IMIBUZO YABO BAFUNA UKUBHAPTIZWA
Umqukumbelo Wengxubusho Nabo Baza Kubhaptizwa
Kwiindibano zamaNgqina KaYehova kudla ngokubakho ababhaptizwayo. Ngasekupheleni kwentetho yobhaptizo, isithethi siza kucela abantu abaza kubhaptizwa ukuba beme ngeenyawo baze baphendule le mibuzo mibini ilandelayo ngelizwi elivakalayo:
1. Uguqukile na kwizono obuzenza, wazinikela kuYehova, ibe uyakholwa ukuba uYehova uza kukusindisa ngoYesu Kristu?
2. Uyaqonda na ukuba njengokuba ubhaptizwa uza kuba liNgqina LikaYehova, ube kwintlangano yakhe?
Iimpendulo ezivumayo kule mibuzo zibonisa ukuba abantu abaza kubhaptizwa ‘bavuma phambi kwabantu’ ukuba banokholo ekusifeleni kukaYesu ibe bazinikele ngokupheleleyo kuYehova. (Roma 10:9, 10) Ngoko, bamele bacingisise ngale mibuzo kwangaphambili, bayithandazele ukuze xa bephendula, bathethe into abaqinisekileyo ngayo.
Ngaba sele uzinikele kuYehova ngomthandazo, umthembisa ukuba uza kukhonza yena yedwa ibe ukwenza izinto azithandayo kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho?
Ngaba uqinisekile ukuba ufuna ukubhaptizwa nanini na kuvela ithuba?
Yeyiphi indlela efanelekileyo afanele anxibe ngayo umntu xa ebhaptizwa? (1 Tim. 2:9, 10; Yoh. 15:19; Fil. 1:10)
Simele sinxibe ngendlela ‘ebonisa ukuba sinesidima yaye siphilile engqondweni’ ukuze sibonise ukuba ‘sizinikele kuThixo.’ Abantu abaza kubhaptizwa abamele banxibe impahla yokuqubha eveza umzimba okanye ebhaliweyo. Bamele banxibe impahla ecocekileyo, ebukekayo, efanele esi sihlandlo, ingabikho xazalala.
Umntu ufanele aziphathe njani xa ebhaptizwa? (Luka 3:21, 22)
Ukubhaptizwa kukaYesu kuwabekela umzekelo amaKristu namhlanje. Wayiqonda ukuba kubalulekile ukubhaptizwa, ibe loo nto yabonakala kwindlela awayecinga ngayo nakwizinto awazenzayo. Ngenxa yoko, indawo ekubhaptizelwa kuyo asiyondawo yeziqhulo, yokudlala, yokuqubha, okanye yezinye izinto eziza kusithoba isidima eso sihlandlo. NomKristu obhaptizwayo akazukwenza amatshamba ngokungathi uphumelele ugqatso. Ngoxa ubhaptizo lusisihlandlo sovuyo, olo vuyo lufanele lubonakaliswe ngendlela enesidima.
Ukuya qho ezintlanganisweni nokuba kunye namanye amaKristu kuza kunceda njani uhlale uzenza izinto othe uza kumenzela zona uYehova?
Kwanasemva kokuba ubhaptiziwe, kutheni kubalulekile ukuba ube nocwangciso lokufunda kwaye uye qho entsimini?
IMIYALELO EYA KUBADALA BEBANDLA
Xa umvakalisi ongabhaptizwanga esithi ufuna ukubhaptizwa, ufanele akhuthazwe ukuba afunde kakuhle “Imibuzo Yabo Bafuna Ukubhaptizwa,” efumaneka kwiphepha 185-207 lale ncwadi. Ufanele afunde nomxholo othi “Umyalezo Oya Kumvakalisi Ongabhaptizwanga,” kwiphepha 182, omchazela indlela anokuyilungiselela ngayo le ngxubusho kunye nabadala. Njengoko kubonisiwe, loo mntu ufuna ukubhaptizwa unokusebenzisa amanqaku azibhalele wona kwaye unokuyivula le ncwadi ebudeni bengxubusho. Noko ke, akuyomfuneko ukuba omnye umntu ahlole naye le mibuzo ngaphambi kokuba adibane nabadala.
Nabani na ofuna ukubhaptizwa umele axelele umnxibelelanisi wequmrhu labadala. Emva kokuba umntu ofuna ukubhaptizwa eye wanikwa ixesha lokufunda “Imibuzo Yabo Bafuna Ukubhaptizwa,” umnxibelelanisi wequmrhu labadala uza kumbuza ukuba sele ezinikele na kuYehova ngomthandazo waza wamxelela ukuba uza kwenza ukuthanda kwakhe. Ukuba uyavuma, umnxibelelanisi wequmrhu labadala uza kucela abadala ababini ukuba baxubushe naye “Imibuzo Yabo Bafuna Ukubhaptizwa.” Icandelo ngalinye lifanele liqhutywe ngumdala owahlukileyo. Akuyomfuneko ukuba kulindwe de kwaziwe umhla wendibano elandelayo ngaphambi kokuba kuqaliswe ezi ngxubusho.
La macandelo mabini anokwenziwa ngezihlandlo ezibini ezahlukeneyo, ibe isihlandlo ngasinye sinokuthatha malunga neyure, nangona kungaphosakelanga ukuthatha ixesha elingaphezulu xa kuyimfuneko. Kufanele kuvulwe kuze kuvalwe ngomthandazo. Akufanele kugqagqaniswe xa kuxutyushwa le mibuzo. Abadala ababelwe ukuxubusha nomntu ofuna ukubhaptizwa bamele bazimisele ukuqala ngesi sabelo kwizinto ekufuneka bezenzile.
Ngokuqhelekileyo, eyona ndlela ibhetele, kukuxubusha nomntu ofuna ukubhaptizwa abe mnye ngexesha, kungaxutyushwa neqela ngaxeshanye. Xa umntu ofuna ukubhaptizwa ephendula yonke imibuzo, abadala batsho babone ukuba uyiqonda kangakanani na inyaniso yeBhayibhile, babone nokuba ukulungele na ukubhaptizwa. Ukongezelela, xa kuxutyushwa naye yedwa udla ngokukhululeka. Abantu abatshatileyo banokuhlolwa kunye.
Xa ingudade, le ngxubusho ifanele iqhutywe emehlweni abantu kodwa bangayiva into ethethwayo. Ukuba kuza kufuneka nomnye umntu, makuthathwe umdala okanye isicaka solungiselelo, kuza kuxhomekeka kwicandelo elixutyushwayo, njengoko kuchaziwe kwesi siqendu silandelayo.
Kumabandla anabadala abambalwa, kunokucelwa izicaka zolungiselelo eziye zabonisa ukuba zigweba kakuhle ibe zinokuqonda, zixubushe nomntu ofuna ukubhaptizwa “iCandelo 1: Izinto Ezikholelwa NgamaKristu.” Ngabadala kuphela abamele basetyenziswe xa kuxutyushwa “iCandelo 2: Indlela Aphila Ngayo AmaKristu.” Ukuba ibandla alinabo ngokwaneleyo abazalwana abafanelekayo, kunokuthethwa nomveleli wesiphaluka ukuze ajonge ukuba ibandla elikufutshane lingakwazi na ukunceda.
Xa kuhlolwa umntwana osephantsi kwabazali, umzali okanye abazali bakhe abangamaKristu bamele babekhona. Ukuba umzali okanye abazali abazubakhona, abadala ababini (okanye umdala nesicaka solungiselelo, kuxhomekeka kwelo candelo lihlolwayo) bamele bamhlole bobabini kwicandelo ngalinye.
Abadala baza kuqiniseka ukuba loo mntu uza kubhaptizwa uziqonda ngendlela esengqiqweni iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Ukongezelela, baza kufuna ukuqiniseka enoba uyixabisa nyhani na inyaniso kwaye uyihlonela ngendlela efanelekileyo na intlangano kaYehova. Ukuba akaziqondi iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, abadala baza kulungiselela ukuba ancedwe ukuze afanelekele ukubhaptizwa ethubeni. Abanye kunokufuneka banikwe ixesha ukuze bayixabise ngakumbi intsimi okanye bazithobe kumalungiselelo entlangano. Abadala baza kusebenzisa ukuqonda xa besahlula iyure abayichitha kwicandelo ngalinye ukuze babone kakuhle ukuba umntu ofuna ukubhaptizwa ukulungele na ukubhaptizwa. Nangona kunokuchithwa ixesha elingakumbi kwimibuzo ethile kuze kuchithwe elincinci kweminye, yonke imibuzo ifanele ixutyushwe.
Abadala abahlole umntu ofuna ukubhaptizwa baza kudibana emva kwecandelo lesibini baze bagqibe enoba loo mntu ufanele abhaptizwe na. Baza kucinga ngemvelaphi, amandla nezinye iimeko zakhe. Banomdla wokwazi ukuba unabo na ubuhlobo noYehova ibe uyaziqonda na iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko. Xa nibanceda ngothando, abantu abaza kubhaptizwa baza kutsho bakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo.
Emva koko, umdala omnye okanye bobabini abo bebemhlola bafanele badibane naloo mntu baze bamxelele enoba uyafaneleka na ukuba abhaptizwe. Ukuba uyafaneleka, abadala bafanele baxubushe kunye naye “Umqukumbelo Wengxubusho Nabo Baza Kubhaptizwa,” ofumaneka kwiphepha 206-207. Ukuba akakayigqibi incwadi ethi Isifundisa Ntoni IBhayibhile? nethi Zigcineni Kuthando LukaThixo, abadala bafanele bamkhuthaze ukuba azifunde nasemva kokuba ebhaptiziwe. Bamele bamazise ukuba inkcazelo engokubhaptizwa kwakhe iza kufakwa kwiNgxelo Yomvakalisi Webandla enegama lakhe. Mkhumbuzeni ukuba abadala bayayigcina le ngxelo ukuze intlangano ikwazi ukunyamekela imisebenzi eyenziwa ngamaNgqina KaYehova ehlabathini lonke, nomvakalisi atsho akwazi ukwenza izinto ezenziwa ngabavakalisi baze nabadala bakwazi ukumnceda kumsebenzi wokushumayela. Kwakhona abadala banokumkhumbuza ukuba inkcazelo yakhe yobuqu iza kusetyenziswa ngendlela echazwe kwiGlobal Data Protection Policy yamaNgqina KaYehova ekufumaneka ku-jw.org. Le ngxubusho ifanele ithathe imizuzu elishumi okanye ngaphantsi.
Xa kuphela unyaka umvakalisi ebhaptiziwe, abadala ababini bafanele badibane naye ukuze bamkhuthaze futhi bamcebise. Omnye wabo badala ufanele abe ngumveleli weqela laloo mvakalisi. Ukuba loo mvakalisi ngumntwana osephantsi kwabazali, umzali okanye abazali bakhe abangamaKristu bafanele babekhona. Loo ntlanganiso ifanele ikhuthaze. Abadala bafanele bathethe ngenkqubela asele eyenzile. Bamcebise ukuba angenza njani ukuze aqhubeke ezifundisa futhi efunda iBhayibhile yonke imihla, enze unqulo lwentsapho veki nganye, aye qho kwiintlanganiso aze abe nenxaxheba, aye nasentsimini veki nganye. (Efe. 5:15, 16) Ukuba akakayigqibi incwadi ethi Isifundisa Ntoni IBhayibhile? nethi Zigcineni Kuthando LukaThixo, abadala bafanele bamfunele umntu oza kumnceda azigqibe. Bafanele bamncome kakhulu. Ngokuqhelekileyo, kuba kuhle ukumluleka nokumcebisa ngento enye okanye ezimbini kuphela.