IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
    • Isifundo 31. UYesu Kristu unguKumkani wasezulwini, uphambi kozuko lukaYehova.

      ISIFUNDO 31

      Yintoni UBukumkani BukaThixo?

      Eyona nto ibalulekileyo ithetha ngayo iBhayibhile buBukumkani BukaThixo. UYehova uza kusebenzisa obo Bukumkani ukuze umhlaba ube yile nto wayefuna ube yiyo kwasekuqaleni. Yintoni uBukumkani? Sazi njani ukuba buyalawula? Yintoni obusele buyenzile? Buza kwenza ntoni kwixesha elizayo? Esi sifundo, nezibini ezilandelayo ziza kuyiphendula loo mibuzo.

      1. Yintoni uBukumkani BukaThixo, ibe ngubani uKumkani wabo?

      UBukumkani ngurhulumente obekwe nguYehova uThixo. UKumkani wabo, uYesu Kristu, ulawula esezulwini. (Mateyu 4:17; Yohane 18:36) IBhayibhile ithi ngaye: “Uza kuba nguKumkani aze alawule . . . ngonaphakade.” (Luka 1:32, 33) Kuba enguKumkani woBukumkani BukaThixo, uYesu uza kulawula wonke umntu osemhlabeni.

      2. Ngoobani abalawula noYesu?

      UYesu akalawuli yedwa. Abantu bazo “zonke izizwe, iilwimi, abantu neentlanga, . . . baza kuba ngookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10) Bangaphi abantu abaza kulawula noKristu? Ukususela kwixesha uYesu aweza ngalo apha emhlabeni, amaKristu amaninzi aye aba ngabalandeli bakhe. Kodwa ayi-144 000 qha aya ezulwini ukuze alawule naye. (Funda iSityhilelo 14:1-4.) Onke amanye amaKristu asemhlabeni aza kulawulwa buBukumkani.​—INdumiso 37:29.

      3. Kutheni uBukumkani BukaThixo bubhetele kunoorhulumente babantu?

      Abalawuli abangabantu bayazama ukwenza izinto ezilungileyo. Kodwa abanawo amandla okwenza zonke izinto abazifunayo. Endaweni yabo, kuye kungene abanye abalawuli ekusenokwenzeka ukuba bazicingela bodwa nabasenokungafuni ukunceda abanye. Kodwa akukho mntu uya kuze angene endaweni yoMlawuli woBukumkani BukaThixo, uYesu. UThixo ‘umise ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe.’ (Daniyeli 2:44) UYesu uza kulawula umhlaba wonke, ibe akazokukhetha abantu abathile kunabanye. Uyabathanda abantu, ubaphatha kakuhle, unabo nobubele. Uza kufundisa abantu ukuba babe njalo nabo, babathande abanye, babaphathe kakuhle baze babe nobubele kubo.​—Funda uIsaya 11:9.

      FUNDA NEZINYE IZINTO

      Funda ukuba kutheni uBukumkani BukaThixo bubhetele kunoorhulumente babantu.

      UYesu Kristu ulawula umhlaba ekwitrone yakhe yasezulwini. Abantu abalawula naye basemva kwakhe. Emva kwabo, kukho ukukhanya kukaYehova.

      4. Urhulumente onamandla uza kulawula umhlaba wonke

      UYesu Kristu unamandla okulawula ngaphezu kwabo bonke abanye abantu abakhe balawula. Funda uMateyu 28:18, nize nincokole ngalo mbuzo:

      • Kwenzeka njani ukuba uYesu abe namandla okulawula ngaphezu kwakhe nawuphi na umlawuli ongumntu?

      Oorhulumente babantu batshintsha qho, ibe abalawuli umhlaba wonke. UBukumkani BukaThixo bona bunjani? Funda uDaniyeli 7:14, nize nincokole ngale mibuzo:

      • Kutheni kuziindaba ezimnandi ukwazi ukuba uBukumkani BukaThixo “abuzukutshatyalaliswa”?

      • Kutheni kuziindaba ezimnandi ukwazi ukuba buza kulawula umhlaba wonke?

      5. Oorhulumente babantu bamele bapheliswe

      Kutheni uBukumkani BukaThixo bumele bungene endaweni yoorhulumente babantu? Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngalo mbuzo.

      IVIDIYO: Yintoni UBukumkani BukaThixo?​—Emfutshane (1:41)

      • Ziintoni eziye zenzeka ngeli xesha kulawula oorhulumente babantu?

      Funda iNtshumayeli 8:9, nize nincokole ngale mibuzo:

      • Ngaba ucinga ukuba uBukumkani BukaThixo bumele bungene endaweni yoorhulumente babantu? Kutheni usitsho?

      6. UBukumkani BukaThixo bunabalawuli abaziqonda kakuhle izinto ezenzeka kuthi

      UKumkani wethu, uYesu, “uyavelana nobuthathaka bethu,” kuba wakhe wangumntu. (Hebhere 4:15) Akhethwe nguYehova amadoda namabhinqa athembekileyo ayi-144 000 aza kulawula noYesu, ibe aphuma “kuzo zonke izizwe, iilwimi, abantu neentlanga.”​—ISityhilelo 5:9.

      • Ngaba kuyakuthuthuzela ukwazi ukuba uYesu nabo bonke abantu aza kulawula nabo bayayiqonda indlela esiziva ngayo neengxaki esinazo? Kutheni usitsho?

      Amadoda namabhinqa athanjisiweyo awayephila ngamaxesha angafaniyo nakwiindawo ezingafaniyo.

      UYehova ukhethe amadoda namabhinqa asuka kwiindawo ngeendawo ukuba alawule noYesu

      7. UBukumkani BukaThixo bunemithetho ebhetele kuneyoorhulumente babantu

      Oorhulumente benza imithetho abacinga ukuba iza kunceda ize ikhusele abantu. NoBukumkani BukaThixo bunemithetho abamele bayithobele abantu abalawulwa bubo. Funda 1 Korinte 6:9-11, nize nincokole ngale mibuzo:

      • Ucinga ukuba kuza kuba njani apha emhlabeni xa bonke abantu bethobela imithetho kaThixo?a

      • Ngaba ucinga ukuba uYehova ufanele alindele abantu abalawulwa buBukumkani bakhe ukuba bayithobele imithetho yakhe? Kutheni usitsho?

      • Yintoni ebonisa ukuba abantu abangayithobeliyo le mithetho bangatshintsha?​—Jonga ivesi 11.

      Ipolisa limisa iimoto kwindlela ephithizelayo ewela abantu. Abantu abangalinganiyo bayawela.

      Oorhulumente benza imithetho ukuze bakhusele baze bancede abantu. UBukumkani BukaThixo bunemithetho ebhetele kakhulu ekhusela ize incede abantu abalawulwa bubo

      ABANYE ABANTU BATHI: “UBukumkani yinto esentliziyweni.”

      • Uthini wena?

      UFUNDE NTONI?

      UBukumkani BukaThixo ngurhulumente wokwenene osezulwini oza kulawula umhlaba wonke.

      Khawutsho

      • Ngoobani abalawuli boBukumkani BukaThixo?

      • Kutheni uBukumkani BukaThixo bubhetele kunoorhulumente babantu?

      • Zeziphi ezinye zezinto uYehova azilindeleyo ebantwini abalawulwa buBukumkani bakhe?

      Into Endizimisele Ukuyenza

      JONGA NEZI ZINTO

      Funda ukuba uYesu wathi buphi uBukumkani.

      “Ngaba UBukumkani BukaThixo Busentliziyweni Yakho?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

      Kutheni amaNgqina KaYehova esithi ukunyaniseka kuBukumkani BukaThixo kokona kubalulekileyo kunokunyaniseka koorhulumente babantu?

      Azinikele KuBukumkani BukaThixo (1:43)

      Funda ukuba iBhayibhile ithini ngabantu abayi-144 000 abakhethwe nguYehova ukuba balawule noYesu.

      “Ngoobani Abaya Ezulwini?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

      Yintoni eyenza elinye ibhinqa elalivalelwe laqonda ukuba nguThixo qha oza kwenza kubekho ubulungisa emhlabeni?

      “Indlela Endayifumana Ngayo Impendulo Ngokungabikho Kokusesikweni” (Vukani!, Novemba 2011)

      a Kuza kuthethwa ngeminye imithetho kwiCandelo 3.

  • UBukumkani BukaThixo Buyalawula
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
    • Isifundo 32. UYesu Kristu unguKumkani ezulwini uphethe intonga, ibe ulawula emhlabeni.

      ISIFUNDO 32

      UBukumkani BukaThixo Buyalawula

      UBukumkani BukaThixo baqala ukulawula ezulwini ngo-1914. Yaqala ngelo xesha nemihla yokugqibela yokulawula kwabantu. Siyazi njani loo nto? Siza kuthetha ngento iBhayibhile eyathi iza kwenzeka, izinto ezenzekayo ngoku emhlabeni nendlela abantu ebebezenza ngayo izinto ukususela ngo-1914.

      1. IBhayibhile yathi kuza kwenzeka ntoni?

      Incwadi yeBhayibhile, uDaniyeli, yabonisa ukuba uBukumkani BukaThixo babuza kuqalisa ukulawula ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe.’ (Daniyeli 4:16, 17) Kwiminyaka emininzi emva koko, uYesu wathi xa ethetha ngelo xesha, ‘lixesha ezilinikiweyo iintlanga,’ waza wafundisa nokuba lalingekapheli. (Luka 21:24) Njengokuba siza kubona, amaxesha asixhenxe aye aphela ngo-1914.

      2. Ziintoni eziye zenzeka emhlabeni, ibe abantu baye baziphatha njani ukususela ngo-1914?

      Abafundi bakaYesu bambuza ukuba: “Ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa ukho naxa sekuza kupheliswa ihlabathi?” (Mateyu 24:3) Xa uYesu wayebaphendula, wachaza ukuba zininzi izinto ezaziza kwenzeka emva kokuba eqalise ukulawula njengoKumkani woBukumkani BukaThixo ezulwini. Ezinye zezi zinto ziimfazwe, indlala neenyikima. (Funda uMateyu 24:7.) IBhayibhile yatsho kwakudala ukuba kwakuza kuba ‘nzima ukuyinyamezela’ indlela abantu ababeza kuziphatha ngayo “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1-5) Ezi zinto zenzekayo ngoku emhlabeni nendlela abantu abaziphethe ngayo, yaqalisa ukubonakala nakakhulu ukususela ngo-1914.

      3. Kutheni izinto ziye zambi kangaka emva kokuba uBukumkani BukaThixo buqalise ukulawula?

      Emva nje kokuba uYesu enguKumkani woBukumkani BukaThixo, waba kwimfazwe noSathana needemon zakhe. USathana woyiswa kuloo mfazwe. IBhayibhile ithi: “Waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.” (ISityhilelo 12:9, 12) USathana unomsindo kakhulu kuba uyayazi ukuba uza kutshatyalaliswa. Yiloo nto esenza abantu behlelwe zizinto ezibuhlungu emhlabeni wonke. Le nto isinceda siqonde ukuba kutheni izinto zimbi kangaka emhlabeni. UBukumkani BukaThixo buza kuzilungisa zonke ezo zinto.

      FUNDA NEZINYE IZINTO

      Jonga ukuba siyazi njani into yokuba uBukumkani BukaThixo baqala ukulawula ngo-1914 nokuba loo nto iza kusinceda njani.

      4. Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914

      Dlala IVIDIYO.

      IVIDIYO: UBukumkani BukaThixo Baqala Ukulawula Ngo-1914 (5:02)

      UThixo wabangela uKumkani waseBhabhiloni, uNebhukadenetsare, aphuphe ngento eyayiza kwenzeka. Elo phupha, nendlela uDaniyeli awalichaza ngayo, yabonisa ukuba lithetha ngobukumkani bukaNebhukadenetsare nangoBukumkani BukaThixo.​—Funda uDaniyeli 4:17.a

      Funda uDaniyeli 4:20-26, emva koko usebenzise itshathi ukuze uphendule le mibuzo:

      • (A) Wabona ntoni uNebhukadenetsare ephupheni lakhe?—Jonga ivesi 20 no-21.

      • (B) Yintoni eyayiza kwenzeka emthini?​—Jonga ivesi 23.

      • (C) Kwakuza kwenzeka ntoni ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe’?​—Jonga ivesi 26.

      Iphupha Lomthi Lidibana Njani NoBukumkani BukaThixo?

      ISIPROFETO (Daniyeli 4:20-36)

      Ulawulo

      (A) Umthi omkhulu

      Umthi omde kakhulu.

      Ulawulo luyaphazanyiswa

      (B) “Wugawuleni loo mthi,” kuze “kugqithe amaxesha asixhenxe”

      Indawo esezantsi emthini ibotshwe ngentsimbi nangobhedu.

      Ulawulo luyabuyiselwa

      (C) “Ubukumkani bakho buza kuphinda bube bobakho”

      Umthi omde kakhulu.

      Xa yayiqala ukwenzeka into ekwakuprofetwe ngayo . . .

      • (D) Umthi wawumela bani?​—Jonga ivesi 22.

      • (E) Lwaphazamiseka njani ulawulo lwakhe?​—Funda uDaniyeli 4:29-33.

      • (F) Kwenzeka ntoni kuNebhukadenetsare ekupheleni ‘kwamaxesha asixhenxe’?​—Funda uDaniyeli 4:34-36.

      XA YAYIQALA UKWENZEKA INTO EKWAKUPROFETWE NGAYO

      Ulawulo

      (D) UNebhukadenetsare, uKumkani waseBhabhiloni

      UKumkani uNebhukadenetsare umile uzithembile.

      Ulawulo luyaphazanyiswa

      (E) Emva ko-606 B.C.E., uNebhukadenetsare umkelwa ziingqondo aze angakwazi ukulawula kangangeminyaka esixhenxe

      UNebhukadenetsare uhleli phantsi, utya ingca ingathi sisilwanyana.

      Ulawulo luyabuyiselwa

      (F) UNebhukadenetsare ubuyela ezingqondweni aze aphinde alawule

      UKumkani uNebhukadenetsare ujonge ezulwini ibe uphakamise izandla.

      Xa yayisenzeka okwesibini into ekwakuprofetwe ngayo . . .

      • (G) Umthi wawumela oobani?​—Funda 1 Kronike 29:23.

      • (H) Ulawulo lwabo lwaphazamiseka njani? Sazi njani ukuba babengalawuli xa uYesu wayelapha emhlabeni?​—Funda uLuka 21:24.

      • (I) Lwabuyiselwa nini olu lawulo, ibe lwabuyiselwa phi?

      XA YAYISENZEKA OKWESIBINI INTO EKWAKUPROFETWE NGAYO

      Ulawulo

      (G) Ookumkani bakwaSirayeli abamela ulawulo lukaThixo

      Ookumkani bakwaSirayeli bahleli kwiitrone, omnye emva komnye ngokokulandelelana kokulawula kwabo. Kukho ukukhanya okuphezu kwabo.

      Ulawulo luyaphazanyiswa

      (H) Kutshatyalaliswa iYerusalem, ibe loo nto iphazamisa ulawulo lookumkani bakwaSirayeli kangangeminyaka eyi-2 520

      Umlilo utshabalalisa iYerusalem ngo-607 B.C.E. Emva koko, kuphela iminyaka eyi-2 520.

      Ulawulo luyabuyiselwa

      (I) UYesu uqalisa ukulawula ezulwini njengoKumkani woBukumkani BukaThixo

      UYesu ulawula emhlabeni ekwitrone yakhe esezulwini ngo-1914 C.E. Kukho ukukhanya okuqaqambayo kuye.

      Lide kangakanani ithuba elingamaxesha asixhenxe?

      Ezinye iindawo eBhayibhileni zisinceda siqonde ezinye. Ngokomzekelo, incwadi yeBhayibhile, iSityhilelo, ithi amaxesha amathathu anehafu alingana neentsuku eziyi-1 260. (ISityhilelo 12:6, 14) Amaxesha asixhenxe aliphinda-phinda kabini eli nani, okanye libe ziintsuku eziyi-2 520. Ngamanye amaxesha, xa iBhayibhile ithetha ngosuku, ithetha ngonyaka. (Hezekile 4:6) Kunjalo ke nangamaxesha asixhenxe ekuthethwa ngawo kwincwadi kaDaniyeli, amela iminyaka eyi-2 520.

      5. Ihlabathi latshintsha ukususela ngo-1914

      Dlala IVIDIYO.

      IVIDIYO: Ukususela Ngo-1914, Ihlabathi Latshintsha (1:10)

      UYesu wazichaza kwakudala ukuba izinto ziza kuba njani emhlabeni emva kokuba enguKumkani. Funda uLuka 21:9-11, nize nincokole ngalo mbuzo:

      • Zeziphi izinto ekwakuthiwe ziza kwenzeka osele uzibonile wena okanye uvile ngazo?

      Umpostile uPawulos wachaza ukuba abantu baza kuba njani ngemihla yokugqibela xa kulawula oorhulumente babantu. Funda 2 Timoti 3:1-5, nize nincokole ngalo mbuzo:

      • Ngaba sele ubabonile abantu abenza izinto ngale ndlela ichazwe kwezi vesi?

      Imifanekiso: Kuboniswa indlela izinto ezenzeka ngayo emhlabeni ngemihla yokugqibela. 1. Inkokheli yamajoni ime eqongeni ithethela phezulu, ibe iziphakamisile iingalo zayo. 2. Amajoni ayalwa emfazweni. 3. Iinqwelo-moya zamajoni. 4. Abantu abaninzi abanxibe iimask bahamba phandle. 5. IiTwin Towers eNew York ziyatsha. 6. Indoda isebenzisa iziyobisi. 7. Indoda iphakamise inqindi ingxolisa umfazi wayo. 8. Iziyobisi ezahlukahlukeneyo notywala obungafaniyo. 9. Amabhinqa amabini anxibe iimpahla ezithandwayo nezinto ezithandwayo ayazifota. 10. Umntu ukhokela abantu abaninzi kwikhonsati. 11. Umntu otoy-toyayo ulahla idrink.

      6. Bonisa ukuba uyayikholelwa into yokuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku

      Funda uMateyu 24:3, 14, nize nincokole ngale mibuzo:

      • Ngowuphi umsebenzi obalulekileyo owenziwayo obonisa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku?

      • Ungancedisa njani kulo msebenzi?

      UBukumkani BukaThixo buyalawula, ibe seyisondele imini obuza kuqalisa ngayo ukulawula umhlaba wonke. Funda amaHebhere 10:24, 25, nize nincokole ngalo mbuzo:

      • Yintoni esimele siyenze njengoko sibona ukuba “imini iyasondela”?

      Imifanekiso: 1. Umntu ofundelwa iBhayibhile uya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova. 2. Kwalaa mntu ufundelwayo ushumayela kumntu amaziyo.

      Ukuba kukho into obuyazi ebinokunceda ize isindise abanye abantu, ubuza kwenza ntoni?

      UKUBA UMNTU UTHI: “Kutheni amaNgqina KaYehova ethetha kakhulu ngo-1914?”

      • Ungamphendula njani?

      UFUNDE NTONI?

      Isiprofeto seBhayibhile, amaxesha nezinto ezenzekayo namhlanje emhlabeni, zibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula. Sibonisa ukuba siyazikholelwa ezi zinto ngokushumayela ngazo nangokuya kwiintlanganiso zebandla.

      Khawutsho

      • Kwenzeka ntoni ekupheleni kwamaxesha asixhenxe ekwathethwa ngawo kwincwadi yeBhayibhile, uDaniyeli?

      • Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba uBukumkani BukaThixo baqalisa ukulawula ngo-1914?

      • Ungabonisa njani ukuba uyakholelwa ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula ngoku?

      Into Endizimisele Ukuyenza

      JONGA NEZI ZINTO

      Funda ukuba abantu ababhala ngembali nabanye abantu bathini ngokutshintsha kwezinto emhlabeni ukususela ngo-1914.

      “Xa Imilinganiselo Yokuziphatha Yawohloka Ngendlela Ephawulekayo” (Vukani!, Aprili 2007)

      Funda ukuba isiprofeto esikuMateyu 24:14 sabutshintsha njani ubomi benye indoda.

      “Ayikho Into Endandiyithanda Njengebaseball!” (IMboniselo No. 3 2017)

      Siyazi njani into yokuba isiprofeto esikuDaniyeli isahluko 4 sithetha ngoBukumkani BukaThixo?

      “Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yoku-1)” (IMboniselo, Oktobha 1, 2014)

      Yintoni ebonisa ukuba “amaxesha asixhenxe” ekuthethwa ngawo kuDaniyeli isahluko 4 aphela ngo-1914?

      “Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo? (Inxalenye Yesi-2)” (IMboniselo, Novemba 1, 2014)

      a Jonga amanqaku okugqibela amabini akwindawo ethi “Jonga Nezi Zinto” kwesi sifundo.

  • Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
    • Isifundo 33. Abantu abahlala kwiparadesi esemhlabeni.

      ISIFUNDO 33

      Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

      UBukumkani BukaThixo sebulawula. Sebuza kutshintsha izinto ezininzi emhlabeni. Makhe sithethe ngezinye izinto ezivuyisayo eziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani BukaThixo.

      1. UBukumkani BukaThixo buza kuluzisa njani uxolo nobulungisa emhlabeni?

      UYesu, uKumkani woBukumkani BukaThixo, uza kutshabalalisa bonke abantu abenza izinto ezimbi noorhulumente ngemfazwe yeArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Ngelo xesha, isithembiso esivela eBhayibhileni, esithi: “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi,” siza kwenzeka. (INdumiso 37:10) UYesu uza kusebenzisa uBukumkani ukuze aqiniseke ukuba akukho ndawo ingenaluxolo nobulungisa emhlabeni.​—Funda uIsaya 11:4.

      2. Buza kuba njani ubomi xa kusenziwa ukuthanda kukaThixo emhlabeni?

      Xa kulawula uBukumkani BukaThixo, “umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Yiba ngathi uyazibona, uphila kumhlaba onabantu abenza izinto ezilungileyo, abathanda uYehova nabathandanayo! Akukho mntu uza kugula. Bonke abantu baza kuphila ngonaphakade.

      3. Buza kwenza ntoni uBukumkani BukaThixo emva kokuba abantu abenza izinto ezimbi betshatyalalisiwe?

      Emva kokuba abantu abenza izinto ezimbi betshatyalalisiwe, uYesu uza kuba nguKumkani kangangeminyaka eyi-1 000. Ngelo xesha, yena nabantu abaza kulawula kunye naye abayi-144 000, baza kunceda abantu abasemhlabeni bangabi nasono. Xa iphela iminyaka eyi-1 000, umhlaba wonke uza kuba yiparadesi entle, ibe bonke abantu baza konwaba kuba baza kube bethobela imithetho kaYehova. Emva koko, uYesu uza kubuyisela uBukumkani kuTata wakhe, uYehova. Liza ‘kungcwaliswa igama’ likaYehova ngendlela elingazange lingcwaliswe ngayo. (Mateyu 6:9, 10) Iza kube yenziwe yacaca into yokuba uYehova nguMlawuli olungileyo nobakhathaleleyo abantu abalawulayo. Emva koko, uYehova uza kumtshabalalisa uSathana, iidemon zakhe, kunye nabanye abantu abakhetha ukujikela ulawulo lwakhe. (ISityhilelo 20:7-10) Izinto ezintle eziza kwenzeka ngenxa yoBukumkani BukaThixo, ziza kwenzeka ngonaphakade.

      FUNDA NEZINYE IZINTO

      Funda ukuba kutheni sinokumthemba uThixo ukuba uza kusebenzisa uBukumkani ukuze enze zonke izinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka.

      4. UBukumkani BukaThixo buza kubaphelisa oorhulumente babantu

      Xa “umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.” (INtshumayeli 8:9) UYehova uza kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze alungise wonke umonakalo obangelwe yiloo nto.

      Funda uDaniyeli 2:44 nama-2 Tesalonika 1:6-8, nize nincokole ngale mibuzo:

      • UYehova noYesu baza kwenza ntoni koorhulumente babantu nakwabo babaxhasayo?

      • Izinto ozifundileyo ngoYehova noYesu zikuqinisekisa njani ukuba izinto abaza kuzenza ziza kunceda wonke umntu?

      UYesu unguKumkani wasezulwini ibe ulawula emhlabeni.

      5. UYesu ngoyena Kumkani ubhetele

      Kuba uYesu enguKumkani woBukumkani BukaThixo, uza kwenza izinto ezininzi ukuze ancede abantu emhlabeni. Dlala IVIDIYO ukuze ubone ukuba uYesu uyakufuna ukunceda abantu nokuba uThixo umnike amandla okuyenza loo nto.

      IVIDIYO: UYesu Wabonisa Ukuba Buza Kwenza Ntoni UBukumkani (1:13)

      Izinto uYesu awayezenza xa wayelapha emhlabeni zazibonisa izinto eziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani. Zeziphi iintsikelelo ekuthethwe ngazo apha ofuna kakhulu ukuba zenzeke? Funda iivesi ezisinceda sifunde nakakhulu ngezo ntsikelelo.

      XA WAYELAPHA EMHLABENI, UYESU . . .

      ESEZULWINI, UYESU . . .

      • walawula imozulu.​—Marko 4:36-41.

      • uza kulungisa wonke umonakalo owenziweyo kumhlaba wethu.​—Isaya 35:1, 2.

      • wondla abantu abaninzi ngokungummangaliso.​—Mateyu 14:17-21.

      • uza kuphelisa indlala emhlabeni wonke.​—INdumiso 72:16.

      • waphilisa abantu abaninzi ababegula.​—Luka 18:35-43.

      • uza kuqiniseka ukuba bonke abantu basempilweni.​—Isaya 33:24.

      • wavusa abantu abaswelekileyo.​—Luka 8:49-55.

      • uza kuphelisa zonke izinto ezenziwa kukufelwa.​—ISityhilelo 21:3, 4.

      6. UBukumkani BukaThixo buza kusenza siphile kamnandi kwixesha elizayo

      UBukumkani buza kwenza abantu baphile ubomi obumnandi uYehova awayefuna babuphile. Baza kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Dlala IVIDIYO ukuze ubone indlela uYehova amsebenzisa ngayo uNyana wakhe, uYesu, ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe.

      IVIDIYO: Sikrotyiswa Kubomi Obungcono Obuzayo (4:38)

      Funda iNdumiso 145:16, nize nincokole ngalo mbuzo:

      • Kukwenza uzive njani ukwazi ukuba uYehova uza ‘kwanelisa umnqweno wayo yonke into ephilayo’?

      ABANYE ABANTU BATHI: “Ukuba sonke siyasebenzisana, singazilungisa iingxaki esinazo emhlabeni.”

      • Zeziphi iingxaki oorhulumente babantu abangakwaziyo ukuzilungisa eziza kulungiswa buBukumkani BukaThixo?

      UFUNDE NTONI?

      UBukumkani BukaThixo buza kwenza izinto ezifunwa nguThixo. Buza kutshintsha umhlaba wonke ube yiparadesi enabantu abaza kukhonza uYehova ngonaphakade.

      Khawutsho

      • UBukumkani BukaThixo buza kulingcwalisa njani igama likaYehova?

      • Kutheni simele sikholelwe ukuba uBukumkani BukaThixo buza kuzenza zonke izinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka?

      • Kuzo zonke izinto eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo, yeyiphi wena ofuna kakhulu ukuyibona?

      Into Endizimisele Ukuyenza

      JONGA NEZI ZINTO

      Yiva ukuba yintoni iArmagedon.

      “Yintoni Imfazwe YeArmagedon?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

      Funda ukuba yintoni eza kwenzeka xa uYesu elawula njengoKumkani nasemva kweminyaka eyi-1 000 yokulawula kwakhe.

      “Kuza Kwenzeka Ntoni NgeMini YoMgwebo?” (IMboniselo, Septemba 1, 2012)

      Bukela indlela iintsapho ezinokwenza ngayo ukuze zizibone zikunye eParadesi.

      Khawuzibone UseParadesi (1:50)

      Kwibali elithi “Ndandikhathazwa Yimibuzo Emininzi,” funda ukuba umntu owayengazifuni iipolitiki wayazi njani eyona nto yayiza kulungisa iingxaki awayezibuza ngazo.

      “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu” (IMboniselo, Januwari 1, 2012)

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share