IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 4/1 iphe. 3-4
  • “Imfazwe Eza Kuphelisa Zonke Iimfazwe”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Imfazwe Eza Kuphelisa Zonke Iimfazwe”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile Ngemfazwe Yenyukliya?
    Imixholo Engakumbi
  • Imfazwe Eya Kuphelisa Iimfazwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imfazwe Yenyukliya—Ngaba Isesisisongelo?
    Vukani!—2004
  • Imfazwe Yenyukliya—Ngoobani Abasisisongelo?
    Vukani!—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 4/1 iphe. 3-4

“Imfazwe Eza Kuphelisa Zonke Iimfazwe”

‘Ndiyanithembisa ukuba le yimfazwe yokugqibela—imfazwe eza kuphelisa zonke iimfazwe.’—UWOODROW WILSON, UMONGAMELI WASEUNITED STATES (1913-21)

LA NGAMABHONGO awayenawo omnye umongameli welizwe emva kweMfazwe Yehlabathi I, malunga neminyaka engama-90 edluleyo. Ihlabathi lonke laliyingqushu, bonke abantu ababesilwa kule mfazwe babefuna—yaye benyanzelekile—ukukholelwa kwelokuba ukuzijul’ ijacu kwabo kule mfazwe kwakuya kuzisa iingenelo zikanaphakade. Xa sithetha inyani, kunqabile ngeemfazwe zabantu ukuba ziphelise iimfazwe, singasathethi ke ngokuphelisa imfazwe neyiyeyona ngxaki yendeleyo.

Kwiminyaka nje engama-20 emva kokuba uMongameli Wilson enze eso sithembiso, kwaqhambuka imfazwe yehlabathi yesibini. Yabulala abantu abaninzi yaze yashiya ubutyobo obungaphezu kwemfazwe yokuqala. Iminyaka engamashumi amabini yokuhambela phambili ngobugcisa iye yenza abantu baba ziincutshe ekwenzeni izixhobo zokutshabalalisa. Njengokuba imfazwe yehlabathi yesibini yayisiya ngasekupheleni, iinkokeli zehlabathi zabona ukuba imfazwe yayisisisongelo kunanini na ngaphambili.

Ngowe-1945, uNjengele Douglas MacArthur waseMerika wathi: “Ibilithuba lethu lokugqibela. Ukuba asiyili size senze inkqubo ebhetele, iArmagedon iyifikanga igalelekile.”

UNjengele MacArthur wayewazi kakuhle umonakalo owenziwa zibhombu zeathom ezaqhushumba eNagasaki naseHiroshima kwiintsuku zokugqibela zemfazwe yehlabathi yesibini. Ukushiywa kwezo zixeko zibini zaseJapan ziyingqushu kwenza abantu baliqonda ngenye indlela igama elithi “Armagedon”—ukutshatyalaliswa kwesijikelezi-langa sethu yibhombu yenyukliya.

Kudala abantu bephila ubomi bentshontsho besoyika ukutshatyalaliswa yinyukliya. Ngowe-1960 amazwe angoo-ngalo nkulu aye aqulunqa “izixhobo ezitshabalalisayo.” Usukelo lwawo yayikukuba nemijukujelwa okanye indlela ethile yokuqiniseka ukuba ama-25 ekhulwini abantu botshaba nama-50 ekhulwini eendawo zoshishino ziba yingqushu—kungakhathaliseki ukuba ngubani oqale umlo. Abantu abaninzi baxhomekeke kweli cebo ukuze kugcinwe uxolo emhlabeni.

Namhlanje, izixhobo zenyukliya zidlala abantwana yaye imimandla egquba imfazwe inqunqel’ egoqweni abantu abaninzi. Ukutshatyalaliswa yinyukliya kusesisisongelo kuluntu. Nakuba abantu bekhangele phambili ekuphelisweni kweemfazwe, bambalwa abacinga ukuba imfazwe okanye naliphi na icebo linokuphumeza loo maphupha.

Nakuba kunjalo, iBhayibhile ithetha ngemfazwe eza kuphelisa zonke iimfazwe. Le mfazwe “yiArmagedon”—igama abantu abalinxulumanisa nokutshatyaliswa yinyukliya. IArmagedon iza kuziphelisa njani iimfazwe? Inqaku elilandelayo liza kuphendula lo mbuzo.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]

DTRA Photo

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]

Nagasaki, Japan, 1945: USAF photo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share