Imbono YeBhayibhile
Sifanele Sithandaze Njani KuThixo?
KULILUNGELO elingenakuthelekiswa nanto ukuthetha noSomandla size sizityand’ igila kuye. Sekunjalo, abaninzi abaqinisekanga ukuba bafanele bathandaze njani yaye abanye bafuna ukuyiphucula imithandazo yabo. Kuyacaca ukuba abanye babalandeli bakaYesu Kristu benkulungwane yokuqala babeyixhalabele indlela abathandaza ngayo. Omnye wabo wathi kuYesu: “Nkosi, sifundise ukuthandaza.” (Luka 11:1) UYesu wabafundisa umthandazo ongumzekelo ekudla ngokuthiwa nguMthandazo weNkosi okanye uBawo Wethu Osezulwini. Lo mthandazo umnandi nolula, awusifundisi nje indlela eyamkelekileyo yokuthetha noThixo kodwa usinceda sibone nesona sigidimi siyintloko seBhayibhile.
Umthandazo KaYesu Ongumzekelo
UYesu wathi: “Nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini. Siphe namhlanje isonka sethu sale mini; uze usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.’”—Mateyu 6:9-13.
Qaphela uYesu wathi: “Nize nithandaze ngale ndlela.” Wayetheth’ ukuthini? Wayengafuni abalandela bakhe bacengceleze amazwi amanye. Kaloku wayegqiba kuyigxeka loo nto. (Mateyu 6:7) Kunoko umthandazo wakhe usifundisa ngezinto ezibaluleke kuThixo—kungekhona kuthi. Ukuze sazi ezo zinto zibalulekileyo kufuneka siqonde oko kuthethwa ngamazwi kaYesu. Ngoko makhe siwahl’ amahlongwane.
Umthandazo Ongumzekelo Uyacaciswa
“Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” Ngokufanelekileyo, uYesu wabhekisela kuThixo ngokuthi “Bawo” kuba uyasithanda yaye uyasikhusela kanye njengokuba esenza ubawo ongumntu. Igama lakhe nguYehova, ibe asifanele silibhidanise nezibizo ezininzi abizwa ngazo njengesithi Somandla, Thixo okanye Nkosi.a (INdumiso 83:18) Kodwa kutheni kufuneka lingcwaliswe okanye lenziwe ngcwele eli gama liphathelele yena? Kungenxa yokuba liye lagculelwa laza lanyeliswa.
Abanye abantu bagxeka uThixo ngezinto ezimbi ezibehlelayo naxa zibangelwe ngabantu okanye kukuba sendaweni yentlekele ngexesha eyehla ngalo. (IMizekeliso 19:3; INtshumayeli 9:11) Abanye bathi nguThixo obangela iintlekele zemvelo. Kodwa iBhayibhile ithi, “uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Iicawa ezininzi zifundisa ukuba uThixo wohlwaya abantu abangendawo ngokubatshisa esihogweni ngonaphakade, mfundiso leyo emkhathazayo uThixo onothando. (Yeremiya 19:5; 1 Yohane 4:8) EyabaseRoma 6:23 ithi, “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa” kungekhona ukuthuthunjiswa ngonaphakade!b
“Mabufike ubukumkani bakho.” UBukumkani bukaThixo ngurhulumente olawulwa nguKumkani, uYesu Kristu. Kungekudala uza kulawula kuwo wonke umhlaba. UDaniyeli 7:14 uthi, “wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani.” UBukumkani bukaThixo buza ‘kufika’ xa engenelela kwimicimbi yabantu, acole bonke abalawuli abamchasayo aze alawule kuwo wonke umhlaba.—Daniyeli 2:44.
“Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” Xa kulawula uBukumkani, abantu baza kwenza ukuthanda kukaThixo. Ngenxa yoko, kuza kubakho uxolo lokwenene yaye bonke abantu baza kunqula uThixo ngenyaniso. Ezopolitiko nonqulo lobuxoki zinto ezo zishiya abantu beziintlaba zahlukane, ziya kube zingasekho. Sifuzisela oku, iSityhilelo 21:3, 4 sithi, “intente kaThixo” iya kuba “phakathi koluntu” ibe “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”
“Siphe namhlanje isonka sethu sale mini.” Emva kokusibonisa ukubaluleka kwegama likaThixo noBukumkani bakhe, uYesu wadlulela kwiintswelo zethu. Amazwi akhe abonisa ukuba asifanele sifune izinto ezingaphezu kwezo ziyimfuneko ‘namhlanje.’ Kunoko sifanele sithobele icebiso elikwiMizekeliso 30:8 elithi: “Musa ukundinika ubuhlwempu okanye ubutyebi. Mandidle ukutya endikumiselweyo.”
“Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolele abanamatyala kuthi.” Apha igama elithi “amatyala” lithetha “izono.”c Sonke kufuneka sithobele uThixo. Ngoko xa singamthobeli okanye simona siba namatyala kuye. Noko ke, uYehova ukulungele ukusixolela izono zethu xa nathi sibaxolela ngesisa abo basonayo.—Mateyu 18:21-35.
“Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.” ‘Ongendawo’ nguSathana uMtyholi, okwabizwa ngokuba ‘nguMhendi.’ (Mateyu 4:3) Ekubeni inyama yethu engafezekanga ibuthathaka, sidinga uncedo lukaThixo ukuze sikwazi ukumelana noSathana nabantu abasebenzisayo.—Marko 14:38.
Ngamana lo mthandazo kaYesu ungumzekelo ungakunceda uphucule imithandazo yakho, mhlawumbi uqonde ezona zinto zibalulekileyo. Kodwa, lo mthandazo kaYesu uyiphuhlisa njani eyona mfundiso yeBhayibhile? Ngokuvumelana namazwi kaYesu, owona mxholo uphambili weBhayibhile kukungcwaliswa kwegama likaThixo elingcwele, ukupheliswa kwabo bonke ubungendawo kunye nokulawulwa komhlaba ngoxolo, buBukumkani bukaThixo. Zininzi izinto esizifunda kulo mthandazo kaYesu!
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwiilwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile ekuqaleni, isiHebhere nesiGrike, igama likaThixo lalivela izihlandlo ezimalunga nama-7 000. Okubuhlungu kukuba iinguqulelo ezininzi zanamhlanje zisebenzisa izibizo endaweni yegama elingcwele likaThixo.
b Abafileyo abaphili ndaweni ithile kodwa ‘balele’ okanye “abazi nto konke konke” njengoko belinde uvuko oluzayo.—Yohane 5:28, 29; 11:11-13; INtshumayeli 9:5.
c Funda uLuka 11:4, apho esetyenziswa omabini la magama.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Wayetheth’ ukuthini uYesu xa wayesithi: “Nize nithandaze ngale ndlela”?—Mateyu 6:9.
● Ziziphi ezona zinto zimele zibaluleke xa sithandaza?—Mateyu 6:9, 10.
● Yintoni “amatyala ethu,” yaye kutheni sifanele sibaxolele abantu abasonayo?—Mateyu 6:12.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Umthandazo kaYesu ongumzekelo unokukunceda wazi ezona zinto zibalulekileyo kuThixo kungekhona ezibaluleke kuwe kuphela