IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 2/15 iphe. 26-27
  • Funda Kwiimpazamo ZamaSirayeli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Funda Kwiimpazamo ZamaSirayeli
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Anxulumana Nabantu Beentlanga Agqibela Ngokunqula Izithixo
  • Aqala Ngokuba Ngabalimi Agqibela Ngokunqula uBhahali
  • Isilumkiso Esinamandla Kuthi Namhlanje
  • “Banoyolo Abo Bagcina Izikhumbuzo Zakhe”
  • Unqulo LukaBhahali Luzama-Zamana Neentliziyo ZamaSirayeli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Walumkele Amaqhinga KaSathana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • “Abantu AbaThixo Wabo UnguYehova”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Musani Ukuba Ngabevayo Nize Nilibale
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 2/15 iphe. 26-27

Funda Kwiimpazamo ZamaSirayeli

AMASIRAYELI ayekwazi kakuhle oko uYehova wayekulindele kuwo njengoko ayengena kwiLizwe Lesithembiso. Esebenzisa uMoses, uThixo wathi kuwo: “Nimele nibagxothe bonke abemi belo lizwe phambi kwenu nize niyitshabalalise yonke imifanekiso yabo yamatye, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyitshabalalise, nazo zonke iindawo zabo eziphakamileyo ezingcwele nize nizitshabalalise.”—Num. 33:52.

AmaSirayeli ayengamele enze nawuphi na umnqophiso nabantu belo lizwe, okanye abatshate. (Dut. 7:2, 3) Eneneni, abantu abanyuliweyo bakaThixo balunyukiswa: “Zilinde ukuba ungenzi mnqophiso nabemi belo zwe uya kulo, hleze ube ngumgibe phakathi kwakho.” (Eks. 34:12) Sekunjalo, amaSirayeli akazange amthobele uThixo ibe angena emgibeni. Yintoni eyakhokelela kuloo ntlekele? Sifunda ntoni kwizinto ezawehlelayo?—1 Kor. 10:11.

Anxulumana Nabantu Beentlanga Agqibela Ngokunqula Izithixo

Ukungena kwawo kwiLizwe Lesithembiso amaSirayeli aboyisa ngokulula abemi balo. Kodwa oonyana bakaSirayeli abazange bayithobele ngokupheleleyo imiyalelo kaYehova. Abazange bazigxothe iintshaba zabo. (ABagwe. 1:1–2:10) Ngokwahlukileyo, njengoko amaSirayeli ayehlala phakathi ‘kweentlanga ezisixhenxe’ ezazikuloo mmandla, ukunxulumana rhoqo nazo kwakhokelela ekubeni abe ngabahlobo bazo. (Dut. 7:1) Oku kwawachaphazela njani amaSirayeli? IBhayibhile ithi: ‘Azithabathela iintombi zazo ukuba zibe ngabafazi bawo, kwaye ezawo iintombi azinika oonyana bazo, aza akhonza oothixo bazo. Ngoko oonyana bakaSirayeli benza okubi emehlweni kaYehova, yaye bamlibala uYehova uThixo wabo baza bakhonza ooBhahali nezibonda ezingcwele.’ (ABagwe. 3:5-7) Ukunxulumana kwamaSirayeli nabemi belo lizwe kwakhokelela ekubeni atshate nabo aza anqula izithixo zabo. Athi akutshata nabo, kwaba nzima ukubagxotha. Unqulo lokwenyaniso lonakaliswa, aza akhonza oothixo bobuxoki.

Bathi bakuba ngabahlobo bawo, abemi beLizwe Lesithembiso bayingozi ngakumbi ngokomoya kumaSirayeli kunokuba babenjalo ngoxa babeziintshaba zawo. Khawucinge nje ngenye indlela ekusenokwenzeka ukuba lonakaliswa ngayo unqulo lokwenyaniso.

Aqala Ngokuba Ngabalimi Agqibela Ngokunqula uBhahali

Ukungena kwabo kwiLizwe Lesithembiso, oonyana bakaSirayeli bayeka ukuba ngoonothwal’ impahlana baza baba ngabalimi. Kusenokwenzeka ukuba bafika basebenzisa iindlela zokulima zamaKanan awayehlala apho. Kuyabonakala ukuba abazange baphelele nje ekufundeni ezo ndlela zokulima. Ukunxulumana kwamaSirayeli nabemi balapho kwawalukuhlela ekubeni amkele iinkolelo zabo ezinxulumene nokulima.

AmaKanan ayenqula ooBhahali abaninzi—oothixo ekwakukholelwa ukuba bayawuchumisa umhlaba. Ngaphandle kokuhlakula nokuvuna, ekuhambeni kwexesha amaSirayeli aba nenxaxheba ekunquleni oothixo bamaKanan njengabanika intabalala. Ngenxa yoko, abaninzi kwaSirayeli babesenza ngathi banqula uYehova, kodwa enyanisweni babewexukile.

Isilumkiso Esinamandla Kuthi Namhlanje

Akunakwenzeka ukuba amaSirayeli ayeneenjongo zokunqula uBhahali nako konke ukungcola kwakhe ukuqala kwawo ukunxulumana nabemi beLizwe Lesithembiso. Kodwa ke unxulumano lwawo lwawakhokelela kuloo nto kanye. Ngaba nathi asinakulindela ingozi efanayo ukuba sinxulumana nabo babonakala benobuhlobo kodwa abangamnquliyo uYehova nabangayihloneliyo imilinganiselo nemigaqo yakhe? Kakade ke, zikho izinto ezisidibanisa nabangakholwayo, emsebenzini, esikolweni okanye ekhaya. Noko ke, oko kwehlela amaSirayeli kusifundisa ukuba ukunxulumana nabangakholwayo kukuzithezela olunenkume. IBhayibhile isixelela le nyaniso ingenakuphikiswa: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 Kor. 15:33.

Namhlanje, sijamelene nocelomngeni olufanayo nolo lwamaSirayeli. Nabanamhlanje abantu banezinto abazinqulayo. Ezo zinto ziquka imali, abantu abadumileyo kwezolonwabo, amaqhawe ezemidlalo, iinkqubo zobupolitika, iinkokeli ezithile zonqulo namalungu entsapho. Nayiphi na kwezi zinto isenokuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Ukusondelelana ngokugqithiseleyo nabo bangamthandiyo uYehova kunokulonakalisa ulwalamano lwethu naye.

Ukuziphatha okubi ngokwesini kwakuyinto ephambili kunqulo lukaBhahali yaye kwalukuhla amaSirayeli amaninzi. Nanamhlanje abantu bakaThixo basabanjiswa yimigibe efanayo. Ngokomzekelo, ngokucofa nje ikhompyutha esendlwini yakhe, umntu othand’ ukwazi nongalumkanga unokonakalisa isazela sakhe esicocekileyo. Bekuya kuba buhlungu ngokwenene ukuba umKristu ebenokulukuhlwa yimifanekiso yamanyala ekwi-Internet.

“Banoyolo Abo Bagcina Izikhumbuzo Zakhe”

Isigqibo sokumthobela nokungamthobeli uYehova kumba wokukhetha izinxulumani sesobuqu. (Dut. 30:19, 20) Ngenxa yoko, simele sizibuze oku: ‘Ngoobani endithanda ukuzonwabisa nabo? Baphila ngayiphi imilinganiselo yokuziphatha? Ngaba bayamnqula uYehova? Ngaba ukuba kunye nabo kundinceda ndibe ngumKristu wokwenene?’

Umdumisi wavuma: “Banoyolo abo bandlela yabo ingenasiphoso, abo bahamba emthethweni kaYehova. Banoyolo abo bagcina izikhumbuzo zakhe; bamfune ngentliziyo yonke.” (INdu. 119:1, 2) Eneneni, “unoyolo wonk’ ubani omoyikayo uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.” (INdu. 128:1) Ngamana singafunda kwiimpazamo zamaSirayeli size simthobele ngokupheleleyo uYehova kumba wokukhetha abantu esinxulumana nabo.—IMize. 13:20.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ukunxulumana nabo bangamthandiyo uYehova kunokusikhokelela kunqulo lwezithixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share