OKWENZEKA EHLABATHINI
EJamani
Ngo-2012 enye yezona nkundla ziphakamileyo zaseJamani yakhupha isigwebo sokuba umntu ocima igama lakhe ecaweni akanakuqhubeka elilungu layo. AmaKatolika acime amagama awo ecaweni aze ngenxa yoko angayihlawuli irhafu, kodwa aqhubeke esiya ecaweni asenokungavunyelwa ukutya uMthendeleko, ukuya kuvuma izono, ukufumana isikhundla ecaweni yaye asenokungangcwatywa yicawa.
Ehlabathini
Uhlolisiso oluye lwenziwa ehlabathini ngonqulo lubonise ukuba abantu abathi “bona abanquli” kodwa bekholelwa ukuba uThixo ukho, bayi-1.1 bhiliyoni. Abona baninzi ngamaKristu ayi-2.2 bhiliyoni, kulandele amaSilamsi ayi-1.6 bhiliyoni kuze kulandele aba bachazwe ngasentla. Wona amaHindu ahleli kwindawo yesine kuba amalunga nebhiliyoni.
EJapan
Oososayensi baseJapan baye babonisa ukuba “ukunconywa kunento okuyenzayo engqondweni” ebangela ukuba umntu “onwabe.” Le nto ibonakala ngathi iyayixhasa imbono yokuba ukuncoma yindlela entle yokukhuthaza abantu.
EBolivia
Ngasekupheleni kuka-2012 eBolivia kuye kwabalwa abantu. Ukuze kuphunywe nenani elichanileyo, abantu bacelwa ukuba bahlale ezindlwini zabo ngolo suku. Ngaphezu koko, kwakungafuneki zimoto endleleni, imida yayivaliwe yaye nokusela utywala kwakungavumelekanga.
EItali
Kolunye uhlolisiso, abanye abantu baseItali bathi badlala nabantwana babo imizuzu eyi-15 ngosuku. ILa Repubblica ithi: “Ngumzali oyi-1 kwabayi-5 othi ukudlala kuyafundisa.” UAndrea Angiolino, owenza imidlalo uthi xa abazali bedlala nabantwana babanceda bakwazi ukucinga, bafunde “nokuthobela imithetho.”