Sondela KuThixo
Obona Bungqina Bubalaseleyo Bothando LukaThixo
UABRAHAM wayemthanda uThixo. Lo solusapho unyanisekileyo wayemthanda nonyana wakhe wasebudaleni uIsake. Kodwa xa uIsake wayemalunga nama-25 eminyaka ubudala, uAbraham wajamelana nocelomngeni olungqubana neemvakalelo zokwemvelo zabazali—uThixo wamyalela ukuba abingelele ngonyana wakhe. Kodwa uIsake akazange ade abulawe. Kwathi kanye xa eza kumnqumla uThixo wathumela ingelosi ukuba imnqande. Le ngxelo yeBhayibhile, ebhalwe kwiGenesis 22:1-18, yayisikrobisa kwindlela uThixo asithanda ngayo.
Indinyana yokuqala ithi: “UThixo wamvavanya uAbraham.” UAbraham wayeyindoda yokholo, kodwa ukholo lwakhe lwaluza kuvavanywa ngendlela olwalungazange luvavanywe ngayo ngaphambili. UThixo wathi: “Nceda, uthabathe unyana wakho, unyana wakho okuphela kwakhe, omthanda kunene, uIsake . . . uze umnikele njengomnikelo otshiswayo kwenye yeentaba endiya kukutyumbela yona.” (Indinyana 2) Khumbula, uThixo akavumeli ukuba abakhonzi bakhe balingwe ngaphaya koko banokukuthwala. Ngoko olu vavanyo lwalubonakalisa indlela awayemthemba ngayo uAbraham.—1 Korinte 10:13.
UAbraham akazange amcokovise uThixo kodwa wathobela. Sifunda oku: “UAbraham wavuka ekuseni, walifaka isali iesile lakhe waza wathabatha ababini kubalindi bakhe kunye noIsake unyana wakhe; wacanda iinkuni zomnikelo otshiswayo. Wandula ke wasuka waya kwindawo leyo uThixo oyinyaniso wayemtyumbele yona.” (Indinyana 3) Kuyacaca ukuba uAbraham akazange ayithi pahaha nakubani na loo nto.
Uhambo lweentsuku ezintathu olwalandelayo, lwamnika ithuba lokuyetyisa nzulu yonke le nto. Kodwa uAbraham akazange ahexe kwisigqibo sakhe. Ukholo lwakhe lwacaca kumazwi awawathethayo. Kwathi esakuyibona intaba awayeyalelwe ukuba aye kuyo wathi kwizicaka zakhe: “Hlalani nina apha . . ., kodwa mna nenkwenkwe le sisaya kunqula ngaphesheya phayaa sandule ke sibuye size kuni.” Xa uIsake wabuza ukuba iphi imvu yomnikelo, uAbraham wathi: “UThixo uya kusilungiselela ngokwakhe ngokwakhe imvu.” (Indinyana 5, 8) UAbraham wayecinga ukuba wayeza kubuya naye unyana wakhe. Njani? Kuba “wakubalela ekuthini uThixo wayekwazi ukumvusa [uIsake] kwanakwabafileyo.”—Hebhere 11:19.
Apho kanye phezu kwentaba, xa uAbraham wathabatha “isitshetshe sokuxhela ukuze ambulale unyana wakhe,” ingelosi yamnqanda. UThixo wamnika inkunzi yegusha, ibambeke etyholweni, ukuze uAbraham anikele ngayo “esikhundleni sonyana wakhe.” (Indinyana 10-13) Emehlweni kaThixo kwakufana nokuba kwakusele kubingelelwe ngaye uIsake. (Hebhere 11:17) Omnye umphengululi uthi: “Emehlweni kaThixo, ukuzimisela kuka-Abraham kwakufana nokuba ukwenzile oko.”
Ngokwenene, uYehova wayefanele ukumthemba uAbraham. Kwakhona nentembelo ka-Abraham kuYehova yavuzwa, ngoba uThixo wawuphinda yaye wawandisa umnqophiso wakhe noAbraham, owawuthembisa iintsikelelo kubantu beentlanga zonke.—Indinyana 15-18.
Ekugqibeleni, uThixo wamalela uAbraham ukuba anikele ngonyana wakhe, kodwa xa kwafika ilixa elililo uThixo wanikela ngowakhe unyana. Ukulungela kuka-Abraham ukunikela ngoIsake kwakufanekisela ukunikela kukaThixo ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, uYesu, ukuze kuxolelwe izono zethu. (Yohane 3:16) Ukunikela kukaYehova ngoYesu kubobona bungqina bubalaseleyo bokusithanda kwakhe. Ekubeni uThixo eye walahlekelwa kangaka ngenxa yethu, siya kuba senza kakuhle xa sizibuza lo mbuzo, ‘Yintoni endizimisele ukuyincama ukuze ndikholise uThixo?’