IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/13 iphe. 3
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2013
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • EJamani
  • Ehlabathini
  • EJapan
  • EBolivia
  • EItali
  • Ngaba Imifanekiso Eqingqiweyo Inokukusondeza Ngakumbi KuThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
  • Irhafu—Ngaba Yeyabantu ‘Abaphucukileyo’?
    Vukani!—2003
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 11/13 iphe. 3

OKWENZEKA EHLABATHINI

EJamani

Ngo-2012 enye yezona nkundla ziphakamileyo zaseJamani yakhupha isigwebo sokuba umntu ocima igama lakhe ecaweni akanakuqhubeka elilungu layo. AmaKatolika acime amagama awo ecaweni aze ngenxa yoko angayihlawuli irhafu, kodwa aqhubeke esiya ecaweni asenokungavunyelwa ukutya uMthendeleko, ukuya kuvuma izono, ukufumana isikhundla ecaweni yaye asenokungangcwatywa yicawa.

Ehlabathini

Uhlolisiso oluye lwenziwa ehlabathini ngonqulo lubonise ukuba abantu abathi “bona abanquli” kodwa bekholelwa ukuba uThixo ukho, bayi-1.1 bhiliyoni. Abona baninzi ngamaKristu ayi-2.2 bhiliyoni, kulandele amaSilamsi ayi-1.6 bhiliyoni kuze kulandele aba bachazwe ngasentla. Wona amaHindu ahleli kwindawo yesine kuba amalunga nebhiliyoni.

EJapan

Oososayensi baseJapan baye babonisa ukuba “ukunconywa kunento okuyenzayo engqondweni” ebangela ukuba umntu “onwabe.” Le nto ibonakala ngathi iyayixhasa imbono yokuba ukuncoma yindlela entle yokukhuthaza abantu.

EBolivia

Ngasekupheleni kuka-2012 eBolivia kuye kwabalwa abantu. Ukuze kuphunywe nenani elichanileyo, abantu bacelwa ukuba bahlale ezindlwini zabo ngolo suku. Ngaphezu koko, kwakungafuneki zimoto endleleni, imida yayivaliwe yaye nokusela utywala kwakungavumelekanga.

EItali

Kolunye uhlolisiso, abanye abantu baseItali bathi badlala nabantwana babo imizuzu eyi-15 ngosuku. ILa Repubblica ithi: “Ngumzali oyi-1 kwabayi-5 othi ukudlala kuyafundisa.” UAndrea Angiolino, owenza imidlalo uthi xa abazali bedlala nabantwana babanceda bakwazi ukucinga, bafunde “nokuthobela imithetho.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share