Imibuzo Yabafundi
Kutheni AmaNgqina KaYehova Engayisebenzisi Imifanekiso Kunqulo Lwawo?
Ehlabathini lonke amaHindu, amaBhuda, amaKatolika, namalungu eCawa yobuOthodoki ayigqala imifanekiso engcwele nezithixo njengenxalenye ebalulekileyo yonqulo lwawo. Kwezinye iindawo zaseAfrika, abantu banqula imifanekiso eyenziwe ngemithi okanye ngelitye yaye bacinga ukuba umoya wesithixo uhlala kuyo.
Ngokwahlukileyo, amaNgqina kaYehova akazisebinzisi izithixo okanye imifanekiso engcwele kunqulo lwawo. Ukuba utyelela iindawo ahlanganisana kuzo, ezaziwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani, uya kufumanisa ukuba akukho mifanekiso “yeengcwele,” ekaYesu okanye ekaMariya.a Siyintoni isizathu soko? Phawula ukuba iBhayibhile ithini ngalo mbandela.
UThixo Wayefuna Enze Ntoni AmaSirayeli?
Emva kokuba ewakhulule amaSirayeli eYiputa, uYehova wawanika imiyalelo engqalileyo ngokuphathelele indlela awayefuna amnqule ngayo. Umthetho wesibini kwiMithetho Elishumi wawusithi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.”—Eksodus 20:4, 5.
Ngexesha kanye uThixo wayenika uMoses le mithetho, amaSirayeli ayezenzele ithole legolide ekusenokwenzeka ukuba ayexelisa amaYiputa awayenqula izilwanyana. Abazange balinike igama lesithixo saseYiputa eli thole. Kunoko, balidibanisa nonqulo lukaYehova. (Eksodus 32:5, 6) Wasabela njani uThixo? Wavutha umsindo kaYehova nxamnye nabo babenqula esi sithixo, kwaye uMoses wasitshabalalisa.—Eksodus 32:9, 10, 19, 20.
Emva koko, uYehova uThixo wacacisa umthetho wesibini. Esebenzisa uMoses, wawakhumbuza amaSirayeli ukuba ‘angazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, wawo nawuphi na umfuziselo, wembonakaliso yendoda okanye ibhinqa, imbonakaliso yaso nasiphi na isilo esisemhlabeni, imbonakaliso yayo nayiphi na intaka enamaphiko ephaphazela emazulwini, imbonakaliso yayo nantoni na enambuzelayo emhlabeni, imbonakaliso yayo nayiphi na intlanzi esemanzini phantsi komhlaba.’ (Duteronomi 4:15-18) Kucacile ukuba amaSirayeli ayengafanele asebenzise nayiphi na imifanekiso xa enqula uThixo.
Sekunjalo, amaSirayeli aphela enqula izithixo. Ukuze awalungise, uYehova wathumela abaprofeti ukuba bawalumkise ngesohlwayo awayeza kusifumana ngenxa yokunqula kwawo izithixo. (Yeremiya 19:3-5; Amos 2:8) Uhlanga lwakwaSirayeli aluzange luzinanze ezo zilumkiso. Ngoko ke, ngowama-607 B.C.E., uYehova wavumela ukuba iBhabhiloni itshabalalise iYerusalem yaye uhlanga luphela lwathinjelwa khona.—2 Kronike 36:20, 21; Yeremiya 25:11, 12.
AmaKristu enkulungwane yokuqala ayekholelwa entwenini?
Xa abo babengengomaYuda baguquka bangamaKristu ngenkulungwane yokuqala, bayeka ukusebenzisa izithixo xa benqula uThixo. Phawula ukuba wathini uDemetriyo, umkhandi wesilivere owayesenza izithixo e-Efese, ngokushumayela kukampostile uPawulos: “Madoda, nazi kakuhle ukuba ukuphumelela kwethu kukweli shishini. Kanjalo, niyabona yaye niyeva ukuba akukho se-Efese kuphela kodwa phantse kuzo zonke izithili zaseAsiya, lo Pawulos weyisela isihlwele esikhulu waza wasiphethulela kolunye uluvo, esithi abo benziwe ngezandla asingabo oothixo.”—IZenzo 19:25, 26.
Amazwi kaPawulos ayavumelana nesityholo sikaDemetriyo. UPawulos wathetha namaGrike aseAthene wathi: “Sifanele singacingi ukuba Lowo Ungokobuthixo unjengegolide okanye isilivere okanye ilitye, njengento eqingqwe ngobugcisa nokuyila komntu. Enyanisweni, uThixo uye akawananza amaxesha okungazi okunjalo, kanti ngoku uxelela uluntu ukuba lufanele lonke kuyo yonk’ indawo luguquke.” (Izenzo 17:29, 30) Ekwathetha ngalo mbandela mnye, uPawulos wabhalela ibandla laseTesalonika waza walincoma esithi: ‘nilahle izithixo naguqukela kuThixo.’—1 Tesalonika 1:9.
NjengoPawulos, umpostile uYohane naye walumkisa ngokusebenzisa izithixo. Ekupheleni kwengulungwane yokuqala, uYohane wathi kubo: “Zilindeni kuzo izithixo.”—1 Yohane 5:21.
AmaNgqina kaYehova athobela umyalelo kaThixo wokungasebenzisi imifanekiso xa emnqula. Ayamphulaphula uYehova uThixo xa esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.”—Isaya 42:8.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ezinye iiHolo zobuKumkani zinemifanekiso yabantu abaseBhayibhileni. Kodwa ke, le mifanekiso iyahombisa nje kuphela ayisetyenziswa njengemifanekiso yonqulo. AmaNgqina kaYehova awathandazi kule mifanekiso kwaye akayinquli.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]
“NdinguYehova. Lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.”—Isaya 42:8.