-
UtyibilikoZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 4
Utyibiliko
XA ULESA ngokuvakalayo, ngaba uye ubambeke kumagama athile? Okanye xa ukhwela eqongeni phambi kwabaphulaphuli ukuze unikele intetho, ngaba uye ufumanise ukuba ngokufuthi ulahlekelwa ngamagama afanelekileyo? Ukuba kunjalo, usenokuba unengxaki yotyibiliko. Umntu otyibilikayo ufunda aze athethe ngohlobo lokuba amagama neengcamango ziziphumele kamnandi, kubonakale kulula. Oku akuthethi kuthi uthetha angayeki, uyakhawulezisa xa ethetha, okanye uthetha engacinganga. Intetho yakhe imnandi. Utyibiliko lunikwa ingqalelo ekhethekileyo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.
Zininzi izinto ezinokufak’ isandla ekubeni ubani angatyibiliki xa ethetha. Ngaba ikho ekufuneka uyinike ingqalelo ekhethekileyo kwezi zilandelayo? (1) Xa ulesa phambi kwabanye, ukungaqhelani namagama athile kunokubangela ukuba uthandabuze. (2) Ukuhlab’ ikhefu kwiindawo ezininzi kakhulu kunokubangela ukuba intetho yakho iman’ ukuqhawuka. (3) Ukungalungiseleli kunokufak’ isandla kuloo ngxaki. (4) Xa uthetha neqela labantu, into edla ngokuba ngunozala wokungatyibiliki kukungawuhlahleli ngendlela eyondeleleneyo umbandela. (5) Ukungabi nesigama esaneleyo kunokubangela ubani athandabuze njengoko efuna amagama afanelekileyo. (6) Xa kugxininiswa amagama amaninzi gqitha, lusenokungabikho utyibiliko. (7) Ukungaqhelani nomgaqo-ntetho kunokufak’ isandla kule ngxaki.
Ukuba akutyibiliki, abaphulaphuli abakwiHolo yoBukumkani basenokungaphumi bakushiye ngokoqobo, kodwa iingqondo zabo zisenokubhadula. Ngenxa yoko, inkoliso yezinto ozithethayo iya kumka namanzi.
Kwelinye icala, imele ilunyukelwe into yokuba isithethi esinikela intetho enamandla netyibilikayo singajiki sithethe ngokunyanzelisa nangekratshi, mhlawumbi side senze abaphulaphuli babe neentloni. Ukuba ngenxa yokwahluka kweemvelaphi zezithethe, abantu bagqala indlela othetha ngayo njengekrwada okanye ebonisa ukunganyaniseki, oko akuyi kukunceda kwinjongo yakho. Kuyabonakala ukuba umpostile uPawulos, nangona wayesisithethi esinamava, wathetha nabantu baseKorinte, ‘ebuthathaka ibe esoyika kwaye engcangcazela kakhulu’ ukuze angatsaleli ingqalelo engeyomfuneko kwisiqu sakhe.—1 Kor. 2:3.
Imikhwa Emele Iphetshwe. Abantu abaninzi banomkhwa wokufaka amabinzana anjengelithi “eh” xa bethetha. Abanye badla ngokuqalisa ingcamango ngokuthi “ndiye ndaba nako ukuba ngulowo,” okanye bafakela igama elithi “kaloku” okanye elithi “ke ngoku ke” kuyo yonke into abayithethayo. Mhlawumbi akuqondi ukuba uwasebenzisa ngokufuthi kangakanani na amagama afana nala. Usenokuzama ukuqhelisela kukho umntu ophulaphuleyo aze awabize la magama sihlandlo ngasinye uwasebenzisa. Unokumangaliswa koko ukufumanisayo.
Abanye abantu xa befunda naxa bethetha baye bakuphindaphinde kaliqela oko bakuthethayo. Ngamany’ amazwi, baqalisa isivakalisi baze basiyeke phakathi baze ubuncinane baphinde inxalenye yoko sele bekuthethile.
Ukanti abanye bakhawulezisa ngokwaneleyo xa bethetha, kodwa baqalisa ngengcamango ethile baze, phakathi nesivakalisi, batshintshele kwenye ingcamango. Nangona amagama ephuma ngokukhululekileyo, ukutshintsha nje esithubeni kuyalugxobha utyibiliko.
Indlela Yokuphucula. Ukuba unengxaki yokulahlekwa ngamagama afanelekileyo, kuza kufuneka wenze umgudu okhethekileyo wokwandisa isigama sakho. Waphawule amagama ongawaqhelanga akwiMboniselo, kuVukani! nakwezinye iimpapasho ozifundayo. Wahlole kwisichazi-magama, ukhangele indlela abizwa ngayo nentsingiselo yawo, uze wongeze amanye ala magama kwisigama sakho. Ukuba akunaso isichazi-magama, cela umntu oluthetha kakuhle ulwimi ukuba akuncede.
Ukukwenza umkhwa ukufunda ngokuvakalayo rhoqo kuya kukunceda uphucule. Qwalasela amagama anzima, uze uwabize ngokuvakalayo kangangezihlandlo eziliqela.
Ukuze ufunde ngokutyibilikayo, kufuneka uyiqonde indlela amagama asebenzisana ngayo kwisivakalisi. Kudla ngokufuneka ukuba amagama abizwe ngokwamaqela ukuze adlulisele ingcamango yombhali. Bek’ umnwe ngokukhethekileyo kula maqela amagama. Ukuba oko kuya kukunceda, waphawule. Usukelo lwakho asikokufunda nje amagama ngendlela echanileyo nje kuphela, kodwa kukudlulisela nengcamango ngendlela ecacileyo. Wakuba usihlahlele isivakalisi, yiya kwesilandelayo de ube usifundisise sonke isiqendu. Qhelana nendlela iingcamango ezidluliselwa ngayo. Emva koko qhelisela ukufunda ngokuvakalayo. Sifunde uze usiphindaphinde eso siqendu de ukwazi ukusifunda ungakhange ubambeke yaye ungakhange uhlab’ ikhefu kwiindawo ongafanelanga uhlab’ ikhefu kuzo. Emva koko dlulela kwezinye iziqendu.
Into elandelayo kukunyusa isantya. Ukuba uyayazi indlela amagama asebenzisana ngayo kwisivakalisi, uya kukwazi ukubona amagama angaphezu kwelinye ngexesha nokulindela elilandelayo. Oku kuya kufak’ isandla kakhulu kwimpumelelo yakho ekufundeni.
Ukukwenza umkhwa wakho ukufunda into oqala ukuyibona kunokukunika ingqeqesho esemagqabini. Ngokomzekelo, ungakhange ulungiselele kwangaphambili, funda itekisi yosuku kunye namagqabaza ngokuvakalayo; uze uyenze rhoqo loo nto. Yiqhele into yokuba uvumele iliso lakho lijonge amagama njengamaqela adlulisela ingcamango epheleleyo kunokuba libone nje igama libe linye ngexesha.
Xa uncokola, ukuze utyibilike kuye kufuneke ukuba ucinge ngaphambi kokuba uthethe. Kwenze umkhwa wakho oko kubomi bakho bemihla ngemihla. Khetha iingcamango ofuna ukuzidlulisela kunye nendlela oya kuzidlulisela ngayo; uze uqalise ukuthetha. Ungangxami. Zama ukuthetha ingcamango epheleleyo ungakhange unqumame okanye utshintshe nje esithubeni. Unokukufumanisa kuluncedo ukuthetha izivakalisi ezifutshane nezilula.
Amagama amele azizele ukuba uyazi kakuhle into ofuna ukuyithetha. Kudla ngokungabi yimfuneko ukuwakhetha amagama oza kuwasebenzisa. Enyanisweni, xa uqhelisela, kubhetele uqiniseke nje ukuba ingcamango icacile engqondweni yakho uze ucinge ngamagama njengoko uthetha. Ukuba wenjenjalo kwaye ucinga ngengcamango kunokuba ucinge ngamagama owathethayo, amagama aya kuzizela, kwaye iingcamango zakho ziya kudluliselwa ngokusuka entliziyweni. Ukuba ukhe waqalisa nje ukucinga ngamagama kunokuba ucinge ngeengcamango, intetho yakho isenokuman’ iqhawuka. Ukuba uyaqhelisela, unako ukuphumelela ekuhlakuleleni utyibiliko, uphawu olubalulekileyo ekuthetheni nasekufundeni.
Xa wayenikwa isabelo sokumela uYehova kuhlanga lwakwaSirayeli naphambi koFaro waseYiputa, uMoses wavakalelwa kukuba akayi kukwazi ukusisingatha. Ngoba? Wayengakwazi ukuthetha ngokutyibilikayo; usenokuba wayenengxaki yokuthetha. (Eks. 4:10; 6:12) UMoses wangxengxeza, kodwa akukho nasinye kwezo zingxengxezo esamkelwayo nguThixo. UYehova wamthumelela uAron ukuba abe sisithethi, kodwa wamnceda noMoses ukuba athethe. UMoses wathetha ngempumelelo kangangezihlandlo eziliqela, engapheleli kubantu ngabanye nakumaqela amancinane, kodwa wayethetha kwanakuhlanga luphela. (Dut. 1:1-3; 5:1; 29:2; 31:1, 2, 30; 33:1) Ukuba wenza konke okusemandleni akho ukuze uphumeze indima yakho ngoxa ukholose ngoYehova, nawe unokusebenzisa ilizwi lakho ekuzukiseni uThixo.
-
-
Unqumamo OlufanelekileyoZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 5
Unqumamo Olufanelekileyo
ENTETHWENI, unqumamo olwenziwa kwiindawo ezifanelekileyo lubalulekile. Oku kunjalo enoba unikela intetho okanye uthetha nomntu omnye. Ngaphandle konqumamo olunjalo, into oyithethayo inokuvakala ikukubhibhidla nje amazinyo kunokuba ibe yintetho evakalayo. Unqumamo olufanelekileyo luyanceda ekuyenzeni icace intetho yakho. Lunokusetyenziswa ngohlobo lokuba lwenze iingongoma zakho eziziintloko zihlale zinkenteza ezindlebeni zabaphulaphuli.
Unokuyiqonda njani indawo omele unqumame kuyo? Ufanele unqumame ixesha elide kangakanani?
Nqumama Xa Kukho Iziphumlisi. Iziphumlisi ziye zaba yinxalenye ebalulekileyo yolwimi olubhalwayo. Zinokubonisa ukuphela kwesivakalisi okanye kombuzo. Kwezinye iilwimi ziyasetyenziswa ukuze zibonise amazwi acatshulweyo. Ezinye iziphumlisi zibonisa unxibelelwano olukhoyo phakathi kwenxalenye ethile yesivakalisi kunye nezinye. Umntu ofundela ngaphakathi unokuzibona iziphumlisi. Kodwa xa efunda ngokuvakalayo ukuze kungenelwe abanye, ilizwi lakhe lifanele lidlulisele intsingiselo yaso nasiphi na isiphumlisi esivela kuloo mbandela awufundayo. (Ukuze ufumane ingcombolo, bona iSifundo 1, esithi “Ukufunda Ngendlela Echanileyo.”) Ukunganqumami xa isiphumlisi sisithi nqumama kusenokwenza kube nzima ukuba abanye bayiqonde into oyifundayo okanye kusenokukwenza ugqwethe intsingiselo yaloo nto ibhaliweyo.
Ukongezelela kwiziphumlisi, yindlela iingcamango ezibekwa ngayo kwisivakalisi egqiba ngendawo ekufanelwe kunqunyanywe kuyo. Enye imvumi eyaziwayo yakha yathi: “Iinowuthi ndizidlala njengabanye abadlali bepiyano. Kodwa kuthi kwakufikwa kunqumamo oluphakathi kweenowuthi, hay’ ke, buvele ubugcisa.” Kunjalo ke naxa kuthethwa. Ukusebenzisa kwakho unqumamo ngendlela efanelekileyo kuya kuwenza uvakale kamnandi yaye ube nentsingiselo umbandela owulungiselele kakuhle.
Xa ulungiselela ufundo lwasesidlangalaleni, unokukufumanisa kuluncedo ukuwuphawula loo mbandela uza kuwufunda. Krwela umgca omncinane omiyo kuloo ndawo kufuneka unqumamo olufutshane. Sebenzisa imigca emibini emiyo apho kufuneka unqumamo oludana. Ukuba ufumanisa ukuba amagama athile akalulungeli yaye usoloko unqumama kwindawo ongafanelanga kunqumama kuyo, yenza uphawu ngepensile ukuze uwadibanise onke amagama ayila elo binzana linzima. Emva koko funda elo binzana uye kutsho ekugqibeleni. Izithethi ezininzi ezinamava ziyakwenza oku.
Ukunqumama kwincoko yemihla ngemihla akudli ngakuba yingxaki kuba uyayazi into ofuna ukuyithetha. Noko ke, ukuba ukwenza umkhwa wakho ukunqumama ngalo lonke ixesha kungakhathaliseki ukuba ingcamango ifuna ukuba wenze njani, intetho yakho ayiyi kuba namandla kwaye ayiyi kuvakala. Amacebiso okuphucula anikelwe kwiSifundo 4, esithi “Utyibiliko.”
Ukunqumama Ukuze Utshintshe Ingcamango. Xa usuka kwenye ingongoma eyintloko usiya kwenye, unqumamo lunokunika abaphulaphuli bakho ithuba lokwetyisa, lokuzilungisa, lokuqonda ukuba uza kuxubusha enye ingongoma, nelokuyiva kakuhle ingcamango elandelayo. Ukunqumama xa usuka kwenye ingcamango usiya kwenye kubaluleke ngendlela efanayo nokuthob’ isantya xa uza kujika kwikona yesitrato ungene kwesinye.
Esinye isizathu esibangela ukuba izithethi zigxanye ukusuka kwenye ingcamango ziye kwelandelayo zingakhange zinqumame kukuba zizama ukugubungela umbandela omninzi kakhulu. Kwezinye, lo mkhwa ubonisa indlela ezincokola ngayo imihla ngemihla. Mhlawumbi ke wonke umntu ozingqongileyo uthetha ngaloo ndlela. Kodwa loo nto ayiyi kukunceda ube ngumfundisi ophumelelayo. Ukuba unento ofuna ukuyithetha efanele iviwe ize ikhunjulwe, ziphe ithuba lokuyenza ivakale kakuhle loo ngcamango. Yiqonde into yokuba unqumamo lubalulekile ukuze intetho yakho idlulisele iingcamango ezicacileyo.
Ukuba uza kunikela intetho ekulwandlalo, umbandela wakho ufanele uwuhlengahlengise ngohlobo lokuba wazi apho umele unqumame khona phakathi kweengongoma. Ukuba uza kube ufunda umbhalo-ngqangi, beka iimpawu apho kutshintsha khona iingongoma eziziintloko.
Unqumamo lwaxa utshintsha ingcamango ludla ngokuba ludana kunolweziphumlisi—kodwa ke alulude kangangokuba lude lwenze intetho icothe. Xa lulude kakhulu, kuba ngathi akulungiselelanga kwaye ukhangela ingongoma oza kulandelisa ngayo.
Ukunqumama Ukuze Ugxininise. Ukunqumama ukuze ugxininise kudla ngokubalasela, ngamany’ amazwi, kuba ngaphambili okanye ngasemva kwamazwi okanye umbuzo obuzwe ngogxininiso oluthile. Unqumamo olunjalo lunika abaphulaphuli ithuba lokwetyisa oko usandul’ ukukuthetha, okanye lwenza ukuba balindele okuza kulandela. Ezi ndlela zokunqumama azifani. Khetha eyona ndlela ifanelekileyo oza kuyisebenzisa. Kodwa ke ukhumbule ukuba ukunqumama ukuze ugxininise kufanele kwenziwe kwiingongoma ezibalaseleyo kuphela. Kungenjalo, ezo ngongoma aziyi kuvakala zibalulekile.
Xa uYesu wafunda iZibhalo ngokuvakalayo kwindlu yesikhungu yaseNazarete, walusebenzisa ngempumelelo unqumamo. Waqala ngokufunda uthumo lwakhe kumsongo kamprofeti uIsaya. Noko ke, ngaphambi kokuba aluchaze, wawusonga, wawubuyisela kumlindi, waza wahlala phantsi. Wandula ke, ejongwe nguye wonk’ ubani okwindlu yesikhungu, wathi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.”—Luka 4:16-21.
Ukunqumama Ngenxa Yemeko. Maxa wambi iziphazamiso ziya kufuna ukuba unqumame kwintetho yakho. Ingxolo yenqwelo-mafutha edlulayo okanye yomntwana okhalayo isenokufuna ukuba ukhe uthi xhaa ngencoko yakho nomninimzi othetha naye kubulungiseleli basentsimini. Kwindawo ekuhlanganiswana kuyo, ukuba isiphazamiso asisikhulu kangako, unokukwazi ukuphakamisa ilizwi lakho uze uqhubeke. Kodwa ukuba isiphazamiso siyangxola kwaye sithabatha ixesha elide, umele unqumame. Kaloku abakuva naba bantu uthetha nabo. Ngoko sebenzisa unqumamo ngempumelelo, unenjongo yokunceda abaphulaphuli bakho bangenelwe ngokupheleleyo kwizinto ezilungileyo ofuna ukubaxelela zona.
Ukunqumama Ukuze Ufumane Impendulo. Nangona usenokuba unikela intetho apho abaphulaphuli bengathabathi nxaxheba ngokungqalileyo kuyo, kubalulekile ukuvumela abaphulaphuli baphendule, hayi ngokuvakalayo, kodwa ezintliziyweni. Ukuba ubuza imibuzo eyenzelwe ukuxhokonxa iingcinga zabaphulaphuli bakho uze unganqumami ngokwaneleyo, loo mibuzo ayiyi kuyifeza kangako injongo yayo.
Kakade ke, kubalulekile ukunqumama kungekhona xa uthetha eqongeni kuphela kodwa kwanaxa unikela ubungqina kwabanye. Abanye abantu abanqumami xa bethetha. Ukuba unaloo ngxaki, yenza umgudu onyanisekileyo wokuluhlakulela olu phawu lwentetho. Uya kuphucula indlela onxibelelana ngayo nabanye uze ube nempumelelo ngakumbi kubulungiseleli bakho basentsimini. Unqumamo lithuba lokuba kuthi cwaka, ibe banyanisile xa besithi unqumamo lusisiphumlisi, luyagxininisa, lutsala ingqalelo kwaye luyahlaziya.
Incoko yemihla ngemihla ibandakanya ukuphakelana izimvo. Abantu baye batyekele ekukuphulaphuleni xa ubaphulaphula nawe uze ube nomdla koko bakuthethayo. Oku kufuna ukuba unqumame ngokwaneleyo ukuze ubanike ithuba lokuthetha.
Kubulungiseleli basentsimini, sidla ngokuphumelela ekunikeleni ubungqina xa sisenjenjalo sincokola. Emva kokubulisa, amaNgqina amaninzi akufumanisa kuphumelela ukuchaza umbandela afuna ukuwuxubusha aze abuze umbuzo. Aye anqumame ukuze anike omnye umntu ithuba lokuphendula, aze abonise ukuba ayivile into ethethwa ngumninimzi. Ebudeni bengxubusho, asenokunika umninimzi amathuba aliqela okugqabaza. Ayaqonda ukuba ngokuqhelekileyo anokukwazi ngakumbi ukumnceda umntu xa esazi iimbono zakhe kumbandela awuxubushayo.—IMize. 20:5.
Kakade ke, asinguye wonk’ ubani oya kuyiphendula kakuhle imibuzo. Kodwa loo nto ayizange imnqande uYesu ukuba anganqumami ngokwaneleyo ukuze anike abachasi bakhe ithuba lokuthetha. (Marko 3:1-5) Ukunika omnye umntu ithuba lokuthetha kuyamkhuthaza ukuba acinge, yaye, ngenxa yoko, unokutyhila oko kusentliziyweni yakhe. Phofu ke, enye yeenjongo zobulungiseleli bethu kukushukumisa iintliziyo ngokuchazela abantu ngemibandela ebalulekileyo ekwiLizwi likaThixo abafanele benze izigqibo ngayo.—Heb. 4:12.
Unqumamo olufanelekileyo kubulungiseleli bethu lububugcisa bokwenene. Xa unqumamo lusetyenziswa ngempumelelo, iingcamango zidluliselwa ngendlela ecace nangakumbi kwaye zidla ngokuhlala zikhunjulwa.
-
-
Indlela Efanelekileyo Yokugxininisa Amagama Namabinzana AziintlokoZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 6
Indlela Efanelekileyo Yokugxininisa Amagama Namabinzana Aziintloko
XA UTHETHA okanye ufunda ngokuvakalayo, kubalulekile ukuba unganeli kubiza amagama ngendlela echanileyo, kodwa umele ugxininise amagama aziintloko kunye namabinzana aqulethe iingcamango ngendlela eyenza ukuba zicace kakuhle.
Ukugxininisa amagama namabinzana ngendlela efanelekileyo kubandakanya okungaphezulu kunokucinezela nje amagama ambalwa okanye aliqela. Kufanele kucinezelwe amagama afanelekileyo. Xa kucinezelwa amagama angafanelekanga, intsingiselo yoko ukuthethayo isenokungacaci kubaphulaphuli bakho, abaya kuthi, ethubeni, bavumele iingqondo zabo zicinge ngezinye izinto. Kwanokuba umbandela unenkcazelo, ukuba akuwagxininisi kakuhle amagama namabinza aziintloko xa unikela intetho yakho, intetho yakho ayiyi kuphumelela ekushukumiseni abaphulaphuli.
Zininzi iindlela zokucinezela ngakumbi, kwaye zidla ngokusetyenziswa ngaxeshanye: ukunyusa ilizwi, ukufaka imvakalelo engakumbi, ukuzekelela, ukunqumama ngaphambi okanye ngemva kwaloo ngongoma (okanye ukuzenza zombini), kunye nezimbo zomzimba nezobuso. Kwezinye iilwimi, unokucinezela nangokuhlisa ithoni okanye ukuphakamisa ilizwi. Cinga ngombandela nangeemeko ukuze ubone eyona ndlela ifanelekileyo.
Xa usenza isigqibo ngoko ufanele ukucinezele, qwalasela ezi zinto zilandelayo. (1) Kwisivakalisi ngasinye, amagama afanele afumane ugxininiso olongezelelekileyo akagqitywa sisivakalisi eso kodwa ngumongo ogqibayo. (2) Ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kunokwenziwa ukuze kubalaseliswe ingcamango entsha, enoba yingongoma eyintloko okanye kukutshintshwa nje kwendlela yokuqiqa. Kusenokusetyenziswa nokuze kutsalelwe ingqalelo kumqukumbelo wendlela yokuqiqa. (3) Isithethi sisenokugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo ukuze sibonise indlela esivakalelwa ngayo ngaloo mbandela. (4) Ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kunokusetyenziswa ukuze kubalaseliswe iingongoma eziziintloko zentetho.
Ukuze sigxininise amagama namabinzana afanelekileyo ngale ndlela, isithethi okanye lowo ufunda esidlangalaleni umele awuqonde kakuhle umbandela wakhe aze afune ngokunyanisekileyo ukuba abaphulaphuli bakhe bawuqonde. Ngokuphathelele imfundiso eyayinikelwa ngemihla kaEzra, uNehemiya 8:8 uthi: “Baqhubeka befunda ngokuvakalayo encwadini, emthethweni woThixo oyinyaniso, ucaciswa ngokucokisekileyo, kuchazwa intsingiselo yawo; yaye babekuqonda oko kwakufundwa.” Kucacile ukuba abo babefunda yaye becacisa uMthetho kaThixo ngeso sihlandlo bayiqonda imbaluleka yokunceda abaphulaphuli babo ukuba bafumane intsingiselo yoko kwakufundwa, bakugcine baze bakusebenzise.
Into Enokubangela Ingxaki. Inkoliso yabantu iyakwazi ukucacisa intsingiselo ngendlela eqhelekileyo nebuncoko. Noko ke, xa befunda umbandela obhalwe ngomnye umntu, kunokuba lucelomngeni ukukhetha amagama okanye amabinzana amele agxininiswe. Undoqo kukuwuqonda kakuhle umbandela. Loo nto ifuna ukuba ubani akufundisise ngenyameko oko kubhaliweyo. Ngoko ukuba uceliwe ukuba ufunde umbandela othile kwintlanganiso yebandla, ufanele ulungiselele ngenyameko.
Abanye abantu basebenzisa indlela esenokubizwa ngokuthi “kukugxininisa ngamaxesha athile” kunokuba bagxininise amagama namabinzana afanelekileyo. Bacinezela amagama emva kwexesha elithile enoba oko kucinezela kunentsingiselo okanye akunayo. Abanye bacinezela amagama abalaseleyo, mhlawumbi bacinezele izimaphambili nezihlanganisi ngendlela ebaxiweyo. Xa ukucinezelwa kwamagama kungabangeli ukuba ingcamango icace, kuba lula ukuba kube ngumkhwa ophazamisayo.
Xa zizama ukugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo, ezinye izithethi ziyakhwaza kangangokuba abaphulaphuli bavakalelwe kukuba bayangxoliswa. Kakade, oko akudli ngakuba namiphumo mihle. Ukuba amagama namabinzana akacinezelwa ngendlela eyeyemvelo, isithethi sisenokuvakala ngathi siyabathoba abaphulaphuli baso. Hayi indlela ekubhetele ngayo ukubabongoza ngothando nokubanceda babone ukuba oko kuthethwayo kuxhaswa ziZibhalo kwaye kusengqiqweni!
Indlela Yokuphucula. Umntu ongakwaziyo ukugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo udla ngokungayazi loo nto. Kusenokufuneka mntu wumbi ukuba amxelele. Ukuba kufuneka uphucule kulo mba, umveleli wesikolo webandla lakho uya kukunceda. Kwakhona, zive ukhululekile ukucela nabani na osisithethi esiphumelelayo ukuba akuncede. Mcele ukuba akuphulaphule ngenyameko njengoko ufunda yaye uthetha aze anikele amacebiso apho kufuneka uphucule khona.
Umluleki wakho usenokucebisa ukuba uqale ngokusebenzisa inqaku elikwiMboniselo ukuze uqhelisele. Ngokuqinisekileyo uya kukuxelela ukuba uhlahlele isivakalisi ngasinye ukuze ubone ukuba ngawaphi amagama okanye amabinzana afuna ukucinezelwa ukuze kube lula ukufumana intsingiselo. Usenokukukhumbuza ukuba unikele ingqalelo ekhethekileyo kumagama athile akekelisiweyo. Khumbula ukuba amagama akwisivakalisi asebenza kunye. Ngokuqhelekileyo kuye kufuneke ugxininise iqela lamagama, kungekhona igama elinye. Kwezinye iilwimi, abafundi basenokukhuthazwa ukuba bakuqwalasele ngenyameko oko kuboniswa ziimpawu zezandi zoonobumba xa kufikwa kumba wokugxininisa amagama namabinzana afanelekileyo.
Kwinyathelo elilandelayo lokufunda oko kumele kucinezelwe, umluleki wakho usenokukubongoza ukuba uqwalasele umongo ophangalele ngakumbi kunesivakalisi eso. Yiyiphi ingcamango eyintloko edluliselwa kweso siqendu? Ifanele iyichaphazele njani indlela ocinezela ngayo isivakalisi ngasinye? Jonga umxholo wenqaku nomxholwana obhalwe ngqindilili ovela kuwo umbandela wakho. Ukuxelela ntoni ngamabinzana ofanele uwakhethe ukuze uwagxininise? Zonke ezi zinto zimele ziqwalaselwe. Kodwa ulumkele ukucinezela amagama amaninzi gqitha.
Enoba uza kube uthetha ungajonganga lwandlalo okanye uza kube ufunda, umluleki wakho usenokukukhuthaza ukuba uvumele indlela oqiqa ngayo ichaphazele indlela owagxininisa ngayo amagama namabinzana aziintloko. Kufuneka uzazi iindawo ephela kuzo indlela oqiqa ngayo okanye apho intetho isuka kwenye ingcamango isiya kwenye. Abaphulaphuli baya kuyixabisa into yokuba indlela onikela ngayo intetho ibenza bazazi ezi ndawo. Unokubazisa ngokucinezela amagama anjengelithi okokuqala, ngokulandelayo, ekugqibeleni, ngaloo ndlela, nelithi ngokusengqiqweni.
Umluleki wakho uya kutsalela ingqalelo yakho nakwiingcamango ofuna ukufakela kuzo imvakalelo ekhethekileyo. Ukuze wenze oku usenokucinezela amagama afana nelithi gqitha, ngokupheleleyo, soze, nakanye, kubalulekile, nelithi rhoqo. Ukwenjenjalo kwakho kuya kuyichaphazela indlela abaphulaphuli bakho abavakalelwa ngayo ngoko ukutshoyo. Ezinye izinto siya kuzifumana kwiSifundo 11, esithi “Ukufudumala Nemvakalelo.”
Ukuze uphucule kwindlela owagxininisa ngayo amagama namabinzana aziintloko, uya kukhuthazwa ukuba uzigcine ziqaqambile engqondweni yakho iingongoma eziziintloko ofuna abaphulaphuli bakho bazikhumbule. Oku kuya kuqwalaselwa ngokubhekele phaya kufundo lwasesidlangalaleni kwiSifundo 7, esithi “Iingcamango Eziziintloko Zigxininisiwe,” nasekunikeleni intetho kwiSifundo 37, esithi “Iingongoma Eziziintloko Zibalaselisiwe.”
Ukuba uzabalazela ukuphucula ubulungiseleli bakho basentsimini, nikela ingqalelo ekhethekileyo kwindlela ozifunda ngayo izibhalo. Kwenze umkhwa wakho ukuzibuza oku, ‘Kutheni ndifunda le ndinyana?’ Kumntu ofundisayo, ukuwabiza ngendlela efanelekileyo nje amagama akwanelanga. Kwanokufunda indinyana ngemvakalelo kusenokunganeli. Ukuba uphendula umbuzo okanye ufundisa inyaniso esisiseko, xa ufunda isibhalo kuhle ukuba ucinezele amagama okanye amabinzana axhasa loo nto ixutyushwayo. Kungenjalo, loo mntu umfundelayo usenokungayifumani ingongoma.
Ekubeni ukugxininiswa kwamagama namabinzana afanelekileyo kubandakanya ukuwacinezela ngakumbi amagama namabinzana athile, isithethi esingenamava sisenokutyekela ekuwacinezeleni ngokugqithiseleyo. Umphumo uya kufana noweenowuthi ezidlalwa ngumntu ofunda ukudlala isixhobo somculo. Noko ke, xa siqhelisela nangakumbi, “iinowuthi” ezihamba ngazinye ziya kuba yinxalenye “yomculo” omnandi.
Emva kokuba ufunde ezinye zezinto ezisisiseko, uya kukwazi ukungenelwa ngokujonga kwizithethi ezinamava. Kungekudala uya kukuqonda oko kunokuphunyezwa kukuwutshintshatshintsha umlinganiselo ocinezela ngawo. Kwaye uya kukuqonda ukubaluleka kokucinezela ngeendlela ezahlukeneyo ukuze ucacise intsingiselo yoko ukuthethayo. Ukusebenzela ekugxininiseni amagama namabinzana afanelekileyo kuya kukwenza ube nempumelelo ekufundeni nasekuthetheni.
Musa ukwanela ukufunda ukugxininisa amagama namabinzana aziintloko ngendlela eyamkelekileyo. Ukuze ube sisithethi esiphumelelayo, qhubeka usebenzela kule nkalo de ukwazi ukuwagxininisa amagama namabinzana aziintloko ngendlela evakala iyeyemvelo ezindlebeni zabanye.
-
-
Iingcamango Eziziintloko ZigxininisiweZuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
-
-
ISIFUNDO 7
Iingcamango Eziziintloko Zigxininisiwe
UMFUNDI ophumelelayo ubona okungaphaya kwesivakalisi, kwanokungaphaya kwesiqendu esivela kuso eso sivakalisi. Xa efunda, ucinga ngeengcamango eziziintloko ezidluliselwa nguwo wonke loo mbandela awufundayo. Oku kuyayichaphazela indlela agxininisa ngayo.
Xa le nkqubo ingalandelwa, akuyi kubakho zingongoma zibalaseleyo entethweni. Akuyi kubakho nto ibalaselayo. Xa loo ntetho igqityiwe, kusenokuba nzima ukukhumbula nayiphi na ingongoma ebalaseleyo.
Ukunikela ingqalelo efanelekileyo ekugxininiseni iingcamango eziziintloko kudla ngokuphumeza lukhulu xa ubani efunda ingxelo eseBhayibhileni. Ugxininiso olunjalo lunokuzenza zibe nentsingiselo engakumbi iziqendu xa kuqhutywa isifundo seBhayibhile sekhaya okanye kwintlanganiso yebandla. Kwaye lubaluleke ngokukhethekileyo xa unikela intetho engumbhalo-ngqangi, njengoko maxa wambi kusenziwa kwiindibano ezinkulu.
Indlela Yokugxininisa. Esikolweni, usenokwabelwa ukuba ufunde inxalenye ethile yeBhayibhile. Yintoni efanele igxininiswe? Ukuba kukho ingcamango eyintloko okanye isiganeko esibalulekileyo owakhelwe kuso loo mbandela uwufundayo, kuya kuba yinto efanelekileyo ukusenza sibalasele.
Enoba loo nxalenye uza kuyifunda ngumhobe okanye umbongo, ngumzekeliso okanye yinkcaza, abaphulaphuli bakho baya kungenelwa ukuba uyifunda kakuhle. (2 Tim. 3:16, 17) Ukuze wenze oku umele ucinge ngeendinyana oza kuzifunda nangabaphulaphuli bakho.
Ukuba kufuneka ufunde impapasho ethile ngokuvakalayo xa uqhuba isifundo seBhayibhile okanye kwintlanganiso yebandla, ziziphi iingcamango eziziintloko ofuna ukuzigxininisa? Gqala iimpendulo zemibuzo eshicilelweyo yesifundo njengeengcamango eziziintloko. Kwakhona gxininisa iingcamango ezinento yokwenza nomxholwana obhalwe ngqindilili wombandela wakho.
Asiwukhuthazi umkhwa wokuzenza umbhalo-ngqangi iintetho ezinikelwa ebandleni. Noko ke, maxa wambi imibhalo-ngqangi iye ibekho kwiintetho ezithile zeendibano ezinkulu ukuze kudluliselwe iingcamango ngendlela efanayo kuzo zonke iindibano ezinkulu. Ukuze kugxininiswe iingcamango eziziintloko kwimibhalo-ngqangi enjalo, isithethi simele siqale ngokuwuhlalutya ngenyameko umbandela. Ziziphi iingongoma eziziintloko? Sifanele sizazi ezo ngongoma. Iingongoma eziziintloko azizongcamango nje esivakalelwa kukuba zibangel’ umdla. Ziingcamango ezibalaseleyo owakhelwe kuzo umbandela lowo. Maxa wambi kubakho amabal’ engwe engcamango eyintloko atshayelela ukuhlalutywa okanye ukuxutyushwa kwayo. Ngokufuthi, kuye kubekho amagqabaza anamandla emva kokuba kuye kwanikelwa ubungqina obuxhasayo. Zakuba zifunyenwe ezi ngongoma ziziintloko, isithethi sifanele siziphawule kumbhalo-ngqangi waso. Zidla ngokuba mbalwa, mhlawumbi zingabi ngaphezu kwezine okanye ezintlanu. Emva koko kuye kufuneke siqhelisele ukufunda ngendlela yokuba abaphulaphuli bazifumane lula. Ezi ziincopho zentetho. Ukuba umbandela unikelwa kusetyenziswa ugxininiso olufanelekileyo, ezi ngongoma ziziintloko zinokuhlala zinkenteza ezindlebeni zabaphulaphuli. Oku kufanele kube lusukelo lwesithethi.
Zininzi iindlela isithethi esinokuzisebenzisa ukuze sifake ugxininiso oluyimfuneko kuze kuncedwe abaphulaphuli bafumane iingongoma eziziintloko. Phakathi kwazo, sisenokuba nehlombe elingakumbi, sitshintshe isantya, sifakele imvakalelo, okanye sisebenzise izimbo zomzimba ezifanelekileyo.
-