Ngaba UYesu NguThixo USomandla?
Izinto ezidla ngokuthethwa ngabantu:
▪ “Ewe, uYesu nguThixo uSomandla.”
▪ “UYesu wayeyimbonakalo kaThixo esenyameni.”
Wathini yena uYesu?
▪ “Ukuba benindithanda, beniya kuba nemihlali kukuba ndisimka ndisiya kuBawo, kuba uBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) UYesu wavuma ukuba yena noYise abalingani.
▪ “Ndinyukela kuBawo noYihlo nakuThixo wam noThixo wenu.” (Yohane 20:17) UYesu akazange athi yena unguThixo, kodwa wachaza uThixo njengoMntu owahlukileyo.
▪ “Andithethanga ngokwentshukumisa yam, kodwa uBawo ondithumileyo undinike umyalelo mayela noko mandikuxele noko mandikuthethe.” (Yohane 12:49) UYesu wayengafundisi iimfundiso ezivela kuye; zazivela kuYise.
UYESU wathi unguNyana kaThixo, akazange athi unguThixo uSomandla. Ukuba uYesu ebenguThixo, wayethandaza kubani ke xa wayelapha emhlabeni? (Mateyu 14:23; 26:26-29) Soze kuthi kanti wayezenza ngathi uthetha nomnye umntu!
Xa abafundi bakhe ababini bacela izikhundla ezikhethekileyo eBukumkanini bakhe, uYesu wathi: “Kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam asikokwam ukunikisa ngako, kokwabo kulungiselelwe bona nguBawo.” (Mateyu 20:23) Ngaba uYesu wayebaxokisa xa wayesithi wayengenalo igunya lokubanika loo nto babeyicela? Akunjalo konke konke! Kunoko, ngokuzithoba wavuma ukuba nguThixo kuphela onegunya lokwenza izigqibo ezinjalo. UYesu wada wathi kukho izinto yena neengelosi abangazaziyo ezazisaziwa nguYise kuphela.—Marko 13:32.
Ngaba uYesu wayengaphantsi kuThixo ngexesha awayelapha emhlabeni kuphela? Hayi. Kwanasemva kokufa nokuvuswa kwakhe, uYesu uchazwa yiBhayibhile njengomntu ongaphantsi kunoThixo. Umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba “UThixo ungentla kuKristu.” (1 Korinte 11:3, Today’s English Version) IBhayibhile ithi kwixesha elizayo “zakuba ziphantsi koKristu zonke izinto, uya kwandula ke, uNyana ngokwakhe, azithobe phantsi koThixo, lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto; kwaye uThixo uya kulawula ngokupheleleyo kubo bonke.”—1 Korinte 11:3; 15:28, TEV.
Kucacile ke ukuba uYesu akanguye uThixo uSomandla. Kungoko xa ethetha ngoYise esithi ‘uThixo wam.’—ISityhilelo 3:2, 12; 2 Korinte 1:3, 4.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo ngalo mba, bona iphepha lama-201 ukuya kwelama-204 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
UYesu wathi kukho izinto yena kunye neengelosi ababengazazi ezaziwa nguYise kuphela