Intshayelelo Yecandelo 7
Eli candelo lithetha ngobomi beminyaka emalunga neyi-80 bukaKumkani uSawule nobukaKumkani uDavide. Ekuqaleni, uSawule wayethobekile futhi emoyika uThixo, kodwa watshintsha, akalulandela ulwalathiso lukaYehova. UYehova wamshiya, waza ekuhambeni kwexesha wayalela uSamuweli ukuba athambise uDavide, abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli. USawule owayenomona wazama amaxesha amaninzi ukubulala uDavide, kodwa yena uDavide zange aphindezele. Unyana kaSawule, uYonatan wayesazi ukuba uDavide ukhethwe nguYehova, ngoko wanyaniseka kuDavide. UDavide wenza izono ezinzulu, kodwa wasithobela isohlwayo sikaYehova. Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho abone ukubaluleka kokusoloko exhasa amalungiselelo kaThixo.