Ihashe LaseShetland Elizolileyo Nelinamandla
● Ukuba ukhe waya ezu, kusenokwenzeka ukuba walibona—okanye wada walikhwela—ihashe laseShetland. Njengoko igama lawo libonisa, amahashe aseShetland asuka kwiziqithi zaseShetland kumntla mpuma weSkotlani. Eneneni abembi bezinto zakudala ababesebenza kwelo baye bafumana amathambo amahashe amancinane awayekho kumawakawaka eminyaka eyadlulayo.
Amahashe aseShetland abonakala ngemilenze yawo emifutshane, izingci nemisila yawo emide nezikhumba zawo ezingqindilili eziwakhusela kwimozulu ebandayo yeziqithi zaseShetland. Ngokuqhelekileyo la mahashe aba nomphakamo ophakathi kweesentimitha ezingama-70 nezili-107 yaye adla ngokuba mnyama okanye abe mdaka ngebala. Ngokungafaniyo namanye amahashe, la aseShetland akalinganiswa ngobubanzi besandla somntu, mlinganiselo lowo ongangeesentimitha ezilishumi. Ngokuqhelekileyo la mahashe aye afikelele kwiisentimitha ezili-107, ngokungafaniyo nalawo aseMerika adla ngokufikelela kwiisentimitha ezili-117.
Nangona emancinane, la mahashe aseShetland anamandla. Enyanisweni xa uwajonga ngokobungakanani bawo, omelele kunawo nawaphi na amahashe. Ngenxa yaloo nto, phambili phaya la mahashe ayedla ngokusetyenziselwa ukuthutha umgquba, ukulima nokusebenza kwimigodi yamalahle, ndawo ezo ezazinamatonela ekwakunokungena kuwo izilwanyana ezincinane kuphela. Eneneni, amaninzi kula mahashe ayechitha ubomi bawo bonke emigodini, engakuboni ukukhanya kwelanga.
Xa eqeqeshwe kakuhle la mahashe aseShetland azolile yaye anyabile nto leyo ewenza akwazi ukuhlala nabantwana. Kusenokwenzeka ukuba kukuzola kwawo okuye kwanceda ekuphumeleleni kokusetyenziswa kwala mahashe kwiinkqubo zonyango ezinceda abantu abakhubazekileyo.
Ngenxa yokuthandeka kwawo nokukwazi kwawo ukuphila kwiimeko ezahlukahlukeneyo, amahashe aseShetland aye athunyelwa ehlabathini lonke yaye kuye kwasekwa imibutho namaziko awahlukahlukeneyo okubhalisa imvelaphi yawo. Kodwa igama lesi silwanyana lisadibana nesiqithi esasisuka kuso, apho ezi zilwanyana zaseShetland zisempilweni yaye zingenagazi lelinye ihashe.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Xa uwajonga ngokobungakanani bawo, amahashe aseShetland omelele kunawo nawaphi na amahashe
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
© S Sailer/A Sailer/age fotostock