Oko Kwafundiswa NguYesu NgoThixo
“NguNyana kuphela omazi kakuhle uYise. Kodwa ke uNyana uyafuna ukuxelela abanye ngoYise, ukuze nabo bamazi.”—LUKA 10:22 CONTEMPORARY ENGLISH VERSION.
NGAPHAMBI kokuba aze kuba ngumntu emhlabeni, uNyana kaThixo olizibulo wachitha iminyaka emininzi ehleli noYise. (Kolose 1:15) Loo nto yenza lo Nyana wazazi iingcinga, iimvakalelo kunye neendlela zikaYise. Kamva, xa uNyana waba nguYesu owayephila emhlabeni wafundisa abantu inyaniso ngoYise. Sinokufunda lukhulu ngoThixo xa siphulaphula uNyana.
Igama likaThixo Igama likaThixo elithi Yehova lalibalulekile kuYesu. Lo Nyana uthandwayo wayefuna abanye balazi baze balisebenzise igama likaYise. Kwaigama elithi Yesu lithetha ukuthi “UYehova Ulusindiso.” Xa wayethandaza kuYise kubusuku bangaphambi kokufa kwakhe uYesu wathi: “Ndilazisile igama lakho.” (Yohane 17:26) Akumangalisi ukuba uYesu wasebenzisa igama likaThixo waza walazisa kwabanye. Phofu, abanye babeza kuyiqonda njani inyaniso ngoYehova ukuba babelangazi igama lakhe neyona nto liyithethayo?a
Uthando olukhulu lukaThixo UYesu wakha wathandaza wathi kuThixo: “Bawo,. . . wandithanda phambi kokusekwa kwehlabathi.” (Yohane 17:24) Xa wayesemhlabeni, uYesu wabonakalisa iinkalo ezahlukahlukeneyo zothando lukaThixo kuba wayexhamle naye kolo thando xa wayesezulwini.
UYesu wabonisa ukuba uYehova ubathanda bonke abantu. Wathi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi “ihlabathi” alithethi “umhlaba.” Kunoko libhekisela kubo bonke abantu. UThixo uluthanda kakhulu uluntu kangangokuba wada wanikela ngoyena Nyana wakhe uxabisekileyo ukuze abantu abanokholo bakhululwe esonweni nasekufeni baze babe nethuba lokuphila ubomi obungunaphakade. Asinako ukubuqonda ngokupheleleyo ubunzulu bolo thando.—Roma 8:38, 39.
UYesu wafundisa le nyaniso: UYehova uthanda ngamnye kubakhonzi bakhe. Wafanisa uYehova nomalusi oxabisa nganye yezimvu zakhe. (Mateyu 18:12-14) Wathi akukho namnye ungqatyana owela emhlabeni aze uYehova angakwazi oko. Wongezelela wathi: “Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.” (Mateyu 10:29-31) Ukuba uYehova uyakwazi ukubona xa kukho ungqatyana nokuba mnye ongekhoyo kwindlwana yakhe, inokuba unomdla kangakanani ke kuye ngamnye wabakhonzi bakhe? Ukuba uYehova wazi unwele ngalunye lwethu, ngaba ikho into angayaziyo ngobomi, iimfuno kunye neengxaki zethu?
UBawo wasezulwini Njengokuba siye safunda kwinqaku elandulela eli, uYesu ungokuphela koNyana ozelwe nguThixo. Akumangalisi ke ngoko ukuba lo Nyana wayesithi “Bawo” xa ebiza uYehova. Kumazwi okuqala kaYesu aseBhayibhileni awawathetha etempileni xa wayeneminyaka eli-12 ubudala, wabhekisela kuYehova ngokuthi ‘uBawo.’ (Luka 2:49) Igama elithi “Bawo” livela malunga nezihlandlo ezili-190 kwiincwadi zeVangeli. UYesu wayedla ngokuthi uYehova “nguYihlo,” “uBawo wethu” okanye “uBawo.” (Mateyu 5:16; 6:9; 7:21) Ukuthetha kwakhe ngale ndlela ngoYise kubonisa ukuba abantu abangafezekanga nabanesono banokukwazi ukuba nobuhlobo noYehova.
Unenceba yaye ukulungele ukuxolela UYesu wayesazi ukuba abantu abangafezekanga badinga inceba kaYehova. Kumzekeliso wakhe wonyana wolahleko, uYesu wathelekisa uYehova kunye nobawo onemfesane noxolelayo, owanga unyana wakhe oguqukileyo. (Luka 15:11-32) Ngoko ke, amazwi kaYesu asiqinisekisa ukuba uYehova ukhangela nakuphi ukuguquka komoni aze amenzele inceba. UYehova uyamxolela umoni oguqukayo. UYesu wathi: “Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo olungakumbi ezulwini ngenxa yomoni omnye oguqukayo kunangenxa yabo bangamashumi asithoba anesithoba abangamalungisa abangaswele nguquko.” (Luka 15:7) Ngubani ongekhe atsaleleke kuThixo onenceba ngolo hlobo?
Umphulaphuli wemithandazo Xa wayephila ezulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu wazibonela ngokwakhe ukuba uYehova ‘ungumphulaphuli wemithandazo’ yaye uyavuyiswa kukuva imithandazo yabakhonzi bakhe. (INdumiso 65:2) Ngenxa yoko, uYesu wafundisa abo babemphulaphula indlela yokuthandaza kunye noko babemele bakuthandazele. Wathi kubo: “Ungaphindaphindani nento enye.” Wathi abantu bamele bathandazele ukuba ukuthanda kukaThixo ‘kwenzeke emhlabeni, njengasezulwini.’ Sinokuthandazela nokutya, ukuxolelwa kwezono noncedo lokuxhathisa izilingo. (Mateyu 6:5-13) Wafundisa ukuba uYehova uyiphendula njengotata imithandazo eyenziwa ngabakhonzi bakhe abanokholo.—Mateyu 7:7-11.
UYesu wafundisa inyaniso ngoYehova nangobuntu bakhe. Kodwa ke, ikho enye into eyafundiswa nguYesu ngoYehova—indlela uYehova aza kuwuguqula ngayo umhlaba ukuze azalisekise injongo yakhe ngawo nangabantu abahlala kuwo. Eneneni lo yayingowona mxholo wesigidimi esasishunyayelwa nguYesu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elithi Yehova livela izihlandlo ezimalunga nama-7 000 kumbhalo wokuqala weBhayibhile. Intsingiselo yeli gama inxulunyaniswa namazwi athi: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (Eksodus 3:14) UThixo unokuba yiyo nantoni na efunekayo ukuze aphumeze injongo yakhe. Eli gama liqinisekisa ukuba uThixo uya kusoloko enyanisekile yaye nantoni na ayithembisileyo iya kwenzeka.