IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 2/1 iphe. 8-10
  • ‘Ayekhuthele Emizini Yawo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Ayekhuthele Emizini Yawo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • UMariya Ukhetha “Isahlulo Esilungileyo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • “Ndikholiwe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Ndikholiwe”
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Khonza UYehova Ngaphandle Kweziphazamiso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 2/1 iphe. 8-10

Ubomi Namaxesha AmaKristu Enkulungwane Yokuqala

‘Ayekhuthele Emizini Yawo’

“Ke kaloku njengoko babehamba wangena kwidolophana ethile. Umfazi othile apho ogama linguMarta wamamkela njengondwendwe endlwini yakhe. Lo mfazi wayenodade wabo obizwa ngokuba nguMariya, owathi, noko ke, wahlala phantsi ngasezinyaweni zeNkosi ephulaphula amazwi ayo. UMarta, kwelinye icala, wayephazanyiswa kukunyamekela imisebenzi emininzi. Ngoko, wasondela waza wathi: “Nkosi, ayinamsebenzi na kuwe into yokuba udade wethu endiyekela ndilungiselele ndedwa? Yitsho kuye andincedise.” Ekuphenduleni iNkosi yathi kuye: “Marta, Marta, uzixhalabise ngezinto ezininzi. Zizinto ezimbalwa, ezifunekayo, okanye inye kuphela. Yena ke, uMariya unyule isahlulo esilungileyo, yaye asiyi kususwa kuye.’”—LUKA 10:38-42.

KUYACACA ukuba uMarta wayekhuthele yaye kuyabonakala ukuba babemhlonela nabanye. Ngokwesithethe samaYuda enkulungwane yokuqala, ukubaluleka kwebhinqa kwakuxhomekeka kubuchule balo bokwenza umsebenzi wasekhaya nokuyinyamekela kakuhle intsapho yalo.

Nabafazi bamaKristu enkulungwane yokuqala babekhuthazwa ukuba “bakhuthale emizini yabo.” (Tito 2:5) Kodwa ke babephinda babe nelungelo lokufundisa abanye ngobuKristu. (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 2:18) Yiyiphi eminye ‘yemisebenzi emininzi’ ekwakufuneka yenziwe ngabafazi bamaYuda benkulungwane yokuqala? Sisiphi isifundo esinokusifunda kumazwi awathethwa nguYesu ngoMariya?

“Ukunyamekela Imisebenzi Emininzi” Abafazi bamaYuda babevuka ekuseni, mhlawumbi ngaphambi kokuphuma kwelanga. (IMizekeliso 31:15) Emva kokuphekela intsapho yakhe isidlo sasekuseni umfazi wayekhapha abantwana bakhe abangamakhwenkwe abase esikolweni. Amantombazana wona ayeshiyeka ekhaya ukuze afundiswe ukuba ngabafazi abanobuchule.

Umama nabantwana bakhe babevuka benze imisebenzi yasekhaya—bazalise izibane zeoli (1), batshayele (2) baze basenge iibhokhwe (3). Emva koko babesenza isonka esiza kutyiwa ngaloo mini. Amantombazana ayesela ingqolowa (4) aze ayigube elityeni (5). Umama wayeye axove ngawo loo mgubo. (6) aze enze eminye imisebenzi ngoxa elinde intlama ukuba inyuke. Ngelo xesha amantombazana wona ayesenza itshizi ngobisi lwebhokwe (7).

Ngentlazana, umama nentombi zakhe babesiya emarikeni. Apho wayefika athenge izinto aza kuzisebenzisa ngaloo mini (8). Kwakutyiwa imifuno kwakunye nentlanzi eqwayitiweyo. Ukuba loo nkosikazi yayingumKristu yayinokusebenzisa elo thuba ukuze ishumayele kubantu abasemarikeni.—IZenzo 17:17.

Umama ophaphileyo wayefundisa abantwana bakhe ngeZibhalo xa esendleleni eya emarikeni. (Duteronomi 6:6, 7) Kusenokwenzeka ukuba wayephinda afundise iintombi zakhe indlela yokuthenga.—IMizekeliso 31:14, 18.

Omnye umsebenzi owawusenziwa ngabantu ababhinqileyo yayikukukha amanzi equleni, yaye kusenokwenzeka ukuba apho babefika bancokole nabanye abafazi abeze kukha amanzi (9). Umama neentombi zakhe babefika ekhaya babhake kwizitovu ezazidla ngokubaswa phandle (10). Babesilinda ngencoko isonka sabo esasitsho ngevumba elimnandi, kodwa ke bemana bephosa iliso ukuze singatshi.

Emva koko babesiya kuhlamba impahla yabo emfuleni (11). Impahla yabo babeyihlamba ngesepha eyayisenziwa ngothuthu lwezityalo ezithile. Emva koko babeyaneka ematyholweni nasematyeni.

Xa bebuya babehlala eluphahleni baze bathunge nayiphi na impahla ekrazukileyo (12). Kamva amantombazana ayefundiswa ukwenza impahla (13). Kungekudala kwakuye kufike ixesha lokupheka isidlo sangokuhlwa (14). Abantu baloo maxesha babenobubele, ngoko ke intsapho yayikwazi ukupha iindwendwe zayo isonka, imifuno, itshizi, intlanzi kunye namanzi.

Ekupheleni kosuku, nawuphi na umntwana oye wagruzuka xa bekusetyenzwa wayethanjiswa ioli ngaphambi kokuba alale. Emva koko abazali babebalisela abantwana babo ibali leZibhalo baze bathandaze nabo. Kwakuthi ke xa abantwana belele umyeni afumane ithuba elihle lokuncoma umfazi wakhe ngala mazwi adumileyo: “Umfazi ofanelekileyo ngubani na onokumfumana? Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kwelekorale.”—IMizekeliso 31:10.

Ukukhetha “Isahlulo Esilungileyo” Alithandabuzeki elokuba abafazi ababekhuthele ngenkulungwane yokuqala babenemisebenzi emininzi eyayibagcina bexakekile. (Luka 10:40) Kusenjalo ke nanamhlanje, amabhinqa, ngokukodwa anabantwana, ahlala exakekile. Izixhobo zale mihla ziyenze yalula eminye yale misebenzi. Kodwa ke omama abaninzi banyanzelwa ziimeko ukuba banganyamekeli nje iintsapho kuphela, kodwa baphinde baphangele.

Nakuba beneengxaki ezininzi, abafazi abaninzi abangamaKristu baxelisa umzekelo kaMariya okhankanywe ekuqaleni. Bazixabisa kakhulu izinto zokomoya. (Mateyu 5:3) Bazinyamekela kakuhle iintsapho zabo, njengoko zibakhuthaza neZibhalo. (IMizekeliso 31:11-31) Kodwa ke baphila ngokuvisisana nomgaqo owatshiwo nguYesu kuMarta. Ekubeni wayebuxabisa ubuhlobo bakhe noThixo, ngokuqinisekileyo wasigcina eso siluleko. Abafazi abangamaKristu abavumeli imisebenzi yasekhaya ibathintele ekufundeni ngoThixo (15) okanye ekuthetheni nabanye ngokholo lwabo. (Mateyu 24:14; Hebhere 10:24, 25) Ngoko ke bakhetha “isahlulo esilungileyo.” (Luka 10:42) Ngenxa yoko baxatyiswa kakhulu nguThixo, uKristu naziintsapho zabo.—IMizekeliso 18:22.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share