Kutheni Sisaluphala Size Sife?
UMBUZO obusoloko uyintsumantsumane kwizazinzulu uthi, kutheni abantu besaluphala baze bafe? Ezinye izazinzulu zithi imizila yemfuza yiyo egqibayo ngeseli nganye ukuba iza kuphila ixesha elide kangakanani. Izimvo ziwa ngokuwa kulo mbandela, eziquka ingcamango yokuba ingqondo ivelisa uhlobo oluthile lwamadlala anegalelo ekwaluphaleni okusithumela kwantsonga nyawana ekugqibeleni. Izazinzulu aziqinisekanga ngokuchana kwezi ngcamango, zimbi ziyavuma ukuba isizathu sokwaluphala asaziwa.
Xa usihla amahlongwane izinto eziye zafunyaniswa zizazinzulu nezigqibo eziye zafikelela kuzo, kufanele kukhunjulwe ukuba inkoliso yazo ayimgqali uMdali njengomthombo wobomi. Ziwa zivuka, zinethemba lokufumanisa unobangela wokwaluphala nokufa ngenjongo yokuba ekugqibeleni abantu baphile ixesha elingenammiselo. Zisibetha ngoyaba isibakala sokuba nguMdali ngokwakhe owasigwebela ukufa isibini sokuqala, esi sigwebo wasimisela ngendlela angenakuze ayiqonde ngokupheleleyo umntu, ngendlela efanayo, abo bangaluqheliseliyo ukholo kuNyana wakhe abanakuze babufumane ubomi obungunaphakade.—Genesis 2:16, 17; Yohane 3:16.
Unobangela Wokufa Kwabantu Uyachazwa
Esakuba edaliwe uAdam, uThixo wabeka ‘umthi wobomi’ kumyezo wase-Eden. (Genesis 2:9) Icace okwekat’ emhlophe ehlungwini into yokuba lo mthi wawungenazo iziqhamo ezimenza umntu aphile ngonaphakade, kodwa wawumela isiqinisekiso sikaThixo “ixesha elingenasiphelo” kulowo amvumelayo ukuba atye isiqhamo sawo. Emva kokuba onile uAdam, akazange avunyelwe ukuba atye kwisiqhamo salo mthi. KuYehova wathi: “Ukuze angoluli isandla sakhe aze athabathe nakwisiqhamo somthi wobomi, adle aze aphile ixesha elingenammiselo,−.” UYehova wenza ngokuvisisana namazwi akhe. Wayengenakuze avumele umntu ongafanelwanga bubomi ukuba aphile emyezweni owenzelwa abantu abangamalungisa aze atye nomthi wobomi.—Genesis 3:22, 23.
UAdam, owayenandipha ubomi ofezekileyo kuba ethobela uYehova, weva indlela esisebenza ngayo isono nesiqhamo saso, esikukufa. Nangona kunjalo wayomelele. Kwanakobobugxwayiba wayekubo, engasenanto yakwenza noThixo nobumoya bokwenene, waphila iminyaka engama-930 ngaphambi kokuba afe. Ebudeni belo xesha lokudla kwakhe amazimba wakwazi ukudlulisela, obo bomi bungafezekanga kwinzala yakhe, uninzi lwayo lwaphila iminyaka engama-700 ukusa kwengama-900.—Genesis 5:3-32.
Oko Kufunwa Ngumntu Ukuze Aphile
Inkoliso yezazinzulu azigatyi unobangela wokufa koluntu kuphela, kodwa eyona mpazamo kukuba, aziyinanzi eyona nto inokwenza abantu baphile ngonaphakade. Ngoxa ukuze aqhubeke ephila umntu kufuneka, aphefumle, asele atye kukho into ebaluleke nangakumbi ukuze aqhubeke ephila. Lo mgaqo wachazwa nguYehova: “Akaphili ngasonka sodwa umntu kodwa uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—Duteronomi 8:3.
Xa umntu wayedalwa, wenziwa ngomfanekiso kaThixo, ngokufana naye. (Genesis 1:26, 27) Apha akubhekiselwa kwimbonakalo, kuba uThixo unguMoya umntu uyinyama. (Yohane 4:24) Ithetha ukuba umntu, wahlukile ‘kwizilwanyana ezingaqiqiyo,’ uyakwazi ukuqiqa; uneempawu ezifana nezikaThixo, njengothando, okusesikweni, ubulumko namandla. (2 Petros 2:12; thelekisa eyabaseKolose 3:10.) Uyakwazi ukusiqonda isizathu sokuba wadalwa nenjongo kaThixo ngaye. Kungenxa yeso sizathu lento anikwa impawu zokomoya. Unokumqonda aze amnqule uMdali wakhe. Wayefuna okungakumbi kunokutya, kwakufuneka ondliwe nangokomoya. Ngaphandle kukaYehova uThixo namalungiselelo akhe okomoya ubomi abunakuze buqhubeke ngokunganasiphelo. Ukuze umntu aphile ngonaphakade uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ukulandela inyaniso kuya kukwenza wazi amalungiselelo kaThixo ngoYesu Kristu, owazinikelayo ukuze abe “yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) UYesu Kristu ubizwa ngokuba “nguAdam wokugqibela . . . umoya onik’ ubomi.” (1 Korinte 15:45) Isiprofeto simbiza ngokuba ‘nguBawo ongunaPhakade’ nangokuba “wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni,” umphefumlo wakhe “ube ngumnikelo wetyala.” Uyakwazi ukuphinda azale uluntu kwakhona, ngaloo ndlela ubanika ubomi abo baqhelisela ukholo ekunikelweni komphefumlo wakhe yaye bathobekile.—Isaya 9:6; 53:10-12.
Ekuphela Kwendlela Eya Kubomi Obungunaphakade
Umpostile uYohane ucaphula uYesu esithi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, abantu beentlanga ababekwa kwisandla sasekunene sikaYesu baba zizimvu, bafumana ‘ubomi obungunaphakade.’ (Mateyu 25:46) Xa uAdam wayedalwa engumntu ofezekileyo ‘wayengunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) Isiprofeto esingumbono kwincwadi yeSityhilelo 21:1-4 salatha kwixesha ‘lamazulu amatsha nomhlaba omtsha’ size sithembise ukuba ngelo xesha ‘akusayi kubakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.’ Ekubeni esi sithembiso singenziwa, kwizidalwa zomoya, kodwa “kuluntu,” siyasiqinisekisa ukuba ibutho lehlabathi elitsha eliphila ngaphantsi ‘kwamazulu amatsha’ liza kubuyiselwa kwimpilo egqibeleleyo lize liphile ngonaphakade emhlabeni “njengabantwana bakaThixo.”
Umyalelo kaThixo awawunika uAdam, wabonisa ukuba, ukuba uAdam wayethobele, wayeza kuphila ngonaphakade. (Genesis 2:17) Utshaba lokugqibela lwabantu, ukufa, luza kutshatyalaliswa, alusayi kuphinda lube nesono esikhokelela ekufeni. Abasayi kuze bafe ukusa kwixesha elingenammiselo. (1 Korinte 15:26) Oku kutshitshiswa kokufa kuza kwenzeka ekupheleni kolawulo lukaKristu, incwadi yeSityhilelo ibonisa ukuba luya kuthabatha iminyaka eli-1 000. Le ncwadi ithi ngabo baza kuba ngookumkani nababingeleli noKristu, “babuyela ebomini baza balawula njengookumkani kunye noKristu iminyaka eliwaka.” “Abanye abafileyo” abazange babuyele ebomini “kwada kwaphela iminyaka eliwaka” bamele ukuba ngabo baya kube bephila ekupheleni kwewaka leminyaka, kodwa ngaphambi kokuba akhululwe uSathana enzonzobileni aze avavanye uluntu okokugqibela. Xa kuphela iminyaka eliwaka, abantu emhlabeni baya kuba befezekile, benjengoAdam noEva ngaphambi kokuba bone. Ngelo xesha baya kube befezekile ngokupheleleyo. Abo baya kuphumelela kuvavanyo emva koko xa kukhululwa uSathana okwexeshana enzonzobileni baya kukwazi ukubunandipha ngonaphakade obo bomi.—ISityhilelo 20:4-10.
Ngokwala mazwi kaYesu kucacile ukuba imigudu yabantu yokolula ubomi ukusa kwixesha elingenammiselo okanye iimfundiso zokuba iintlobo ezithile zokutya okanye ukutya ngeendlela ezithile kuya kunika abantu ubomi obungunaphakade bubuvuvu. Ekuphela kwento ezinokuyenza ngumnyinyiva wokwexeshana. Ekuphela kwendlela kukuthobela iindaba ezilungileyo, “ilizwi lobomi.” (Filipi 2:16) Ukuze umntu afumane ubomi, kufuneka ingqondo icinge ‘ngezinto zaphezulu, kungekhona ngezinto zasemhlabeni.’ (Kolose 3:1, 2) Kwabo babemphulaphule uYesu wathi: “Lowo ulivayo ilizwi lam aze akholelwe kulowo undithumileyo unobomi obungunaphakade, yaye akezi ekugwetyweni kodwa udlule ekufeni waya ebomini.”—Yohane 5:24; 6:40.