Imibuzo Evela Kubafundi
UYesu wayeshumayele kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli. Ngoko kwakutheni ukuze umpostile uPetros athi amaYuda neenkokeli zawo ‘benza ngokungazi’ xa babefuna ukuba abulawe?—IZe. 3:17.
Xa wayethetha namaYuda ngokubulala kwawo uMesiya, umpostile uPetros wathi: “Ndiyazi ukuba nenza ngokungazi, kanye njengoko nabalawuli benu benjenjalo.” (IZe. 3:14-17) Kusenokwenzeka ukuba amanye amaYuda ayengayiqondi into yokuba uYesu unguMesiya, engaziqondi neemfundiso zakhe. Kodwa amanye, ayebangelwa kukungabi namdla wokukholisa uThixo, kukumjongela phantsi, ngumona nentiyo.
Khawucinge indlela ukungabi namdla kwawo wokukholisa uYehova okwayichaphazela ngayo indlela ababezijonga ngayo iimfundiso zikaYesu. UYesu wayesoloko efundisa ngemizekeliso, yaye wayebacacisela bonke ababenqwenela ukufunda okungakumbi. Sekunjalo, abanye kuwo babesuka bahambe, bangenzi nzame zokuqonda oko kuthethwayo. Ngesinye isihlandlo, kwanabanye babafundi bakhe bakhutyekiswa yinto eyathethwa nguYesu. (Yoh. 6:52-66) Abazange baqonde ukuba xa uYesu wayesenza imizekeliso, ufuna ukubona enoba bakulungele kusini na ukuguqula indlela ababecinga ngayo nababesenza ngayo izinto. (Isa. 6:9, 10; 44:18; Mat. 13:10-15) Abazange bacinge nangesiprofeto esasibonisa ukuba uMesiya wayeza kufundisa ngemizekeliso.—INdu. 78:2.
Abanye bayigatya imfundiso kaYesu kuba babemjongele phantsi. Xa wayefundisa kwindlu yesikhungu kwidolophu yakowabo, eNazarete, abantu babethe “khamnqa.” Kodwa ngaphambi kokuba bamamkele uYesu njengoMesiya, babuza imibuzo ngemvelaphi yakhe, besithi: “Lo mntu uzifumene phi ezi zinto? . . . Lo ngumchweli unyana kaMariya nomntakwabo Yakobi noYosefu noYudas noSimon, akunjalo? Yaye oodade wabo balapha kunye nathi, akunjalo?” (Marko 6:1-3) Abantu baseNazarete, bayijongela phantsi imfundiso kaYesu kuba wayekhuliswe ngamahlwempu.
Kuthekani ngeenkokeli zonqulo? Ezininzi azizange zinikele ngqalelo kuYesu ngenxa yezizathu ezifanayo. (Yoh. 7:47-52) Zayigatya nemfundiso yakhe ngenxa yomona, kuba uYesu wayephulaphulwa ngabantu. (Marko 15:10) Ezinye zamchasa ngokukrakra kuba wazibhenca ukuba zingabahanahanisi nabakhohlisi. (Mat. 23:13-36) UYesu wazigxeka kabukhali ngenxa yokuzimfamekisa kwazo, esithi: “Yeha nina niwaziyo uMthetho, ngokuba nasithabatha isitshixo solwazi; nina ngokwenu aningenanga [eBukumkanini], nabo babengena nabathintela!”—Luka 11:37-52.
Kangangeminyaka emithathu enesiqingatha, uYesu washumayela iindaba ezilungileyo kwelo lizwe. Waqeqesha nabaninzi ukuba benze lo msebenzi. (Luka 9:1, 2; 10:1, 16, 17) UYesu nabafundi bakhe babephumelela kangangokuba abaFarisi bakhalaza besithi: “Yabonani! Ihlabathi lilandele yena.” (Yoh. 12:19) Kuyabonakala ukuba inkoliso yamaYuda yayingekho sebumnyameni. Sekunjalo, into ‘awayengayazi’ kukuba uYesu nguMesiya. Ngewayefunde okungakumbi ngoMesiya aze amthande, kodwa akazange akwenze oko. Amanye aba negalelo ekubulaweni kukaYesu. Noko ke, umpostile uPetros wawabongoza amaninzi esithi: “Guqukani, ke ngoko, nijike khon’ ukuze zicinywe izono zenu, ukuze amaxesha okuhlaziya eze evela kuYehova ngenkqu nokuze athumele uKristu omiselwe ngenxa yenu, uYesu.” (IZe. 3:19, 20) Kuyabonakala ukuba amaYuda amaninzi kuquka “isihlwele sababingeleli,” aqalisa ukunikela ingqalelo. Ayengasenzi ngokungazi. Kunoko, aguquka waza uYehova wakholiswa ngawo.—IZe. 2:41; 4:4; 5:14; 6:7.