IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Siyaphi Xa Siswelekile?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • ISAHLUKO 6

      Siyaphi Xa Siswelekile?

      1-3. Yeyiphi imibuzo edla ngokubuzwa ngabantu ngokufa, ibe zithini ezinye iinkonzo xa ziyiphendula?

      IBHAYIBHILE isithembisa ukuba ngeny’ imini ‘ukufa akuzukubakho’ (ISityhilelo 21:4) KwiSahluko  5, sivile ukuba ukusifela kukaYesu kusincede sanethemba lokuphila ngonaphakade. Kodwa abantu basafa. (INtshumayeli 9:5) Le nto yenza sizibuze ukuba, Kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka?

      2 Siye siyifune kakhulu impendulo yalo mbuzo xa siswelekelwe ngumntu esimthandayo. Sinokuzibuza sithi: ‘Uphi ngoku? Uyandibona? Angakwazi ukundinceda? Ndingaze ndiphinde ndimbone?’

      3 Ayifani indlela iinkonzo eziyiphendula ngayo le mibuzo. Ezinye zifundisa ukuba xa ungumntu olungileyo uza kuya ezulwini, xa ungumntu owenza izinto ezimbi uza kutsha esihogweni. Ezinye zithi uba sisinyanya uze uyokuphila nookhokho bakho abaswelekayo. Kanti ezinye iinkonzo zithi emva kokuba uswelekile waza wagwetywa uphinda uzalwe okanye ubuyele ebomini mhlawumbi ungomnye umntu okanye usisilwanyana.

      4. Iinkonzo zithi kwenzeka ntoni xa umntu esweleka?

      4 Kubonakala ingathi iinkonzo zifundisa izinto ezahlukeneyo. Kodwa phantse zonke zithetha into enye. Zifundisa ukuba xa umntu esweleka kukho into eqhubeka iphila. Yinyani leyo?

      SIYAPHI XA SISWELEKILE?

      5, 6. Kwenzeka ntoni kuthi xa siswelekile?

      5 UYehova uyayazi ukuba kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka, ibe usixelela ukuba xa umntu esweleka kuphelile ngaye. Ngoko xa umntu esweleka, indlela ebeziva ngayo nezinto ebezicinga zifa naye.a Xa siswelekile, akukho nto siyibonayo, siyivayo nesiyicingayo.

      6 UKumkani uSolomon wathi abantu “abafileyo abazi nto kwaphela.” Akukho mntu bamthandayo okanye bamcaphukelayo, ibe “akukho msebenzi, nakuceba, nakwazi, nabulumko engcwabeni.” (Funda iNtshumayeli 9:5, 6, 10.) KwiNdumiso 146:4, iBhayibhile isixelela ukuba xa umntu esweleka, “ziyatshabalala iingcinga zakhe.”

      WATHINI UYESU NGOKUFA?

      Umyeni nenkosikazi yakhe bahleli egadini, ibe babuka intyantyambo

      Xa uYehova wayedala abantu wayefuna baphile ngonaphakade emhlabeni

      7. Wathini uYesu ngokufa?

      7 Xa kwasweleka umhlobo wakhe uLazaro, uYesu wathi kubafundi bakhe: “ULazaro umhlobo wethu ulele.” Kodwa uYesu wayengathethi ukuba uLazaro ulele kuba efuna ukuphumla. UYesu waphinda wathi: “ULazaro ufile.” (Yohane 11:11-14) UYesu wayefanisa ukufa nokulala. Zange athi uLazaro uye ezulwini okanye uye kookhokho bakhe abafayo. Zange atsho nokuba utsha esihogweni okanye uza kuphinda azalwe engomnye umntu okanye esisilwanyana. Kwakungathi uLazaro ulele ubuthongo. Zikhona nezinye iZibhalo ezifanisa ukufa nokulala ubuthongo. Xa uYesu wavusa intombi kaYayiro wathi “ayifanga kodwa ilele.”​—Luka 8:52

      8. Sazi njani ukuba uThixo wayengafuni abantu basweleke?

      8 Ngaba xa uThixo wayedala uAdam noEva wayefuna boluphale baze bafe? Hayi! Wayefuna baphile ngonaphakade besempilweni. Xa uYehova wayedala abantu, wabenza babawela ukuphila ngonaphakade. (INtshumayeli 3:11) Abazali abafuni ukubona abantwana babo besaluphala baze bafe, ibe noYehova uziva ngaloo ndlela. Ukuba ke uThixo wayesidalele ukuba siphile ngonaphakade kutheni sisweleka?

      KUTHENI SISWELEKA?

      9. Kutheni umyalelo uThixo awawunika uAdam noEva wawufanelekile?

      9 Kumyezo wase-Eden uYehova wathi kuAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungatya wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungatyi kuwo, kuba mhla uthe watya kuwo ngokuqinisekileyo uza kufa.” (Genesis 2:9, 16, 17) Lo myalelo wawucacile kwaye kungekho nzima ukuwuthobela. Enye into, uYehova wayenelungelo lokuxelela uAdam noEva ukuba yintoni elungileyo nembi. Ukuba babemthobela babeza kubonisa ukuba bayalihlonela igunya lakhe. Babeza kubonisa nokuba bayazibulela zonke izinto abenzele zona.

      10, 11. (a) USathana wamqhatha njani uAdam noEva? (b) Kutheni sisithi bamona ngabom uYehova?

      10 Ngelishwa, uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli uYehova. USathana wathi kuEva: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?” UEva wathi: “Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo. Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi: ‘Nimele ningazityi, ningazichukumisi, kungenjalo niza kufa.’”​—Genesis 3:1-3.

      11 USathana wathi: “Ngokuqinisekileyo anizukufa. UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 3:4-6) USathana wayefuna uEva acinge ukuba wayenokuzigqibela ukuba yintoni elungileyo nembi. Waxoka nangento eyayiza kwenzeka xa uEva engamthobelanga uThixo. Kuba uSathana wayethe akazukufa, uEva wasitya esi siqhamo waza wanika nomyeni wakhe. UAdam noEva babesazi ukuba uThixo wayethe bangasityi esi siqhamo. Kodwa bakhetha ukungawuthobeli umyalelo ocacileyo nongekho nzima. Xa batya eso siqhamo babonisa ukuba babengamhloniphi uTata wabo wasezulwini nobathandayo. Bamona ngabom uThixo.

      12. Kutheni imbi into eyenziwa nguAdam noEva kuYehova?

      12 Imbi into eyenziwa ngabazali bethu bokuqala kuMdali wabo! Ubunokuthini ukuba ubukhulise nzima unyana nentombi yakho, baze bakujikele benze into ubuthe mabangayenzi? Ibiza kukukhathaza nyhani loo nto.

      UAdam xa kwakudalwa

      UAdam wayethathwe eluthini, waza wabuyela eluthulini

      13. Wayethetha ukuthini uYehova xa wathi, “uza kubuyela eluthulini”?

      13 Xa uAdam noEva bengazange bamthobele uYehova, laphela ithemba labo lokuphila ngonaphakade. UYehova wathi kuAdam: “Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.” (Funda iGenesis 3:19.) Wayethetha ukuba uAdam wayeza kuphinda abe luthuli, ibengathi zange wadalwa. (Genesis 2:7) Emva kokuba onile wafa, akabikho.

      14. Kutheni sisifa?

      14 Ukuba uAdam noEva babemthobele uThixo, ngebesaphila nanamhlanje. Xa bengazange bamthobele, bamona baza ekugqibeleni bafa. Isono sifana nesifo esibuhlungu esisifumene kubazali bethu bokuqala. Sonke sizalwa sinesono, ibe yiloo nto sisifa. (Roma 5:12) Kodwa ayonto uThixo awayeyifuna leyo. Wayengafuni abantu bafe, ibe iBhayibhile ithi ukufa ‘lutshaba.’​—1 Korinte 15:26.

      INYANISO IYASIKHULULA

      15. Ukwazi inyaniso ngokufa kusikhulula njani?

      15 Ukwazi inyaniso ngokufa kusikhulula kwizinto ezininzi ebesizikholelwa ezingezizo. IBhayibhile isifundisa ukuba abantu abaswelekileyo abeva zintlungu ibe abakhathazeki. Asinakuthetha nabo ibe nabo abanakuthetha nathi. Asinakubanceda, nabo abanakusinceda. Abanakusenzakalisa, ngoko asimele siboyike. Kodwa, iinkonzo ezininzi zithi kukho indawo abaphila kuyo, ibe sinokubanceda ukuba sinika abefundisi okanye amadoda ekuthiwa angcwele imali. Kodwa xa siyazi inyaniso ngokufa, soze siqhathwe bobu buxoki.

      16. Bobuphi ubuxoki obufundiswa ziinkonzo ezininzi ngabantu abaswelekileyo?

      16 USathana usebenzisa iinkonzo zobuxoki ukuze asiqhathe aze asenze sicinge ukuba abantu abaswelekileyo basaphila. Ngokomzekelo, ezinye iinkonzo zifundisa ukuba xa sisweleka, kukho into kuthi eqhubeka iphila. Ngaba neyakho inkonzo ifundisa loo nto okanye ifundisa into ethethwa yiBhayibhile ngabantu abaswelekileyo? USathana uyaxoka ukuze enze abantu bangamkhonzi uYehova.

      17. Kutheni ubuxoki bokuba abantu batsha esihogweni bulingcolisa igama likaYehova?

      17 Iyothusa into efundiswa ziinkonzo ezininzi. Ngokomzekelo, ezinye zifundisa ukuba abantu abenza izinto ezimbi baza kutsha ngonaphakade esihogweni. Obo buxoki buyalingcolisa igama likaYehova. Soze avumele into embi ngolo hlobo. (Funda eyoku-1 kaYohane 4:8.) Ubunokucinga ntoni ngomntu otshisa izandla zomntwana wakhe xa emoshile? Ubuza kuthi ukhohlakele nyhani. Ubungazukufuna nokuqhelana naye. USathana ufuna sicinge ukuba uYehova unjalo!

      18. Kutheni singamele siboyike abantu abaswelekileyo?

      18 Ezinye iinkonzo zithi xa abantu besweleka baba zizinyanya. Ezo nkonzo zifundisa ukuba kufuneka sizoyike ezi zinyanya kuba zinokuba ngabahlobo okanye iintshaba zethu ezinamandla. Abantu abaninzi bayabukholelwa obo buxoki. Bayaboyika abantu abaswelekileyo, baze bakhonze bona kunokuba bakhonze uYehova. Simele sikhumbule ukuba abantu abaswelekileyo abeva nto, ngoko asimele siboyike. UYehova nguMdali wethu. Kufuneka sikhonze yena yedwa kuba nguye uThixo wokwenene.​—ISityhilelo 4:11.

      19. Kusinceda njani ukwazi inyaniso ngokufa?

      19 Xa siyazi inyaniso ngokufa, soze siqhathwe ziinkonzo zobuxoki. Le nyaniso isiqinisekisa ukuba uYehova uza kusenzela izinto ezintle kungekudala.

      20. Siza kufunda ngantoni kwisahluko esilandelayo?

      20 Omnye umkhonzi kaThixo, uYobhi wakha wathi: “Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?” (Yobhi 14:14) Umntu oswelekileyo angaphinda aphile na? Isivuyisa kakhulu indlela uThixo awuphendula ngayo lo mbuzo eBhayibhileni. Siza kuyiva kwisahluko esilandelayo.

      a Abanye abantu bathi umphefumlo okanye umoya uqhubeka uphila nasemva kokuba umntu eswelekile. Ukuze uve ukuba iBhayibhile ithini ngale nto, funda iSihlomelo 17 no-18.

      IZINTO ESIZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE

      EYOKUQALA: XA UMNTU ESWELEKA, KUPHELILE NGAYE

      “Bona abafileyo abazi nto kwaphela.”​—INtshumayeli 9:5

      Kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka?

      • INdumiso 146:3, 4; INtshumayeli 9:6, 10

        Xa siswelekile, akukho nto siyibonayo, siyivayo nesiyicingayo.

      • Yohane 11:11-14

        UYesu wafanisa ukufa nokulala.

      EYESIBINI: UYEHOVA WAYENGAFUNI ABANTU BASWELEKE

      “Wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungatyi kuwo, kuba mhla uthe watya kuwo, ngokuqinisekileyo uza kufa.”​—Genesis 2:17

      Kutheni sisweleka?

      • Genesis 3:1-6

        USathana wamqhatha uEva ngento eza kwenzeka xa engamthobelanga uThixo. Xa uAdam noEva bengazange bamthobele uYehova, bamona baza ekugqibeleni bafa.

      • Genesis 3:19

        Emva kokuba uAdam onile wafa, akabikho.

      • Roma 5:12

        Isono sifana nesifo esibuhlungu esisifumene kubazali bethu bokuqala. Sonke sizalwa sinesono, ibe yiloo nto sisifa.

      • 1 Korinte 15:26

        IBhayibhile ithi ukufa lutshaba.

      EYESITHATHU: INYANISO ENGOKUFA IYASIKHULULA

      “Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na? Ndiza kulinda . . . de ndikhululeke.”​—Yobhi 14:14

      Kusinceda njani ukwazi inyaniso ngokufa?

      • 1 Yohane 4:8

        Imfundiso yokuba abantu abenza izinto ezimbi baza kutsha ngonaphakade esihogweni iyalingcolisa igama likaYehova. Soze avumele into embi ngolo hlobo.

      • ISityhilelo 4:11

        Abantu abaninzi bayaboyika abantu abaswelekileyo, baze bakhonze bona kunokuba bakhonze uYehova. Kufuneka sikhonze uYehova yedwa kuba nguye uThixo wokwenene.

  • Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa!
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
    • ISAHLUKO 7

      Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa

      1-3. Sigwetywe ntoni, ibe uYehova uza kusikhulula njani?

      MASITHI ugwetywe ubomi ejele ngento ongayenzanga. Akukho themba lokuba uya kuze ukhululwe. Akukho nto unokuyenza ngaloo nto. Uthi usaphelelwe lithemba, uve ukuba kukho umntu onokukukhulula ibe uthembisa ukukunceda. Ungathini?

      2 Sonke sigwetyelwe ukufa. Akukho nto sinokuyenza ngaloo nto. Kodwa uYehova unokusikhulula ekufeni. Usithembisa ukuba “utshaba lokugqibela oluza kupheliswa kukufa.”​—1 Korinte 15:26.

      3 Khawucinge ngendlela oza kukhululeka ngayo xa ungasenaxhala lakufa! UYehova akazukuphelisa nje ukufa. Kodwa uza kuvusa nabantu abaswelekileyo. Khawuyicinge le nto. UYehova uthi: “Abantu benu abafileyo” baza kuphinda baphile.​—Isaya 26:19.

      XA SISWELEKELWE

      4. (a) Yintoni enokusithuthuzela xa siswelekelwe? (b) Yayingoobani abanye babahlobo bakaYesu?

      4 Sikhathazeka kakhulu xa kusweleke umntu kwintsapho yethu okanye siswelekelwe ngumhlobo. Kuba buhlungu ukwazi ukuba akukho nto sinokuyenza ukuze aphinde aphile. Kodwa iBhayibhile iyasithuthuzela. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.) Makhe sithethe ngomzekelo osibonisa indlela uYehova noYesu abakufuna ngayo ukuvusa abantu bethu abaswelekileyo. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wayedla ngokuya kubona uLazaro noodade wabo, uMarta noMariya. Bobathathu babengabahlobo bakaYesu. IBhayibhile ithi: “UYesu wayemthanda uMarta nodadewabo noLazaro.” Kodwa ngenye imini uLazaro wasweleka.​—Yohane 11:3-5.

      5, 6. (a) Wenza ntoni uYesu xa wabona intsapho nabahlobo bakaLazaro bebuhlungu? (b) Kutheni kusithuthuzela ukwazi indlela uYesu aziva ngayo ngokufa?

      5 UYesu waya kuthuthuzela uMarta noMariya. Xa uMarta weva ukuba uYesu uyeza, wamkhawulela. Wavuya xa wabona uYesu, kodwa wathi kuye: “Ukuba ubulapha, umntakwethu ngengafanga.” UMarta wayecinga ukuba uYesu ufike emva kwexesha. Emva koko, uYesu wabona udad’bo Marta, uMariya, ekhala. Xa wabona indlela abakhathazeke ngayo, naye wakhathazeka, waza wakhala. (Yohane 11:21, 33, 35) Wayiva indlela ekuba buhlungu ngayo ukuswelekelwa ngumntu esimthandayo.

      6 Ukwazi ukuba uYesu uyayiqonda indlela esiziva ngayo xa siswelekelwe kuyasithuthuzela. UYesu uyafana noTata wakhe. Ngoko sinokuqiniseka ukuba noTata wakhe uyayiva intlungu yethu. (Yohane 14:9) UYehova unawo amandla okukuphelisa ukufa, kungaze kuphinde kubekho, ibe sele eza kuyenza loo nto.

      “LAZARO, PHUMA!”

      7, 8. Kwakutheni ukuze uMarta angafuni ilitye lisuswe kwingcwaba likaLazaro, kodwa uYesu wenza ntoni?

      7 UYesu wafika kukho ilitye elikhulu kwingcwaba likaLazaro. Wathi: “Susani eli litye.” Kodwa uMarta wayengafuni lisuswe. ULazaro wayesele eneentsuku ezine eswelekile. (Yohane 11:39) UMarta wayengayazi into eza kwenziwa nguYesu ukuze ancede umntakwabo.

      UYesu uvusa uLazaro, ibe intsapho nabahlobo bakhe bayavuya

      Khawucinge indlela ababevuya ngayo abantu bakulo Lazaro nabahlobo bakhe xa wayevuswa.​—Yohane 11:38-44

      8 UYesu wathi kuLazaro: “Phuma!” Iyamangalisa into eyabonwa nguMarta noMariya. “Yaphuma le ndoda yayifile ibotshwe izandla neenyawo ngamalaphu.” (Yohane 11:43, 44) ULazaro wayevusiwe. Wabuyiselwa kwintsapho nakubahlobo bakhe. Babekwazi ukumbamba baze bathethe naye. UYesu wayenze ummangaliso! Wayemvusile uLazaro.

      “NTOMBAZANA, NDITHI KUWE, ‘VUKA!’”

      9, 10. (a) Wayewafumana phi uYesu amandla okuvusa abantu? (b) Kutheni ibalulekile into esiyifunda ngabantu abavuswayo?

      9 Ngaba uYesu wayebavusa ngamandla akhe abantu? Hayi. Ngaphambi kokuba avuse uLazaro, uYesu wathandaza kuYehova, wamcela ukuba amnike amandla okuvusa uLazaro. (Funda uYohane 11:41, 42.) AyingoLazaro yedwa owavuswayo. IBhayibhile ithetha nangentombazana eyayineminyaka eyi-12 eyayigula kakhulu. Utata wayo, uYayiro, wayekhathazeke kakhulu, ibe wamcenga uYesu ukuba ayiphilise. Wayengenaye omnye umntwana. Wathi esathetha noYesu kweza amanye amadoda aza athi: “Intombi yakho iswelekile! Usamhluphelani uMfundisi?” Kodwa uYesu wathi kuYayiro: “Ungakhathazeki, yiba nokholo nje wena, intombi yakho iza kuphila.” Emva koko, baya endlini kaYayiro. Xa babesondela endlini, uYesu weva waza wabona abantu belila. Wathi kubo: “Sanukukhala, kuba intombazana ayifanga kodwa ilele.” Inoba utata nomama wayo babezibuza ukuba uthetha ukuthini. UYesu wathi mabaphume bonke abantu waza wathatha umama notata wayo wabasa kwigumbi eyayikulo le ntombazana. Wabamba isandla sayo waza wathi kuyo: “Ntombazana, ndithi kuwe, ‘Vuka!’” Inoba bavuya nyhani abazali bayo xa yavuka ngoko nangoko le ntombazana yaza yahambahamba! UYesu wayeyivusile intombi yabo. (Marko 5:22-24, 35-42; Luka 8:49-56) Ukususela ngaloo mini, qho xa bebona intombi yabo, babeza kukhumbula into abayenzelwe nguYehova esebenzisa uYesu.a

      10 Abantu abavuswa nguYesu baphinda basweleka ekuhambeni kwexesha. Kodwa ibalulekile into esiyifunda ngaba bantu kuba isenza sibe nethemba. UYehova ufuna ukubavusa abantu, ibe uza kuyenza loo nto.

      KUSIFUNDISA NTONI UKUVUSWA KWABANTU

      UPetros uvusa uDorkas njengoko abantu bebukele

      Umpostile uPetros wavusa ibhinqa elingumKristu uDorkas.​—IZenzo 9:36-42

      Ibhinqa lwanga unyana walo emva kokuba uEliya emvusile

      UEliya wavusa unyana womhlolokazi.​—1 Kumkani 17:17-24

      11. INtshumayeli 9:5 isifundisa ntoni ngoLazaro?

      11 IBhayibhile ithi abantu “abafileyo abazi nto kwaphela.” Kwakunjalo ke nangoLazaro. (INtshumayeli 9:5) Njengokuba uYesu watshoyo, kwakungathi uLazaro ulele. (Yohane 11:11) Xa wayesengcwabeni, uLazaro wayengazi nto “kwaphela.”

      12. Sazi njani ukuba uLazaro wavuka nyhani?

      12 Abantu abaninzi bambona uYesu xa wayevusa uLazaro. Neentshaba zikaYesu zazisazi ukuba uwenzile lo mmangaliso. ULazaro wayephila, ibe le nto yayibonisa ukuba uvusiwe nyhani. (Yohane 11:47) Enye into, abantu abaninzi baya kumbona uLazaro, ibe ngenxa yaloo nto baqalisa ukuyikholelwa into yokuba uYesu uthunywe nguThixo. Iintshaba zikaYesu azizange ziyithande loo nto, ngoko zagqiba ekubeni zimbulale yena noLazaro.​—Yohane 11:53; 12:9-11.

      13. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kubavusa abantu abaswelekileyo?

      13 UYesu wathi “bonke abasemangcwabeni” [“abakumangcwaba enkumbulo,” umbhalo osemazantsi] baza kuvuswa. (Yohane 5:28) Loo nto ithetha ukuba bonke abantu uYehova abakhumbulayo baza kuphinda baphile. Kodwa ukuze uYehova amvuse umntu oswelekileyo kufuneka akhumbule yonke into ngaloo mntu. Unokukwazi ke ukuyenza loo nto? Kukho iibhiliyoni zeenkwenkwezi esibhakabhakeni. IBhayibhile ithi uYehova uzazi zonke ngamagama. (Funda uIsaya 40:26.) Ukuba uzazi zonke ezi nkwenkwezi ngamagama, ngokuqinisekileyo akukho nto angayaziyo ngabo bonke abantu aza kuphinda abavuse. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba uYehova wadala zonke izinto, ngoko siyazi ukuba unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo.

      14, 15. Amazwi kaYobhi asifundisa ntoni ngokuvuswa kwabantu?

      14 Indoda ethembekileyo, uYobhi, yayikholelwa ukuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa. Yabuza yathi: “Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?” Yaza emva koko yathi kuYehova: “Uza kubiza, ndisabele. Uza kukufuna ngamandla ukuphinda uwubone umsebenzi wezandla zakho.” UYobhi wayesazi ukuba uYehova ukufuna nyhani ukuvusa abantu abaswelekileyo.​—Yobhi 14:13-15.

      15 Ithemba lokuvuswa kwabantu abaswelekileyo likwenza uzive njani? Kusenokwenzeka ukuba uyazibuza, ‘Baza kuvuswa nabantu basekhaya nabahlobo bam abaswelekileyo?’ Kusithuthuzela kakhulu ukwazi ukuba uYehova ukufuna nyhani ukubavusa abantu abaswelekileyo. Makhe sibone ukuba iBhayibhile ithi baza kuhlala phi aba bantu baza kuvuswa, ibe ngoobani abaza kuvuswa.

      ‘BAZA KULIVA ILIZWI LAKHE BAZE BAVUKE’

      16. Baza kuphila njani abantu abaza kuvuselwa apha emhlabeni?

      16 Abantu abavuswayo kudala baphinda bahlala neentsapho nabahlobo babo apha emhlabeni. Le nto iza kuphinda yenzeke nakwixesha elizayo, kodwa iza kuba bhetele kunakuqala. Ngoba? Kuba abantu abaza kuvuswa baza kuphila ngonaphakade apha emhlabeni baze bangaphinde basweleke. Izinto azizukufana nangoku. Akuzukubakho mfazwe, ulwaphulo-mthetho nokugula.

      17. Ngoobani abaza kuvuswa?

      17 Ngoobani abaza kuvuswa? UYesu wathi ‘bonke abasemangcwabeni [“abakumangcwaba enkumbulo,” umbhalo osemazantsi] baza kuliva ilizwi lakhe baze bavuke.’ (Yohane 5:28, 29) ISityhilelo 20:13 sithi: “Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba kwabakhupha abantu ababefile.” Iibhiliyoni zabantu ziza kuphinda ziphile. Umpostile uPawulos wathi kuza kuvuswa abantu “abangamalungisa nabangengomalungisa.” (Funda iZenzo 24:15.) Ithetha ukuthini le nto?

      EParadesi, abantu abavusiweyo baphinda bahlala kunye neentsapho nabahlobo babo

      EParadesi, abantu abaswelekileyo baza kuvuswa baze baphinde bahlale neentsapho kunye nabahlobo babo

      18. Ngoobani abantu “abangamalungisa” abaza kuvuswa?

      18 Abanye babantu “abangamalungisa” ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo ababephila ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni. Abantu abanjengoNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uRute noEstere baza kuvuselwa apha emhlabeni. Ungafunda ngabanye babo kumaHebhere isahluko 11. Ngaba baza kuvuka bona abakhonzi bakaYehova abathembekileyo ebebephila kweli xesha lethu? Baza kuvuswa, kuba nabo ‘bangamalungisa.’

      19. Ngoobani abantu “abangengomalungisa”? Leliphi ithuba uYehova aza kubanika lona?

      19 Abanye babantu “abangengomalungisa” ziibhiliyoni zabantu abangazange balifumane ithuba lokumazi uYehova. Nangona beswelekile, uYehova akabalibelanga. Uza kubavusa baze babe nethuba lokufunda ngaye baze bamkhonze.

      20. Kutheni kungazokuvuswa wonke umntu?

      20 Ngaba le nto ithetha ukuba bonke abantu abaswelekileyo baza kuvuswa? Ayithethi loo nto. UYesu wathi bakhona abantu abangazukuvuswa. (Luka 12:5) Ngubani oza kwenza isigqibo sokuba umntu avuswe okanye angavuswa? NguYehova oyena mntu ukwaziyo ukugweba kakuhle, ibe nguye omele enze isigqibo sokugqibela. Kodwa ulinike uYesu igunya lokuba “ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.” (IZenzo 10:42) Ukuba kuthe xa kugwetywa kwabonwa ukuba umntu akazimiselanga ukuguquka, ibe ungumntu owenza izinto ezimbi, akazukuvuswa.​—Funda iSihlomelo 19.

      ABANTU ABAZA KUVUSWELWA EZULWINI

      21, 22. (a) Baza kuvuswa benomzimba onjani abantu abaza kuvuselwa ezulwini? (b) Yayingubani umntu wokuqala owavuselwa ezulwini?

      21 IBhayibhile isixelela nokuba abanye abantu baza kuphila ezulwini. Xa umntu evuselwa ezulwini, akavuswa enomzimba wenyama. Uvuselwa ezulwini engumoya.

      22 UYesu waba ngumntu wokuqala owavuselwa ezulwini. (Yohane 3:13) Kwiintsuku ezintathu emva kokuba ebulewe, uYehova wamvusa. (INdumiso 16:10; IZenzo 13:34, 35) UYesu akazange avuswe enomzimba wenyama. Umpostile uPetros uthi “wabulawa enomzimba wenyama, waza wavuswa enomzimba womoya.” (1 Petros 3:18) UYesu wavuswa enomzimba womoya ibe enamandla! (1 Korinte 15:3-6) Kodwa iBhayibhile ithi yayingazukuba nguye yedwa.

      23, 24. Ngoobani abantu ‘abangumhlambi omncinci’ uYesu awathetha ngabo, ibe baza kuba bangaphi?

      23 Ngaphambi nje kokuba asweleke, uYesu wathi kubapostile bakhe abathembekileyo: “Ndiyahamba ndiyokunilungiselela indawo.” (Yohane 14:2) Le nto ithetha ukuba abanye abalandeli bakhe babeza kuvuselwa ezulwini baze baphile naye. Babeza kuba bangaphi? UYesu wathi iza kuba ngabantu abambalwa, ‘umhlambi omncinci.’ (Luka 12:32) Umpostile uYohane walichaza inani xa wabona uYesu ‘emi phezu kweNtaba YeZiyon [yasezulwini], emi kunye nabantu abayi-144 000.’​—ISityhilelo 14:1.

      24 Ayeza kuvuswa nini amaKristu ayi-144 000? IBhayibhile yathi le nto yayiza kwenzeka emva kokuba uKristu eqalise ukulawula ezulwini. (1 Korinte 15:23) Siphila kwelo xesha kanye ngoku, ibe abantu abaninzi kweli nani le-144 000 sele bevuselwe ezulwini. Abo baselapha emhlabeni baze basweleke kweli xesha lethu baza kuvuselwa ezulwini ngoko nangoko. Kodwa ke, abantu abaninzi baza kuvuselwa kwiParadesi eza kube ilapha emhlabeni kwixesha elizayo.

      25. Siza kufunda ngantoni kwisahluko esilandelayo?

      25 UYehova sele eza kubakhulula bonke abantu ekufeni, ibe ukufa akusoze kuphinde kubekho! (Funda uIsaya 25:8.) Kodwa baza kwenza ntoni bona abantu abaya ezulwini? IBhayibhile ithi baza kulawula kunye noYesu kuBukumkani basezulwini. Siza kufunda ngobo Bukumkani kwisahluko esilandelayo.

      a IBhayibhile iyathetha nangabanye abantu abavuswayo abancinci nabadala, amadoda namabhinqa, amaSirayeli nabantu basemzini. Ungafunda ngabo kweyoku- 1 yooKumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:32-37; 13:20, 21; Mateyu 28:5-7; Luka 7:11-17; IZenzo 9:36-42; 20:7-12.

      IZINTO ESIZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE

      EYOKUQALA: UYEHOVA UZA KUKUPHELISA UKUFA

      “Utshaba lokugqibela oluza kupheliswa kukufa.”​—1 Korinte 15:26

      Isithuthuzela njani iBhayibhile xa siswelekelwe?

      • 2 Korinte 1:3, 4

        Xa kusweleke umntu kwintsapho yethu okanye umhlobo wethu, sikhathazeka kakhulu. IBhayibhile iyasithuthuzela.

      • Isaya 25:8; 26:19

        UYehova unamandla okukuphelisa ukufa kungaze kuphinde kubekho. Uza kubavusa nabantu abaswelekileyo.

      EYESIBINI: SINOKUQINISEKA UKUBA ABANTU BAZA KUVUSWA

      “Ntombazana, ndithi kuwe, ‘Vuka!’”​—Marko 5:41

      Kutheni sinokuqiniseka ukuba abantu baza kuvuswa?

      • Yohane 11:1-44

        UYesu wavusa uLazaro.

      • Marko 5:22-24, 35-42

        UYesu wavusa intombazana.

      • Yohane 11:41, 42

        UYesu wavusa abantu abaswelekileyo ngamandla kaYehova.

      • Yohane 12:9-11

        Abantu abaninzi bambona uYesu xa wayevusa abantu abaswelekileyo. Neentshaba zakhe zazisazi ukuba uyakwazi ukuyenza loo nto.

      EYESITHATHU: UYEHOVA UZA KUVUSA IIBHILIYONI ZABANTU

      “Uza kubiza, ndisabele. Uza kukufuna ngamandla ukuphinda uwubone umsebenzi wezandla zakho.”​—Yobhi 14:13-15

      Ngoobani abaza kuvuswa?

      • Yohane 5:28, 29

        UYehova uyabakhumbula bonke abantu afuna ukubavusa.

      • IZenzo 24:15

        Kuza kuvuswa abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.

      • Isaya 40:26

        UYehova uzazi ngamagama azo zonke iinkwenkwezi, ngoko unokukhumbula yonke into ngabantu aza kubavusa.

      EYESINE: ABANYE ABANTU BAVUSELWA EZULWINI

      “Ndiyahamba ndiyokunilungiselela indawo.”​—Yohane 14:2

      Ngoobani abavuselwa ezulwini?

      • 1 Petros 3:18

        UYesu wayengumntu wokuqala ukuya ezulwini emva kokuba evusiwe.

      • Luka 12:32

        UYesu wathi ngabalandeli bakhe abambalwa abaza kuvuselwa ezulwini.

      • ISityhilelo 14:1

        UYehova ukhethe abantu abayi-144 000 ukuba baphile ezulwini.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share