Okwenzeka Ehlabathini
“Ukuba ngumongameli welizwe kwenza uzive unyanzelekile ukuthandaza.”—UBARACK OBAMA, UMONGAMELI WASEUNITED STATES.
Xa babecelwa ukuba bakhethe into abanokubonisa ngayo ukuba bathanda ilizwe labo, abemi baseArgentina abangama-56 ekhulwini, abaphakathi kweminyaka eli-10 nengama-24 ubudala bathi bakhetha ukunxiba ijezi yebhola yelizwe labo.—ILA NACIÓN, YASEARGENTINA.
Imiphumo yolunye uhlolisiso ibonisa ukuba nyaka ngamnye, “phantse isinye kwisithathu sokutya okuveliswa ehlabathini kusenzelwa abantu, kuyonakala okanye kuchithwe, nto leyo ethetha ukuba kufikelela kwiitoni ezimalunga ne-1.3 bhiliyoni ngonyaka.”—IFOOD AND AGRICULTURE ORGANIZATION OF THE UNITED NATIONS, YASEITALI.
“Namhlanje, iimfazwe neengxelo zeemfazwe zikho emhlabeni wonke, yaye umkhosi welizwe looBawo ufanele uhlale ukulungele ukukhusela abantu bawo nazo zonke izinto ezingcwele, kwiintshaba.”—UPATRIARCH KIRILL, INKOKELI YECAWA YOBUOTHODOKI BASERASHIYA.
Ezona ngozi zemoto zininzi kwezibhaliswe kwinkampani yeinshorensi yaseJamani ngowama-2010, zenzeka phakathi kwentsimbi yesi-7:00 neyesi-8:00 kusasa. Elinye igosa lale nkampani lithi: “Enye yeendlela zokuphepha iingozi kukuya kwangexesha emsebenzini.”—IPRESSEPORTAL, YASEJAMANI.
Inkokeli Eziselula EMalaysia
Inkqubo ethandwayo yokhuphiswano kumabonwakude eMalaysia inomxholo othi khetha i-imam elungileyo okanye inkokeli yobuSilamsi. Le nkqubo, nenomxholo othi “Imam Muda,” okanye “Inkokeli Eselula,” iqhutyelwa kwidolophu yaseKuala Lumpur. Olu khuphiswano lungenelwa ngabantu abaneminyaka eli-18 ukusa kwengama-27 ubudala, nabaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo yaye bamana bephuma de kusale abe mnye. Amabhaso alo yimali nomgrugra wemoto, kodwa ophumeleleyo ufumana ithuba lokuba yi-imam, afumane imali yokufunda eSaudi Arabia neyeendleko zokuya kunqula eMecca. Abagqatswa bamele bayazi kakuhle imisebenzi ye-imam, bakwazi ukuxubusha ngemiba yonqulo neminye engundaba-mlonyeni yaye bayazi ngentloko iKoran. Umnikazi wale nkqubo uthi injongo yakhe “kukukhuthaza ulutsha” ukuze lube ngamaSilamsi.
Ubuyatha Bokubhala Inkcazelo Eyimfihlo Kwi-Intanethi
Abantu abaninzi abasebenzisa iiwebhsayithi zokunxibelelana abayiqondi imiphumo yokudiza inkcazelo yabo eyimfihlo. Kodwa ukuyifaka kwi-Intanethi kunokukufaka engxakini kamva. ISydney Morning Herald yaseOstreliya, icaphula inqununu yesikolo uTimothy Wright esithi: “Namhlanje abantu babhala izinto bengacinganga kwi-Intanethi, izinyeliso neefoto ezingcolileyo neenkcukacha zobuqu ezinokuhlala ixesha elide zifundwa okanye zibukwa nguye nabani na.” UWright uthi, oku kuthetha ukuba “iimpazamo ezenziwa ngumntu eneminyaka eli-15 ubudala zinokubonwa ngumqeshi wakhe nakwiminyaka eli-10 kamva.”