Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Ephosakeleyo Ngalo Mfanekiso?
Funda uEstere 5:9–6:14. Ziziphi izinto ezintathu ezingafanelekanga kulo mfanekiso? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi uze ufake umbala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Kwakutheni ukuze uHaman amthiye uMordekayi?
Inkcazelo enokukunceda: Funda uEstere 5:9.
Ikratshi lamenza wafikelela kwiziphi izigqibo eziphosakeleyo uHaman?
Inkcazelo enokukunceda: Funda uEstere 6:6.
Kwenzeka ntoni kuHaman?
Inkcazelo enokukunceda: Funda uEstere 7:9, 10.
Yintoni ofanele uyenze ukuze ungafani noHaman?
Inkcazelo enokukunceda: Funda iMizekeliso 16:18, 19; uYakobi 4:6.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Fundani eli bali leBhayibhile kunye. Ukuba kunokwenzeka omnye umntu makafunde indawo yombalisi, owesibini abe nguHaman, owesithathu abe nguZereshe nabalindi aze owesine abe ngukumkani.
Gcinani La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 4 UESTERE
IMIBUZO
A. UEstere waba ngukumkanikazi endaweni kabani?
B. Gqibezela la mazwi eBhayibhile: “UEstere wayezuza . . . ”
C. Zalisa ezi zikhewu. Igama likaEstere lesiHebhere yayingu․․․․․, yaye umzala wakhe u․․․․․ waba ngumlindi wakhe.
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Waphila malunga Kubhalwa incwadi
nonyaka we-400 B.C.E. yokugqibela yeBhayibhile
[Imaphu]
UEstere wayehlala eShushan, isixeko esasiphantsi koLawulo lwamaMedi namaPersi
MEDIA
Shushan
PERSIA
UESTERE
IMBALI YAKHE
Yinkedama eyaba yinkosikazi kaKumkani uAhaswerosi. UEstere wabeka ubomi bakhe esichengeni ngokudiza iyelenqe lokutshatyalaliswa kwamaYuda. (Estere 4:11, 15, 16) Inkalipho, ubuchule nokuzithoba kwakhe kwakubaluleke ngaphezu kobuhle bakhe.—Estere 2:7; 1 Petros 3:1-5.
IIMPENDULO
A. KaVashti.—Estere 1:12; 2:16, 17.
B. “. . . inkoleko emehlweni akhe wonk’ ubani owayembona.”—Estere 2:15.
C. Hadasa (igama elithetha uMmirtile), Mordekayi.—Estere 2:7.
Abantu Namazwe
4. Igama lam ndinguYou-Jin. Ndineminyaka esixhenxe ubudala yaye ndihlala eKorea, eseAsiya. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eKorea? Ngaba angama-9 700, angama-37 900 okanye angama-96 600?
5. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo endihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eKorea.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
● Iimpendulo zemibuzo ekwiphepha 30 nama-31 zikwiphepha 15
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA LAMA-30 NAMA-31
1. UMordekayi ebefanele ukuba ukhwele ihashe likakumkani kungekhona inqwelo yokulwa.
2. UMordekayi ebefanele ukuba unxibe impahla yasebukhosini kungekhona nje iimpahla eziqhelekileyo.
3. UMordekayi ufanele abe phakathi esixekweni kungekhona ngaphandle kweendonga zaso.
4. 96 600.
5. D.