina KaYehova
ULES CIVIN oligqwetha nomalathisi kwinkampani yamagqwetha yaseMzantsi Afrika uthi: “Akukho nto ingako ndandiyazi ngamaNgqina kaYehova.” Yintoni eyabangela ukuba ahlole iimfundiso zamaNgqina? Wafikelela kwesiphi isigqibo ngenxa yoko akukholelwayo? UVukani! uyasibalisela.
Ukhule uhamba eyiphi icawa?
Ndikhuliswe ngamaYuda, kodwa ekuqaleni kweminyaka yee-1970 ndatshata noCarol owayengumTshetshi. Wayengenamdla elunqulweni yaye sasingenanto yakwenza nonqulo. Kodwa xa unyana wethu, uAndrew, wayeneminyaka esibhozo ubudala, uCarol wathi sifanele senze okuthile ukuze kubekho icawa ayihambayo unyana wethu. Urabhi wandixelela ukuba, ukuba uCarol unokuguquka abe ngumYuda uAndrew ngokuzenzekelayo uza kuba ngumYuda aze enzelwe iBar Mitzvah xa eneminyaka eli-13 ubudala. Saqalisa ukungena iiklasi zeemfundiso zamaYuda veki nganye ecaweni.
Wadibana njani namaNgqina kaYehova?
Xa amaNgqina esityelele, ndandidla ngokukhawuleza ndiyiphelise incoko. Ndandidla ngokuthi: “NdingumYuda yaye andikholelwa kwiTestamente Entsha.” UCarol wandichazela ukuba omnye wabahlobo bakhe liNgqina yaye uyazi kakuhle iBhayibhile. UCarol wacebisa ukuba sikhe sifunde iBhayibhile. Ndavuma ndibukrikriza ukuba sifunde namaNgqina.
Sasinjani isifundo seBhayibhile?
Ndandiwajongela phantsi amaNgqina. Ndandisandul’ ukubuyela ebuYudeni yaye ndizixelela ukuba ndingowesizwe esinyuliweyo. Ndandisithi: ‘Yintoni endinokuyifundiswa ngaba bantu?’ Xa sasiqala ukuncokola ndathi kwiNgqina elalisityelele ekhayeni lethu: “Mna ndazalwa ndingumYuda. Lunqulo lwam olo yaye ndiza kufa ndingumYuda. Akukho nto intsha oza kuyithetha eza kunditshintsha.” Layiqonda indlela endandivakalelwa ngayo. NgooLwezihlanu nangeMivulo ngokuhlwa sasisiya kwiiklasi apho sasifunda ngeenkolelo zamaYuda yaye ngeCawa kusasa (ukuba ndandingenandlela yimbi) sasifunda namaNgqina. Ndandingahlawuli mali ukuze ndifunde nawo kodwa sasihlawula imali xa sisiya eklasini.
Ndandisebenzisa iBhayibhile yam yesiYuda kuba ndandisithi amaNgqina asebenzisa inguqulelo exhasa iinkolelo zawo. Noko ke, ndothuka xa ndibona indlela ezivisisana ngayo ezi Bhayibhile. Oku kwandenza ndazimisela nangakumbi ukubonisa amaNgqina ukuba awayazi into ayithethayo.
Emva kokuba sinethuba sisiya kwiiklasi zikarabhi, uCarol wandixelel’ ukuba urabhi akayazi kakuhle iBhayibhile. Wathi uza kuyeka ukuya kwiiklasi yaye akasoze amkhanyele uKristu. Ndicaphukile, ndacinga nangokuqhawul’ umtshato. Emva kokuba umsindo uthomalele, ndagqiba ekubeni ndisebenzise elinye iqhinga—ndandiza kusebenzisa ulwazi lwam ngomthetho ukuze ndibonise uCarol ukuba abantu bale cawa bashiywa ziingqondo yaye bayingozi.
Ngaba waphumelela?
Omnye urabhi wandinika incwadi eyayibhalelwe ukungqina ukuba iziprofeto ezingoMesiya azizange zizaliseke kuYesu. Ndayifunda noCarol loo ncwadi kangangeenyanga ezili-18. Kwakhona saqhubeka sifunda iBhayibhile veki nganye namaNgqina. Noko ke, njengokuba sasihlola isiprofeto ngasinye ekuthethwe ngaso kwincwadi karabhi ndaqalisa ukuba namathandabuzo. Ngokungafaniyo noko kwakuthethwa yile ncwadi, iziprofeto zeBhayibhile ezingoMesiya zazisalatha kumntu omnye—uYesu Kristu. Kodwa ndathandabuza ngakumbi xa safunda isiprofeto esikuDaniyeli 9:24-27, esixela kwangaphambili ukuba uMesiya wayeya kuvela ngonyaka wama-29 C.E.a INgqina elalifunda nathi iBhayibhile lasibonisa iBhayibhile yesiHebhere yeinterlinear eguqulela gama ngalinye kwisiNgesi. Ndaqwalasela amagama, ndazibalela ixesha ndaza ndathi: “Kulungile, esi siprofeto salatha kunyaka wama-29 C.E. Inakuthanani loo nto noYesu?”
Eli Ngqina laphendula lathi: “Ngunyaka uYesu awabhaptizwa ngawo lowo.”
Yandimangalisa loo nto! Ndamangaliswa nayindlela iziprofeto zeBhayibhile ezichane ngayo nendlela ezingqinelana ngayo.
Bathini abahlobo bakho bakubona ukuba utshintshe iinkolelo zakho?
Abanye babexhalabile yaye bathi baza kusidibanisa nabantu abaza kusibonisa ukuba sikhohlisiwe. Kodwa iinkolelo zethu ezintsha zazisekelwe kuphando esalwenza ngokucokisekileyo nakwizinto ezisengqiqweni—nto ezo angazenziyo umntu okhohlisiweyo.
Yintoni eyakwenza ufikelele kwisigqibo sokuba ube liNgqina?
Ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso ezimbalwa kwiHolo yoBukumkani nenkosikazi yam eyayisele iliNgqina.b Ndachukunyiswa yindlela ayenobubele ngayo amaNgqina nendlela awayethandana ngayo nakuba ayeziintlanga ezahlukahlukeneyo. Andizange ndiyibone loo nto ecaweni yam. Emva kweminyaka emithathu ndifundelwa, ndabhaptizwa.
Uvakalelwa njani ngesigqibo owasenzayo sokuba liNgqina?
Ndikugqala njengelungelo ukuthi, “NdiliNgqina likaYehova.” Kodwa xa ndicinga ngendlela endandiyiphikisa ngayo inyaniso, ndiye ndizive ndingakufanelekeli ukufumana iintsikelelo uYehova andinike zona. Andizisoli nakancinane ngesigqibo endasenzayo.
Ziziphi iintsikelelo oye wazifumana?
Ndingabala kutshon’ ilanga. Okokuqala, ndiyalixabisa ilungelo lokuba ngumdala okanye umalusi ofundisayo ebandleni endikulo. Kwakhona ndiye ndancedisa kwiSebe Lezomthetho kwisebe laseMzantsi Afrika lamaNgqina kaYehova. Kodwa eyona ntsikelelo ndiyixabisa kakhulu kukwazi uYehova noNyana wakhe, nokwazi intsingiselo yamaxesha esiphila kuwo nezinto ezenzekayo ehlabathini.
[Imibhalo esemazantsi]
a Oonobumba abathi C.E. bathetha “iXesha Eliqhelekileyo.” Ukuba ufuna inkcazelo engakumbi ngesiprofeto sikaDaniyeli esingoMesiya, sicela ufunde incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kwiphepha 197.
b UCarol wasweleka ngowe-1994 yaye uLes Civin waphinda watshata.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
Yandimangalisa . . . indlela iziprofeto zeBhayibhile ezichane ngayo nendlela ezingqinelana ngayo