Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ukuzivisa Ubuhlungu Ngabom Kukunceda Usondele Ngakumbi KuThixo?
INKOLISO yabantu ihanjelwa ngumzimba xa isiva kuthethwa ngokuzivisa ubuhlungu ngabom. Nakuba kunjalo, abanquli abaye bazingcungcuthekisa ngokuzibetha, ukuzila ukutya ngokugqithiseleyo nokunxiba iihempe ezirhwexayo baye bazukiswa njengemizekelo yabantu aboyika uThixo. Ezi zinto zazingenziwa nje ngabantu bakudala. Ngokutsho kweendaba zakutshanje, nkqu nabanye abefundisi banamhlanje abadumileyo bakhe bazibetha ukuze bazivise ubuhlungu ngabom.
Yintoni ebangela ukuba abantu banqule ngolu hlobo? Esinye isithethi secawa ethi yeyamaKristu sathi, “ukuzivis’ ubuhlungu ngabom yindlela yokuzimanyanisa noYesu Kristu neentlungu awaziva ngokuzithandela ukuze asihlangule esonweni.” Phezu kwako nje oko kuthethwa ngabefundisi beecawa, ithini yona iBhayibhile ngalo mbandela?
Wuxabise Umzimba Wakho
IBhayibhile ayikukhuthazi yaye ayikuvumeli ukunqul’ uThixo ngokuzivis’ ubuhlungu ngabom. Eneneni, zininzi iindinyana zeBhayibhile ezithi abantu aboyik’ uThixo bafanele banyamekele imizimba yabo. Khawuve indlela eluchaza ngayo iBhayibhile uthando oluphakathi kwendoda nomfazi. Xa ithetha ngendlela indoda ewuphatha ngayo umzimba wayo, iBhayibhile ithi: “Amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. . . . Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo, njengoko noKristu esenjenjalo kulo ibandla.”—Efese 5:28, 29.
Ngaba umyalelo wokuba indoda ifanele imthande umfazi wayo ubuza kuba sengqiqweni ukuba amakholwa bekulindeleke ukuba enzakalise imizimba yawo xa enqula? Kucace mhlophe ukuba abantu abathanda imigaqo yeZibhalo kulindeleke ukuba bayixabise baze bayithande imizimba yabo baze bathande nabantu abatshate nabo.
Ngenxa yoko, iBhayibhile inemigaqo emininzi enceda abantu abayifundayo ukuba baxabise imizimba yabo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ichaza iingenelo zokwenza umthambo olinganiselweyo. (1 Timoti 4:8) Ithetha ngokutya okuthile okukwaziyo ukunyanga ukugula nangemiphumo emibi yokungatyi ngendlela efanelekileyo. (IMizekeliso 23:20, 21; 1 Timoti 5:23) IZibhalo zikhuthaza abantu ukuba bahlale besempilweni kuba loo nto ibenza bakwazi ukusebenza kangangoko kunokwenzeka. (INtshumayeli 9:4) Ukuba abafundi beBhayibhile kufuneka bakhusele impilo yabo ngezi ndlela, inokwenzeka njani into yokuba kufuneke benzakalise imizimba yabo?—2 Korinte 7:1.
Ngaba AmaKristu Afanele Azivise Ubuhlungu Obeviwa NguYesu?
Ezinye iicawa zenza impazamo yokuba nomdla kakhulu kwindlela uYesu nabalandeli bakhe benkulungwane yokuqala ababandezeleka ngayo, ukuze zikhuthaze ukuzingcungcuthekisa kwabantu namhlanje. Kodwa abakhonzi bakaThixo abachazwe eBhayibhileni abazange bazingcungcuthekise. Xa ababhali beBhayibhile abangamaKristu babethetha ngokubandezeleka kukaKristu babekhuthaza amaKristu ukuba anyamezele iintshutshiso kungekhona ukuzenzakalisa wona ngokwawo. Ngoko, abantu abenzakalisa imizimba yabo abaxelisi uYesu Kristu.
Ngokomzekelo: Makhe sithi ubona umhlobo wakho omthandayo ethukwa aze abethwe lihlokondiba elineengcwangu. Uphawula ukuba umhlobo wakho akalwi, akaphindisi okanye alithuke naye eli hlokondiba. Ukuba ubufuna ukuxelisa umhlobo wakho, ngaba ubuza kusuke uzibethe uze uzithuke? Akunjalo! Kaloku ubuya kube uxelisa elo hlokondiba. Ubuya kuba uxelisa umhlobo wakho ngokungaziphindezeli xa uhlaselwa lihlokondiba elifanayo.
Kuyacaca ukuba akulindelekanga ukuba abalandeli bakaKristu bazivis’ ubuhlungu ngokungathi kufuneka baxelise ihlokondiba elangcungcuthekisa uYesu lifuna ukumbulala. (Yohane 5:18; 7:1, 25; 8:40; 11:53) Kunoko, xa betshutshiswa bafanele baxelise umzekelo kaYesu wokunyamezela kuba wazola waza waba seluxolweni.—Yohane 15:20.
Imfundiso Egqwethekileyo Nengekho Zibhalweni
Nangaphambi kwamaxesha amaKristu, iZibhalo ezazilawula ubomi nonqulo lwamaYuda zaziwalela ukuba enze nantoni na eyenzakalisa inyama yawo. Ngokomzekelo, umthetho wawuwalela ngokucacileyo amaYuda ukuba azicente, isiko ekubonakalayo ukuba lalixhaphakile kwiintlanga zamandulo ezazingengomaYuda. (Levitikus 19:28; Duteronomi 14:1) Ukuba uThixo wayengafuni ukuba umzimba ucentwe, wayengenakuvuma ukuba ukhutshwe imivumbo ngezabhokhwe. Okuthethwa yiBhayibhile kucacile—ukwenzakalisa inyama yakho ngabom, nangayiphi na indlela akwamkelekanga kuThixo.
Njengokuba umzobi efuna ukuba umzobo wakhe uhlonelwe, uYehova uThixo, uMdali ufuna umzimba womntu awudalileyo uhlonelwe. (INdumiso 139:14-16) Eneneni ukuzingcungcuthekisa akukwenzi ube nobuhlobo noThixo. Kunoko kukuxabanisa naye ekubeni kugqwetha iimfundiso zeencwadi zeVangeli.
Umpostile uPawulos owayephefumlelwe wabhala wathi ngezi mfundiso zenziwe ngabantu nezicinezelayo: “Olu hlobo lonqulo olunguzenzele nolunentobeko yenkwalambisa nolokungcungcuthekisa umzimba; lubonakala lulolobulumko, kodwa luyoyiswa kukulwa inkanuko yenyama.” (Kolose 2:20-23) Ukuzivis’ iintlungu akukuncedi usondele kuThixo. Kunoko, izinto ezifunekayo ukuze unqule uThixo ngokwenene ziyahlaziya, azicinezeli yaye zilula.—Mateyu 11:28-30.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● UThixo uwujonga njani umzimba womntu?—INdumiso 139:13-16.
● Ngaba ukungcungcuthekisa inyama yakho kunokukunceda ulwe neminqweno ephosakeleyo?—Kolose 2:20-23.
● Ngaba unqulo lokwenene lungumthwalo okanye lungqongqo?—Mateyu 11:28-30.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
Okuthethwa yiBhayibhile kucacile—ukwenzakalisa inyama yakho ngabom, nangayiphi na indlela akwamkelekanga kuThixo
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ikholwa elisezintlungwini liya ecaweni likhasa
[Inkcazelo]
© 2010 photolibrary.com