IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/11 iphe. 8-9
  • Amazwi Obulumko Asixhenxe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amazwi Obulumko Asixhenxe
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ndifanele Ndibe Nekhadi Lokuthenga Ngetyala?
    Vukani!—2000
  • Imali
    Vukani!—2014
  • Amakhadi Okuthenga Ngetyala—Ngaba Aya Kukunceda Okanye Aya Kukwenza Ikhoboka?
    Vukani!—1997
  • Ngaba Kufanelekile Ukuzifaka Ematyaleni?
    Vukani!—1995
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 9/11 iphe. 8-9

Amazwi Obulumko Asixhenxe

IZINTO ezibhalwe ngezantsi zifumaneka kwincwadi yamandulo ezaliswe ngamazwi aluncedo nasasebenzayo kumhla wethu. Cinga ngendlela anokukunceda ngayo ukuze uyisebenzise kakuhle imali yakho.

1. “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.” (INtshumayeli 5:10) Loo mazwi akazange athethwe lihlwempu lendoda eyayinomona. Kodwa abhalwa nguKumkani uSolomon wakwaSirayeli, enye yawona madoda afumileyo kwawakha aphila kulo mhlaba, ewabhala ngokusekelwe kwizinto ezamehlelayo nawazibonayo. Kamva, namanye amadoda awayezizityebi athetha amazwi afanayo.

2. “Ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe. Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe.” (1 Timoti 6:8, 9, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Loo mazwi abhalwa ngumpostile uPawulos owashiya umsebenzi obalulekileyo ukuze abe ngumlandeli kaYesu Kristu. Ngokungafaniyo nabefundisi banamhlanje, uPawulos akazange afune ukwamkela imali kwabo wayebafundisa okanye eshumayela kunye nabo. Kunoko, wayenyanisile xa wathi: “Akukho mntu ndikhanuke silivere okanye golide okanye sivatho sakhe. Nani ngokwenu niyazi ukuba ezi zandla ziye zazinyamekela iimfuno zam nezabo babekunye nam.”—IZenzo 20:33, 34.

3. “Ngubani na kuni othi efuna ukwakha inqaba angahlali phantsi kuqala, abale indleko, ukuze abone ukuba unokwaneleyo kusini na kokuyigqiba?” (Luka 14:28) Umzekeliso kaYesu uyasebenza kule meko: Xa uthenga ngecredit card, ngaba uyangxama okanye ngaba uqale ubale iindleko. Ngaba uyidinga ngokwenene na le nto ufuna ukuyithenga yaye ngaba unayo kusini na imali eyaneleyo yokuyithenga?

4. ‘Lowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.’ (IMizekeliso 22:7, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Ukuwohloka kwezoqoqosho okusandul’ ukwenzeka kuye kwabonisa iingxaki ezibangelwa kukuthenga ngecredit card nezinye iindlela zamatyala. Kwincwadi yakhe yowama-2009 ethi Your Money, Day One, uMichael Wagner uthi: “Kuxhaphakile namhlanje ukuba umntu oneecredit card ezine nangaphezulu abe netyala elingaphezu kwama-R60 000 nangaphezulu kwicredit card nganye.”

5. “Ongendawo uyaboleka angabuyisi, kodwa olilungisa uyababala aze anikele izipho.” (INdumiso 37:21) Abanye abantu bathi indlela elula yokubaleka amatyala kukuthi akunamali. Kodwa ke, abo babuxabisayo ubuhlobo babo noThixo bayaqiniseka ukuba bayawahlawula amatyala abo xa benokukwazi ukwenjenjalo baze kwangaxeshanye babelane nabanye ngezinto abanazo.

6. “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdumiso 37:25) Loo mazwi abhalwa yindoda eyayikhe yaphathwa kakubi. Kwadlula iminyaka iyimbacu ibe yayikhe ihlale emiqolombeni ize ngamanye amaxesha ibhacele kumazwe asemzini. Ekugqibeleni, uDavide owayekade eyimbacu waba ngukumkani wakwaSirayeli. Wazibonela ngokwakhe ubunyaniso bamazwi abhalwe ngasentla.

7. “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Loo mazwi athethwa yeyona ndoda ibalaseleyo yakha yaphila. UYesu wachitha bonke ubomi basemhlabeni enceda abanye “ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe.” Ngoku usezulwini, apho eyingelosi engenakufa ehleli ngasekunene ‘koThixo onoyolo’ uYehova.—Hebhere 12:2; 1 Timoti 1:11.

Ayikho ebomini into esinokuyenza ebaluleke ngaphezu kokulandela umzekelo kaYesu size senze konke esinokukwenza ukuze sincede abanye. Ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba, kubhetele ulumke uze wonge ukuze ukwazi ukwabelana nabanye ngezinto onazo kunokuba uyisebenzisele ukwanelisa wena kuphela imali yakho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share