IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • od iphe. 179-iphe. 184
  • Isihlomelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isihlomelo
  • Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Amanqaku Afanayo
  • Ubhaptizo Nolwalamano Lwakho NoThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Umqukumbelo Wengxubusho Nabo Baza Kubhaptizwa
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Kubalulekile Ukubhaptizwa!
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Ngaba Kufanelekile Ukuba Abantwana Babhaptizwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
od iphe. 179-iphe. 184

Isihlomelo

Umyalezo Oya Kubazali AbangamaKristu:

Njengomzali, ufuna ukunceda abantwana bakho obathandayo ukuba bamthande uYehova baze bazinikele kuye. Unokubanceda njani ukuze babhaptizwe? Bangabhaptizwa nini?

UYesu wathi kubalandeli bakhe: ‘Yenzani abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize.’ (Mat. 28:19) La mazwi athetha ukuba, eyona nto ifunekayo ukuze umntu abhaptizwe kukuba angapheleli nje ekwazini nasekukholelweni izinto ezifundiswa nguKristu, kodwa azenze. Nabantwana banokuyenza le nto.

Yiba ngumzekelo kubantwana bakho, uze ubethelele izinto ezifundiswa nguYehova ezintliziyweni zabo. (Dut. 6:6-9) Sebenzisa incwadi ethi Isifundisa Ntoni IBhayibhile? nethi Zigcineni Kuthando LukaThixo ukuze ubafundise iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile uze ubancede bacinge ngemigaqo yeBhayibhile nendlela abanokuyisebenzisa ngayo ebomini babo. Bancede bakwazi ukuzithetha ngamazwi abo izinto abazikholelwayo. (1 Pet. 3:15) Ulwazi nokhuthazo abalufumana kuwe, xa bezifundela, kunqulo lwentsapho, kwiintlanganiso nakubantu abalungileyo abangabahlobo babo, luza kubanceda benze inkqubela enokubenza bafune ukubhaptizwa, lubancede nasemva kokubhaptizwa. Bancede basoloko becinga ngeendlela abanokuya besondela ngazo kuThixo.

IMizekeliso 20:11 ithi: “Kwanomntwana ubonwa ngezenzo zakhe, ukuba umsulwa okanye ulungile.” Unokubonwa njani umntwana ukuba ungumfundi kaYesu Kristu yaye ukulungele ukubhaptizwa?

Umntwana ofuna ukubhaptizwa ufanele athobele umzali okanye abazali bakhe. (IZe. 5:29; Kol. 3:20) Xa iBhayibhile ithetha ngoYesu xa wayeneminyaka eyi-12, ithi: “Waqhubeka ebathobela [abazali bakhe].” (Luka 2:51) Inyaniso yeyokuba, awunakulindela ukuba umntwana wakho angamoshi. Kodwa umntwana ofuna ukubhaptizwa uza kuzama ukulandela umzekelo kaYesu aze aziwe ngokuthobela abazali bakhe.

Uza kubonisa ukuba unomdla kwiimfundiso zeBhayibhile. (Luka 2:46) Ngaba uyakuthanda ukuya ezintlanganisweni aze aphendule, enze iintetho nemiboniso? (INdu. 122:1) Ngaba uyifunda qho iBhayibhile nezinye iincwadi?—Mat. 4:4.

Umntwana ofuna ukubhaptizwa uzama ngamandla ukubeka uBukumkani kwindawo yokuqala. (Mat. 6:33) Uyaqonda ukuba ufanele axelele abanye ngezinto azikholelwayo. Usebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokushumayela yaye akoyiki ukuxelela ootitshala nabantwana afunda nabo ukuba uliNgqina LikaYehova. Xa enentetho kwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, uyilungiselela kakuhle.

Uzama ngamandla akhe onke ukuba ahlale eziphethe kakuhle ngokungabi neetshomi ezingalunganga. (IMize. 13:20; 1 Kor. 15:33) Oku kuza kubonakala kumculo awumamelayo, kwiimuvi nezinye izinto azibukelayo, kwimidlalo yevidiyo nendlela ayisebenzisa ngayo i-intanethi.

Abantwana abaninzi baye bayenza eyabo inyaniso baza babhaptizwa besebancinci ngenxa yokufundiswa kakuhle ngabazali babo. Akwaba uYehova angakusikelela njengoko unceda abantwana bakho bafikelele kwinqanaba elibalulekileyo lokuba ngabahlobo bakaYehova.

Umyalezo Oya Kumvakalisi Ongabhaptizwanga:

Yinyhweba ukukhonza ebandleni njengomvakalisi ongabhaptizwanga. Iyancomeka inkqubela osele uyenzile. Uye wamazi uThixo ngokufunda iLizwi lakhe, ibe uye wazikholelwa izithembiso zakhe.—Yoh. 17:3; Heb. 11:6.

Kusenokwenzeka ukuba ubuhamba enye icawa ngaphambi kokuba ufunde namaNgqina KaYehova okanye ubungayihambi kwaphela. Okanye ke ubusenza izinto ezingqubanayo nemigaqo yeBhayibhile. Kodwa ngoku uye wabonisa ukuba unokholo ngokuguquka, okuthetha ukuzisola ngezono oye wazenza ngaphambili, nangokutshintsha, okuthetha ukuthi uye wayilahla laa ndlela iphosakeleyo yangaphambili waza wazimisela ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo.—IZe. 3:19.

Kwelinye icala, kunokwenzeka ukuba izinto ezingcwele ezibhaliweyo, “uzaze uselusana.” Ngenxa yoko uye wahambela kude kwizinto ezingenziwayo ngamaKristu nakwizono ezinzulu. (2 Tim. 3:15) Uye wafunda ukuxhathisa impembelelo yoontanga nezinye izihendo ebezinokubangela wenze izinto ezimbi emehlweni kaYehova. Uye wabonisa ukuba unokholo ngokuqhubeka ulumela unqulo lokwenyaniso nangokushumayela kwabanye ngezinto ozikholelwayo. Uye waqeqeshelwa intsimi. Ngoku wenze isigqibo sokukhonza uYehova njengomvakalisi ongabhaptizwanga.

Enoba uye wafundiswa iindlela zikaYehova kwasebusaneni okanye uye wamazi kamva ebomini, ngoku usenokuba ucinga ngezinto ezimbini eziza kukwenza uhambele phambili, ukuzinikela nokubhaptizwa. Xa uzinikela kuYehova, uthetha naye ngomthandazo, umxelele ngesigqibo osenzileyo sokukhonza yena yedwa ngonaphakade. (Mat. 16:24) Emva koko uye ubhaptizwe emanzini, ngaloo ndlela ubonisa ukuba uzinikele. (Mat. 28:19, 20) Xa uzinikela yaye ubhaptizwa, uba ngumkhonzi kaYehova uThixo omiselweyo. Ayikho into enokuthelekiswa nale!

Njengoko ufundile eBhayibhileni, usenokudibana nezinto ezivavanyayo. Khumbula, emva nje kokuba ebhaptiziwe, “uYesu waqhutyelwa entlango ngumoya kaThixo, waza wahendwa nguMtyholi.” (Mat. 4:1) Emva kokuba ubhaptiziwe njengomfundi kaKristu, unokulindela iimvavanyo ezingakumbi. (Yoh. 15:20) Ziza kuza ngeendlela ngeendlela. Usenokuchaswa ngabantu bakowenu. (Mat. 10:36) Usenokuhlekwa ngabanye abantwana ofunda nabo, ngabantu osebenza nabo okanye abo babengabahlobo bakho. Hlala uwakhumbula amazwi kaYesu akuMarko 10:29, 30 athi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho mntu ushiye ikhaya lakhe, abantakwabo, oodadewabo, umama wakhe, utata wakhe, abantwana bakhe okanye amasimi akhe ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ongazukufumana ngokuphindwe kayi-100 izindlu, abantakwabo, oodadewabo, oomama, abantwana, amasimi kunye neentshutshiso ngoku, nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.” Ngoko qhubeka uzimisela ukuze uhlale usondele kuYehova uze uphile ngemilinganiselo yakhe yobulungisa.

Xa ufuna ukubhaptizwa, xelela umnxibelelanisi wequmrhu labadala. Abadala baza kuxubusha nawe imibuzo elandela lo myalezo ukuze babone enoba ukulungele na ukubhaptizwa. Ungazifundela le mibuzo kusengaphambili.

Xa uza kuhlolwa, lungiselela le mibuzo uze uziphe nexesha lokufunda neZibhalo ezibonisiweyo. Usenokuzibhalela amanqaku akho kule ncwadi okanye kwenye into. Unokuwasebenzisa loo manqaku xa ukunye nabadala. Ukuba kukho nawuphi na umbuzo ongawuqondiyo, zive ukhululekile ukucela uncedo kumntu okufundelayo okanye kubadala.

Xa uxubusha nabadala, sukucinga ukuba kufuneka ibe nde impendulo yakho kuba kusenokuba nzima ukuyiqonda. Ukuphendula ngamazwi akho ngendlela elula nengqalileyo kwanele. Kuyanceda ukucaphula ivesi enye okanye ezimbini eBhayibhileni ukuze ubonise ukuba impendulo yakho uyisekele kwiZibhalo.

Ukuba awukabi nolwazi olwaneleyo lweemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, abadala baza kulungiselela ukuba uncedwe ukuze ukwazi ukuyichaza ngamazwi akho indlela efanelekileyo yokuqonda iZibhalo, ibe ethubeni uza kukufanelekela ukubhaptizwa.

[Abadala mabaphawule: Imiyalelo ephathelele ukusingathwa kweengxubusho kunye nabo baza kubhaptizwa ifumaneka kwiphepha 208-212.]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share