Inyaniso YeBhayibhile Yabakhulula
UYESU KRISTU wathi kwiqela labantu ababemphulaphule: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) Njengokuba le mizekelo ilandelayo ibonisa, loo nkululeko iquka ukukhululwa kwiidemon, amaxoki nabakhohlisi abakhuthaza ubugqi.—Yohane 8:44.
Mntu ngamnye kwaba balandelayo ungqina indlela enamandla ngayo inyaniso yeBhayibhile. Nangoku yiyo yodwa ekhulula abantu. Nawe ungazihlolela iBhayibhile. Ayisoze ikuphoxe.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8]
Imifanekiso ayifotwanga ngexesha eyenzeka ngalo
● USusanna wayengumfundisi kwitempile yaseBrazil. Wayefuna ukusebenzisa amandla akhe angaphaya kwaqhelekileyo ukuze ancede abantu abafuna ukuncedwa. Ukongezelela, wayekuthanda “ukuthetha nomama wakhe ofileyo.” Noko ke, ekuhambeni kwexesha le nto wayecinga ukuba ngumama wakhe, yamcela ukuba azibulale ukuze aze kuhlala nayo kwelabafileyo. Oku kwamngcungcuthekisa uSusanna yaye kwakungamlalisi. Kodwa uSusanna nomyeni wakhe baqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Balwa nzima ‘bechasa uMtyholi’ yaye ekugqibeleni ‘wabaleka.’ (Yakobi 4:7) Ngoku baseluxolweni yaye uSusanna ulala obentlombe. Uthi: “Zininzi izinto endinokumbulela ngazo uYehova kodwa ndimbulela kakhulu ngokusinceda siyazi iBhayibhile.”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8]
● UTimothy, wakwiNtshona Afrika sisithulu yaye akakwazi ukuthetha.a Ekubeni oogqirha babengakwazi ukumnceda, wabhenela kubathandazeli kodwa nabo boyisakala. Uthi: “Intliziyo yam yayilihlwili ngenxa yokukhohliswa okunjalo.” UTimothy wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaye amcacisela ngenjongo kaThixo yokuphelisa konke ukugula neziphene. UTimothy wathi: “Ndiyijonge ngamehlo abomvu imini yaxa kwihlabathi elitsha uThixo eya ‘kuvula iindlebe zezithulu . . . luze nolwimi lwesimumu lumemelele ngochulumanco.’” (Isaya 35:1-6) Okwangoku, usebenzisa iDVD player ephathwayo ukuze ancokole nabanye abantu abazizithulu ngenyaniso eseBhayibhileni ebanceda ukuze bafumane inkululeko yokwenene.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
● UEvelyn wase-Estonia wayeyinkunkqele yobugqi. Ekubeni uYesu wayephilise abantu naye wayefuna ukwenza okufanayo. Oyena mntu wayefuna ukumnceda yayingumama wakhe owayenesifo esinganyangekiyo. Ngenxa yoko, wafunda ukusebenzisa izinto zokuxilonga zobugqi kuba efuna ukuxilonga nokunyanga izigulo ezinganyangekiyo. Ekuhambeni kwexesha wafunda iBhayibhile. Waba yintoni umphumo? Uthi: “Ndatsho ndayiqonda indlela endandilahlekiswe ngayo. Ngenxa yoko, ndazitshisa iincwadi nezinto zokuxilonga zobugqi.” Ngoku ufundisa abanye inyaniso yeBhayibhile ekhululayo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
● UMary wakhulela kwesinye seziqithi zasePapua New Guinea yaye abantu balapho boyika abantu abafileyo. Xa kusweleke umntu elalini, uMary wayedla ngokulala phantsi kwebhedi yomnye umntu kuba esoyika ukuporhelwa nguloo mntu ufileyo. Emva koko, wafunda eBhayibhileni ukuba abantu abafileyo balele—basengcwabeni balindele ukuvuselwa kwiParadesi esemhlabeni. (Luka 23:43; Yohane 11:11-14) Ngoku akasaboyiki abantu abafileyo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
● UAlicia, owakhulela kwikhaya lamaKristu eUnited States waba nomdla wokufunda iincwadi nokubukela iimovie ezinobugqi. Emva koko waqalisa ukucingisisa nzulu ngeenyaniso awayezifunde eBhayibhileni. Esakuqonda ukuba ‘wayenenxaxheba etafileni kaYehova nasetafileni yeedemon,’ watshintsha iindlela zakhe yaye ngoku ukhonza uThixo enesazela esicocekileyo.—1 Korinte 10:21.