Okwenzeka Ehlabathini
“Ngaphambi kokufika kweekhompyutha, kwakuba nzima ukuba [iingcali zezityalo] ziphandisise ezincwadini ngaphambi kokuba zithiye igama lesityalo esitsha, nto leyo yabangela ukuba isityalo sibe namagama amaninzi.” Ngoku kuye kwafunyaniswa ukuba kumagama angaphezu kwesigidi akhoyo, ubuncinane angama-477 601 athetha nto-nye nasele ekho.—ISCIENCE, U.S.A.
“ETshayina ngabantu aba-6 ekhulwini kuphela abathi bonwabile.” Kuphando olwenziweyo, abangama-39 ekhulwini bakholelwa ukuba “into ebenza bonwabe” “bubutyebi.”—ICHINA DAILY, ETSHAYINA.
“Kuphando . . . lokuqinisekisa ukuchana kwengxelo yolwaphulo-mthetho yaseRashiya kufunyaniswe ukuba ‘kukhutshwe amanani abubuvuvu kulo lonke elo.” Iiarhente eziqinisekisa ukuthotyelwa komthetho zityholwa ngokuzama “ukuyifihla eyona nto iqhubekayo kulwaphulo-mthetho” nangokuzenza bahle kwingxelo yokulwa nolwaphulo-mthetho.—IRIA NOVOSTI, ERASHIYA
“Omnye kubafundi abathathu beyunivesithi yekomkhulu laseJamani [iBerlin] ucinga ngokuthengisa ngomzimba [nto leyo iquka ukuba ngunongogo nokwenza imidaniso evuselela inkanuko yesini] ukuze ahlawulele izifundo zakhe.”—IREUTERS NEWS SERVICE, EJAMANI.
Ukuhombela Ukuzala
Amajelo onxibelelwano anempembelelo kwindlela oomama abachazela ngayo abantu ukuba babelekile. Elinye ijelo likamabonwakude waseMerika iABC lithi, kudala xa oomakhulu bezala, babethumela itelegram, kodwa “bona oomama banamhlanje ezi ndaba zimnandi bazisasaza ngeIntanethi.” Ezi zaziso zidla ngokuhamba neefoto zikamama nosana lwakhe emva nje kokuba luzelwe. Ngoko ke, oomama banamhlanje abayixhalabele gqitha inkangeleko yabo, ngaphambi kokuba baye kubeleka baqale bazilungise ukuze bahlale bekhangeleka. Le ngxelo ithi: “Abanye bade balungiselele ukuhamba nomntu oza kubalungisa iinwele esibhedlele. Ngoba? UToni Golen, ingcali yezonyango nokubelekisa eBoston Beth Israel Deaconess Medical Center uthi, oko bakwenzela ukuze bahlale bebahle xa bebeleka.
Zigcine Udlamkile, Usempilweni
Abaphandi bathi ukuhlala nje ungenzi nto enoba kusemsebenzini, esikolweni, okanye ukuhlala ubukele umabonwakude, kwayanyaniswa nezigulo ezinganyangekiyo. Iphephandaba iVancouver Sun lithi: “Njengokuba uhleli, ichiza elenza izihlunu zifunxe amafutha asegazini ukuze ziwasebenzise aphele, liyayeka ukusebenza. Ngokutsho kweli phephandaba, “kufuneka senze okungakumbi, kunokuzilolonga nje ukuze sihlale sisempilweni. “Kufuneka sihlale sisenza imisebenzi ethile ukuze isebenze kakuhle inkqubo yokucola ukutya emzimbeni.”