IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/12 iphe. 25
  • Ilensi YeNewt Ekwaziyo Ukuzihlaziya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ilensi YeNewt Ekwaziyo Ukuzihlaziya
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2012
  • Inkqubo Yomzimba Yokupholisa Amanxeba
    Vukani!—2015
  • Iphulo Labantu Lokufuna Ukuphila Ngonaphakade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Ukulondoloza Iinkumbulo Ngokuchukumisa Nje Iqhosha!
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 7/12 iphe. 25

Ngaba Yayilwa?

Ilensi YeNewt Ekwaziyo Ukuzihlaziya

● Icilikishe ekuthiwa yinewt, libalasele ngokuba namalungu omzimba akwaziyo ukumila ngokutsha endaweni yamanye, njengezihlunu, amalungu imilenze nomsila. Kodwa ngaba la malungu aphinde afana twatse nalawo okuqala? Xa kuthethwa ngelensi yeliso lenewt, abaphengululi baphendula ngoewe.

Cinga ngoku: Eli cilikishe liyakwazi ukuphinda limile iilensi zamehlo alo ngokuguqula iiseli zesangqa seliso zibe ziiseli zelensi. Ukuze zifunde indlela okwenzeka ngayo oku, iingcali zebhayoloji zichithe iminyaka eli-16 zihlolisisa iqela leenewt zaseJapan. Kangangezihlandlo ezili-18, ezi ngcali bezisusa ilensi kwiliso lenewt nganye. Njengokuba kulindelekile, sihlandlo ngasinye iphinda ikhule.

Ekupheleni kolo hlolisiso, iinewt zazineminyaka engama-30 ubudala—zindala ngeminyaka emihlanu kunalo minyaka zidla ngokuyiphila endle. Ukanti zazisakwazi ukuvelisa iilensi ezintsha ngokukhawuleza ngendlela efanayo naleyo yaxa zaziselula. Ukongezelela, iUniversity of Dayton eOhio, eUnited States ithi, iilensi ezivele endaweni yezinye “zazifana twatse nezo zingonakaliswanga zazisuswe kwicilikishe esele likhulile elingazange likhule ilensi entsha.” Ingcali yebhayoloji uPanagiotis Tsonis, olilungu leqela elalisenza olu phando kwiinewt, uthi: “Ndothuswa kukufumanisa oko.”Uchaza ezi lensi zintsha ngokuthi “zigqibelele.”

Izazinzulu zinethemba lokuba ukukwazi kweli cilikishe ukuphinda livelise amalungu omzimba walo kuya kuzinceda ziqonde indlela yokuvelisa amalungu abantu. UTsonis uthi: “Inewt yeyona nto iza kusinceda sifumane iimpendulo ngokumila ngokutsha kwamalungu, ngakumbi ukuhlaziywa kwawo xa sisaluphala”

Ucinga ntoni? Ngaba ukumila ngokutsha kwelensi yenewt yinto yamabonandenzile? Okanye kwayilwa?

[Umzobo okwiphepha 25]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

“Iilensi ezintsha” zifana twatse nezokuqala

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]

Top photo: © Vibe Images/Alamy; middle photo: © Juniors Bildarchiv/Alamy

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share