IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/11 iphe. 3
  • Isipho Somculo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isipho Somculo
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndinokuwugcina Njani Umculo Ukwindawo Efanelekileyo?
    Vukani!—1993
  • Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ngaba Ibalulekile Into Yokuba Ukhetha Umculo Onjani?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ngaba Uza Kuwukhetha Ngobulumko?
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 8/11 iphe. 3

Isipho Somculo

KHAWUBE nomfanekiso ngqondweni wehlabathi elingenamculo. Zingekho iingoma zokuthuthuzela iintsana. Zingekho iingoma zothando. Zingekho iingoma zokujuxuza. Ungekho umculo weokhestra. Ungekho nomculo wokukukhuthaza xa uziva uphantsi. Inkoliso yabantu ibiya kuthi, ukuba bekunjalo ubomi bebuza kuba yindinisa.

Umculo uchaphazela iinkalo ezininzi zobomi bethu. Uyasithuthuzela, usichulumancise uze usikhuthaze xa siziva singenathemba. Unokusenza sibe nemihlali ukanti uyakwazi nokusenza sicele kule yabantwana. Ngaphezu koko, umculo unamandla kuba uyakwazi ukuxhokroza iintliziyo zethu. Kutheni umculo ukwazi ukuvusa ezi mvakalelo kuthi? Impendulo ilula: Umculo sisipho esivela kuThixo. (Yakobi 1:17) Ngenxa yoko, ufanele uxatyiswe, usetyenziswe kakuhle uze ufumaneke kubo bonke abantu—abantwana nabantu abadala.

Kudala ukho umculo. Ngokomzekelo, ubungqina bezinto ezembiwayo bubonisa ukuba kwiinkulungwane ngaphambi kweXesha Lethu, iintlanga zama-Afrika zazibetha amagubu, zikhalisa amaxilongo neentsimbi. AmaTshayina amandulo ayevuthela izixhobo zomculo ezithile neempempe. AmaYiputa, amaIndiya, amaSirayeli nabantu baseMesopotamiya babedlala uhadi. Enye yeencwadi zokuqala embalini ukuthetha ngomculo yiBhayibhile, kwiGenesis 4:21. Kule ndinyana kuthiwa indoda ekuthiwa nguYubhali yaba “ngunozala wabo bonke abaphatha uhadi nempempe.” Emva kweenkulungwane ezininzi kamva, uKumkani uSolomon wakwaSirayeli owayewuthanda kakhulu umculo wathenga amaplanga exabiso ukuze kwenziwe ngawo iihadi nemirhubhe.—1 Kumkani 10:11, 12.

Kakade ke, xa ufuna ukuva isixhobo esithile somculo kwakufuneka usidlale ngokwakho okanye uphulaphule umntu okwaziyo ukusidlala. Noko ke, namhlanje izigidi zabantu ziwufumana lula umculo, ngokucofa nje iqhosha okanye ngokuvula ikhompyutha. Eneneni, unako ukurekhoda okanye ukhuphele naluphi na uhlobo lomculo uze uluphulaphule usebenzisa isixhobo esincinane onokusifaka epokothweni. Kuhlolisiso oluye lwenziwa kumazwe aseNtshona ngowama-2009, kuye kwafunyaniswa ukuba abantwana abaneminyaka ephakathi kwe-8 neli-18 ubudala bachitha ngaphezu kweeyure ezimbini ngosuku bephulaphule umculo nezinye izinto ezirekhodiweyo.

Le ndlela isasazeke kulo lonke yokuphulaphula umculo isenza sibone isizathu sokuba umculo nezinto ezinxulunyaniswa nawo ilishishini elikhulu kangaka namhlanje. Eneneni, ininzi imali eyenziwayo ngomculo. Kodwa ngaba wakha wazibuza ukuba yenziwa njani ingoma eye idume kulo lonke?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 3]

Umculo Okwi-Internet

INDLELA YOKUWUTHENGA: Abantu badla ngokuhlawula imali ukuze bakhuphele ingoma ethile kwi-Internet. Abanye bangena kwizivumelwano zokuba bakwazi ukukhuphela umculo othile baze bawudlale kwiiselfowuni zabo logama nje besephantsi kweso sivumelwano.

INDLELA YOKUWUPHULAPHULA: Uyakwazi ukuphulaphula umculo kwi-Internet ungakhange uwukhuphele. Amaxesha amaninzi awuhlawuliswa ngokuphulaphula lo mculo kodwa ke kukho othile ekufuneka uwuhlawulele.

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 3]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Amagqabantshintshi Embali Yezinto Zokurekhoda

Ngeminyaka yee-1880

Igramafoni

Ngeminyaka yee-1890

I-steel wire

Ngeminyaka yee-1940

Iteyiphu eyayinamavili amabini ajikelezayo

Ngeminyaka yee-1960

Ikhasethi

Ngeminyaka yee-1980

I-CD

Ngeminyaka yee-1990

Izixhobo ezinjengeMP3, i-AAC, i-WAV nezinye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share